1KWAYE kute emveni kwoku, ukuba u‐Nahashe ukumkani wosapo luka‐Hamoni wabuba; waza unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake. 2Wandula wati u‐Davide: Ndiya kwenza ububele ku‐Hanune unyana ka‐Nahashe, ngokuba uyise ebesenza ububele kum. Waza u‐Davide wasusa izigidimi ukuya kumku̔za ngaye uyise wake. Zada zafika izicaka zika‐Davide elizweni losapo luka‐Hamoni ku‐Hanune, ukuza kumku̔za. 3Koko inkosana zosapo luka‐Hamoni zati ku‐Hanune: u‐Davide uyambeka na uyihlo emehlweni ako, ngokuba ebatumele kuwe abaku̔zi? akungenxa yokuba kupengululwe, kucitwe, kuhlolwe ilizwe, ukuba izicaka zake zifikile kuwe kusinina? 4Ngako u‐Hanune watabata izicaka zika‐Davide, waziguya, wazitsheca izivato zazo ngokuziqingatisa ematangeni, wazindulula. 5Baza baya abatile bamxelela u‐Davide ngalamadoda. Wandula watuma ukuwakaulela: ngokuba amadoda lawo ebehlazisiwe kakulu. Wayesiti ukumkani: Hlalani e‐Jeriko, zide zikule indevu zenu, nandule nibuye.
6Kekaloku lwakubona usapo luka‐Hamoni ukuba lunukele u‐Davide, wandula watuma u‐Hanune nosapo luka‐Hamoni iwaka letalente zesilivere, kuze kubaqeshelwe inqwelwana nabakweli bamahashe e‐Mesopotami, nase‐Siriya‐mahaka, nase‐Tsoba. 7Baza baziqeshela inqwelwana zamawaka angama‐shumi matatu anamabini, nokumkani we‐Mahaka nabantu bake, abezayo bati waca pambi kwe‐Medeba: kanjalo usapo luka‐Hamoni lwazihlanganisa luvela ezixekweni zalo, lweza ukulwa.
8Wati u‐Davide akuva oku, watuma u‐Jowabi nawo wonke umkosi wamagoṙa. 9Lwaza lwapuma usapo luka‐Hamoni lwacwangcisela ukulwa ngasesangweni lesixeko; kodwa okumkani abebezile bebebodwa ngasendle. 10Wati u‐Jowabi, akubona ukuba ubuso bokulwa bungakuye, ngapambili nangasemva, wanyula abantu kubo bonke abanyuliweyo bakwa‐Sirayeli, wabacwangcisa ngakuwo ama‐Siriya: 11nesisalela sabantu wabanikela esandleni sika‐Abishai umninawe wake, ababecwangciswa ngakulo usapo luka‐Hamoni. 12Wayesiti: Ukuba ama‐Siriya anamandla pezu kwam, woza ukunceda mna; kodwa ukuba usapo luka‐Hamoni lunamandla pezu kwako, sendiya kunceda wena. 13Yomelela, sizomelezele abantu betu nezixeko zotixo wetu; noyehova makenze okulungileyo emehlweni ake. 14Waza wasondela u‐Jowabi, nabantu abebenaye, ebusweni bama‐Siriya, kuze kuliwe; ada esaba pambi kwake. 15Lwati lwakubona usapo luka‐Hamoni ukuba ama‐Siriya esabile, lwesaba nalo pambi kwo‐Abishai umninawe wake, lwangena esixekweni. Wandula u‐Jowabi weza e‐Yerusaleme.
16Xeshekweni ama‐Siriya abebona ukuba oyisiwe pambi kwama‐Sirayeli, andula atuma izigidimi, apumisa ama‐Siriya abepesheya kwomlambo; wati u‐Shofaki, inkosi yempi ka‐Hadarezere, waya pambi kwawo. 17Kwati kwakuxelwa ku‐Davide, wahlanganisa onke ama‐Sirayeli, wawela i‐Yoredane, weza pezu kwawo, wacwangcisa ngakuwo. Xeshekweni u‐Davide abecwangcisile ngakuwo ama‐Siriya, aza alwa naye. 18Kodwa ama‐Siriya esaba pambi kwama‐Sirayeli; waza u‐Davide wabulala kuwo ama‐Siriya amadoda enqwelwana ezingamawaka asixe̔nxe, namadoda ahambayo ngenyawo angamawaka amashumi mane; wamfisa no‐Shofaki inkosi yempi. 19Zati zakubona izicaka zika‐Hadarezere ukuba zoyisiwe pambi kwama‐Sirayeli, zenza uxolo no‐Davide, zamkonza: aye ama‐Siriya ebengavumi ukunceda usapo luka‐Hamoni kanjako.