Eyokuqala yezikronike 20
1KWABEKUTE ekutwaseni kwomnyaka, ngexesha lokupuma kwabo okumkani, wandula u‐Jowabi wapuma nempi yokulwa, watshabalalisa ilizwe losapo luka‐Hamoni, weza wavingcela i‐Raba. Kodwa u‐Davide wasala e‐Yerusaleme. Waza u‐Jowabi wabeta i‐Raba, wayicita. 2Waye u‐Davide wasusa isitsaba sokumkani walo entlokweni yake, wasifumana siyitalente yegolide ukuba nzima kwaso, sinamatye anqabileyo kuso; saye sibekwa pezu kwentloko ka‐Davide: namaxoba esixeko wawapumisa ngento eninzi kakulu: 3nabantu abebekuso wabapumisa, wabasika ngesaṙa, nangezibulo zesincete, nangamazembe: wenje njalo ke u‐Davide kuzo zonke izixeko zosapo luka‐Hamoni. Waza u‐Davide wabuyela e‐Yerusaleme, nabo bonke abantu.
4Kwaye kute emveni kwoko, kwesuka ukulwa e‐Gezere ngakuwo ama‐Filistiya: okuya u‐Sibekai, um‐Husha, wambulala u‐Sipai, owenzalo ka‐Rafa; aza atotyiswa ke.
5Kwabuya kwabako ukulwa nama‐Filistiya: waza u‐Lehanane, unyana ka‐Yahire, wambulala u‐Lami umzalwana ka‐Goliyate um‐Gate, oluti lwentshuntshe belunjengomti wabaluki.
6Kwabuya kwabako ukulwa e‐Gate: kwaye kuko kona indoda ende, ineminwe namazwane ayo ngesitandatu nangesitandatu, amashumi mabini anesine; kwa yona ibizalelwe kuma‐Rafa nayo. 7Xeshekweni ibigxeka o‐Sirayeli, wandula u‐Jonatane, unyana ka‐Shimeha umzalwana ka‐Davide, wayibulala.
8Aba bazalelwa kuma‐Rafa e‐Gate, bawa ngesandla sika‐Davide, nangesandla sezicaka zake.
Bible Society of South Africa 1902