1WATI u‐Davide, nxa abemdala, ekolisile ukuba nemihla, wamenza u‐Solomone unyana wake ukumkani pezu kwo‐Sirayeli.
2WAZA wahlanganisa zonke inkosi zakwa‐Sirayeli, nabaperisite, naba‐Levi. 3Kekaloku aba‐Levi bebebalwa abaminyaka imashumi matatu nabapezulu ubudala babo; nenani labo, ngabanye ngabanye, ngamadoda ngamadoda, belingamawaka angamashumi matatu anesibozo. 4Kubo aba, amawaka angamashumi mabini anamane ongama umsebenzi wendlu kayehova; namawaka matandatu ebengamagosa nabagwebi: 5kanjalo amawaka mane ebengabalindimnyango; namawaka akwa mane amdumisa uyehova ngeziculiso endizenzileyo, watsho u‐Davide, kuze kudunyiswe.
6Kanjalo u‐Davide wabahlulahlula ezahlulweni, ngabo onyana baka‐Levi, u‐Gereshone, no‐Kohati, no‐Merari.
7Abama‐Gereshone: ngu‐Lahadane, no‐Shimehi. 8Onyana baka‐Lahadane: ngu‐Yehili owokuqala, no‐Zetame, no‐Joweli, abatatu. 9Onyana baka‐Shimehi: ngu‐Shelomiti, no‐Haziyeli, no‐Harane, abatatu. Aba bebezintloko zendlu zoyise zika‐Lahadane. 10Nonyana baka‐Shimehi: ngu‐Yahati, no‐Zina, no‐Yehushe, no‐Beriha: aba bebengonyana baka‐Shimehi, abane, 11u‐Yahati ebengowokuqala, no‐Ziza ebengowesibini: kodwa u‐Yehushe no‐Beriha bebengenonyana abaninzi bona; ngako bebeyindlu yoyise ngokubalwa kunye.
12Onyana baka‐Kohati: ngu‐Hamerame, no‐Yitsare, no‐Hebrone, no‐Huziyeli, abane. 13Onyana baka‐Hamerame: ngu‐Arone, no‐Mosesi. Waye u‐Arone ebesahlulelwa ukungcwalisa izinto ezingcwele kakulu, yena nonyana bake, kude kube ngunapakade, ukuqumisa pambi kwoyehova, ukumkonza, nokutamsanqelisa ngegama lake, kude kube ngunapakade. 14No‐Mosesi, indoda katixo, onyana bake bebebizwa pakati kwesizwe sika‐Levi. 15Onyana baka‐Mosesi: ngu‐Gereshome, no‐Eliyezeri. 16Onyana baka‐Gereshome: u‐Shebuweli ebengoyintloko. 17Onyana baka‐Eliyezeri bebengaba: u‐Rehabiya ebengoyintloko. Wayengenabanye onyana u‐Eleyezeri; kodwa onyana baka‐Rehabiya baba baninzi kunene. 18Onyana baka‐Yitsare: u‐Shelomiti ebengoyintloko. 19Onyana baka‐Hebrone: u‐Jeriya ebengowokuqala, u‐Amariya ebengowesibini, u‐Yahaziyeli ebengowesitatu, no‐Yekamame ebengowesine. 20Onyana baka‐Huziyeli: u‐Mika ebengowokuqala, no‐Yishiya ebengowesibini.
21Onyana baka‐Merari: ngu‐Mahali, no‐Mushi. Onyana baka‐Mahali: ngu‐Elezari, no‐Kishe. 22Wafa u‐Elezari, obengenabo onyana, wanazo intombi kupela; baza onyana baka‐Kishe, abazalwana bazo, bazizeka. 23Onyana baka‐Mushi: ngu‐Mahali, no‐Hedere, no‐Jeremote, abatatu.
24Aba bangonyana baka‐Levi, ngendlu zoyise zabo; abazintloko zendlu zoyise, ngokubalwa kwabo enanini lamagama ngabanye ngabanye, abawenzayo umsebenzi wenkonzo yayo indlu kayehova, beyiminyaka imashumi mabini napezulu ubudala babo. 25Ngokuba ebete u‐Davide: Uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ubapumzile abantu bake, waeya kuhlala e‐Yerusaleme kude kube ngunapakade: 26nakanjako ngaba‐Levi: Mabangabi senokutwala itabanakele, nazo zonke impahla zayo ezizezenkonzo yayo. 27Ngokuba ngawokupela amazwi ka‐Davide bebebalwa aba‐Levi, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo: 28ngokuba indawo yokuma yabo ibingasesandleni sonyana baka‐Arone enkonzweni yendlu kayehova, babe pezu kwawo amabala, napezu kwazo inkambili, napezu kwokuhlanjululwa kwezinto zonke ezingcwele, nomsebenzi wenkonzo yayo indlu katixo; 29kwa owezonka zokuṙozwa, nowomgubo ocolekileyo womnikelo wokudla, nowezonkana ezingenagwele, nowokwojiwayo elukambeni, nowokunyakanyisiweyo ngeoli, nowako konke ukulinganisa nangobuninzi nangobude; 30nokuba beme imiso ngemiso ukumbulela nokumdumisa uyehova, nangokuhlwa kanjako; 31nokuba banikele kuyehova onke amadini okutshiswa, ngemihla yesabata, ngenyanga ezitwasileyo, nangemitendeleko emisiweyo, ngenani, njengesiko elipezu kwabo, futi pambi kwake uyehova; 32nokuba bagcine isigcinelo sentente yentlangano, nesigcinelo seyingcwele indawo, nesigcinelo sonyana baka‐Arone abazalwana babo, enkonzweni yendlu kayehova.