1KWABEKUTE nxa u‐Davide abehleli endlwini yake, wandula wati u‐Davide ku‐Natane umprofite: Bona ke, mna ndihleli endlwini yesedare, kodwa ityeya yocebano lukayehova ihleli ngapantsi kwezikuselo. 2Waza u‐Natane wati ku‐Davide: Yenza konke okusentliziyweni yako; ngokuba utixo enawe.
3Kwaye kute ngobobusuku, kweza ilizwi likatixo ku‐Natane, lisiti: 4Hamba uti ku‐Davide isicaka sam: Utsho uyehova ukuti: Akuyi kundakela indlu yokuhlala wena. 5Ngokuba ndingahlalanga endlwini, kwa semhleni ndabendinyusa o‐Sirayeli kwada kwanamhla nje; koko ndisukile kwenye intente ukuya kwenye, nakwenye itabanakele ukuya kwenye. 6Apo kusukuba ndihambile kona kunye no‐Sirayeli bonke, ndike ndateta ilizwi na kwomnye wabagwebi bo‐Sirayeli, endibe ndibayalele ukwalusa abantu bam, ndisiti: Yinina ukuba anindakeli indlu yesedare? 7Ngako kaloku, uya kutsho kwisicaka sam, ku‐Davide, ukuti: Utsho uyehova wemikosi ukuti: Mna ndakutabata esibayeni, kwa sekulandeleni igusha, ukuba ube yinkosi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli: 8ndabendiko nawe apo kusukuba ubuhamba kona, nazo zonke intshaba zako ndizinqamlile ebusweni bako; kanjalo ndikwenzele igama elinjengegama labakulu abasemhlabeni: 9ndandiya kumisela abantu bam o‐Sirayeli indawo, ndibatyale, baze beme endaweni yabo, bangabi sazanyazanyiswa; kanjalo usapo lwobumenemene aluyi kubuya lubasinyise, njengasekuqaleni, 10nakuselokwemihla ndabendimisa abagwebi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli: nazo zonke intshaba zako ndizitobisile. Kanjako ndiyashumayela kuwe ukuba uyehova wokwakela indlu. 11Kwakuya kuti, xeshekweni izalisekile imihla yako yokuba woya kulala noyihlo bako, ndiya kwandula ndivuse owenzalo yako emva kwako, oya kuba ngowonyana bako, ndibuqinise ubukumkani bake. 12Nguye oya kundakela indlu, ndandiya kuqinisa iterone yake kude kube ngunapakade. 13Mna ndiya kuba nguyise kuye, naye woba ngunyana kum; nobubele bam andiyi kubususa kuye, njengokuba ndabususa kulowo obepambili kuwe: 14kodwa ndiya kummisa endlwini yam nasebukumkanini bam kude kube ngunapakade; neterone yake iya kuqiniswa kude kube ngunapakade. 15Ngawo onke lamazwi, nangawo wonke lomboniso, wateta u‐Natane kwa ngokunjalo ku‐Davide.
16Wandula ukumkani u‐Davide wangena wahlala ebusweni bukayehova, wati: Ndingubanina mna, Yehova, Tixo! iyinto nina nendlu yam, ukuba undizisile kude kwalapa? 17Oku bekuncinane noko emehlweni ako, Tixo! ngokuba utetile ngendlu yesicaka sako kude kube kude, wandibona njengesiko labantu kwa pezulu, Yehova, Tixo! 18Yinto nina angasalekela u‐Davide ukuyiteta kuwe, ngokubekwa kwesicaka sako? ngokuba wena usazi isicaka sako. 19Yehova! ngenxa yesicaka sako, nanjengeyako intliziyo, wenzile bonke obubukulu, kuze kwaziswe zonke ezizinto zinkulu. 20Yehova! akuko onjengawe, kanjako akuko utixo ngapandle kwako, njengako konke esikuvileyo ngendlebe zetu. 21Kanjalo sisipina isizwe sinye emhlabeni esinjengabo abantu bako o‐Sirayeli, owati utixo waya ukubakulula babe ngabantu bake, uze uzenzele igama lobukulu nolwoyikeko, ngokugxota abaheyideni pambi kwabantu bako, owaukulule bona e‐Jipete? 22Waubenzile abantu bako o‐Sirayeli ukuba babe ngabantu bako kude kube ngunapakade; nawe, Yehova! waba ngutixo wabo. 23Ngako kaloku, Yehova! ilizwi ulitetileyo ngaso isicaka sako, nangayo indlu yaso, malinyaniswe kude kube ngunapakade, wenze njengokuba utetile. 24Ewe malinyaniswe, negama lako malenziwe likulu kude kube ngunapakade, kuze kutiwe: Uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, u ngutixo ko‐Sirayeli; nendlu ka‐Davide isicaka sako, maiqiniswe pambi kwako. 25Ngokuba wena, Tixo wam! utyilele indlebe yesicaka sako okokuba uya kusakela indlu; ngako oko isicaka sako sifumene entliziyweni yake ukutandaza ebusweni bako. 26Nakaloku, Yehova! wena unguye utixo, nezizinto ezilungileyo uzitetile ngaso isicaka sako: 27ngako kaloku makukoleke kuwe ukutamsanqela indlu yesicaka sako, ukuba ibeko pambi kwako kude kube ngunapakade; ngokuba wena, Yehova! uyitamsanqele, yaiya kutanyusanqelwa kude kube ngunapakade