1KEKALOKU usapo luka‐Sirayeli ngenani lalo, intloko zendlu zoyise, nenkosi zamawaka nezamakulu, namagosa alo abemkonza ukumkani ngazo zonke indawo zezahlulo, ezangena zapuma nokupuma inyanga ngenyanga, ngazo zonke inyanga zomnyaka: ezizahlulo amadoda esinye ngesinye ebengamawaka angamashumi mabini anamane. 2Pezu kwesahlulo sokuqala, ngenyanga yokuqala, ebengu‐Yashobame unyana ka‐Zabideli; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane: 3yena ebengowosapo luka‐Faretse, eyintloko pezu kwazo zonke inkosi zemikosi ngeyokuqala inyanga. 4Napezu kwesahlulo senyanga yesibini, ebengu‐Dodai um‐Ahoha; napezu kwesahlulo sake wabengumpati no‐Mikelote; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane. 5Eyesitatu inkosi yomkosi, ngenyanga yesitatu, ibingu‐Benaya unyana ka‐Yoyada, inene elikulu; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane: 6u‐Benaya lo ebeligoṙa pakati kwabamashumi matatu, epezu kwabamashumi matatu kanjako; napezu kwesahlulo sake wabengu‐Hamizabadi unyana wake. 7Eyesine, ngenyanga yesine, ibingu‐Hasaheli umninawe ka‐Jowabi, no‐Zebadiya unyana wake emva kwake; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane. 8Eyesihlanu inkosi, ngenyanga yesihlanu, ibingu‐Shamehute um‐Yizera; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane. 9Eyesitandatu, ngenyanga yesitandatu, ibingu‐Hira unyana ka‐Hikeshe, um‐Tekoha; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane. 10Eyesixe̔nxe, ngenyanga yesixe̔nxe, ibingu‐Heletse um‐Peloni, owosapo luka‐Frayime; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane. 11Eyesibozo, ngenyanga yesibozo, ibingu‐Sibekai um‐Husha, owama‐Zera; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane. 12Eyesitoba, ngenyanga yesitoba, ibingu‐Abihezere um‐Hanatote, owama‐Benjamine; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane. 13Eyeshumi, ngenyanga yeshumi, ibingu‐Maharai um‐Netofati, owama‐Zera; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane. 14Eyeshumi linesinye, ngeyeshumi linesinye inyanga, ibingu‐Benaya um‐Piratone, owosapo luka‐Frayime; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane. 15Eyeshumi linesibini, ngeyeshumi linesibini inyanga, ibingu‐Heledai um‐Netofati, owama‐Hotineli; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane.
16Kanjalo pezu kwezizwe zo‐Sirayeli bebengaba: umpati wama‐Rubene ebengu‐Eliyezeri, unyana ka‐Zikeri; owama‐Simone ebengu‐Shefatiya, unyana ka‐Mahaka; 17owaba‐Levi ebengu‐Hashabiya, unyana ka‐Kemuweli; owama‐Arone ebengu‐Tsadoki; 18owama‐Juda ebengu‐Elihu, owabakuluwe baka‐Davide; owama‐Yisakare ebengu‐Omri, unyana ka‐Mikaheli; 19owama‐Zebulone ebengu‐Yishemaya, unyana ka‐Hobadiya; owama‐Nefatali ebengu‐Jerimote, unyana ka‐Zariyeli; 20owosapo luka‐Frayime ebengu‐Hosheha, unyana ka‐Hazaziya; owesiqingata sesizwe sika‐Manase ebengu‐Joweli, unyana ka‐Pedaya; 21owesiqingata sesizwe sika‐Manase e‐Gileyadi ebengu‐Hido, unyana ka‐Zekariya: owama‐Benjamine ebengu‐Yahasiyeli, unyana ka‐Abenere; 22owama‐Dane ebengu‐Hazareli, unyana ka‐Yerohame: aba ke bebezinkosi zezizwe zo‐Sirayeli.
23Kodwa inani labo abaminyaka imashumi mabini nangapantsi ubudala babo, akalibala u‐Davide: ngokuba ebete uyehova uya kwandisa o‐Sirayeli babe njengenkwenkwezi zezulu. 24U‐Jowabi unyana ka‐Tseruya waqala ukubala, kodwa akagqiba, ngokuba ngenxa yoku bekuko umsindo pezu kwo‐Sirayeli: ngako inani elo belingabekwa embalisweni yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani u‐Davide.
25Kekaloku pezu kwendyebo zokumkani, ebengu‐Hazamaveti unyana ka‐Hadiyeli; napezu kwendyebo ezisezindleni, nasezixekweni, nasemizini, nasezinqatyeni, ebengu‐Jonatane unyana ka‐Huziya; 26napezu kwabo basebenzayo emasimini ekulinyweni kwomhlaba, ebengu‐Hezeri unyana ka‐Kelube; 27napezu kwemiyezo yemiti yeveyine, ebengu‐Shimehi um‐Rama; napezu kwokusemiyezweni yemiti yeveyine ngenxa yokubekelwa kweveyine, ebengu‐Zabedi um‐Shefame; 28napezu kweminquma nemikiwane ebisezihlanjeni, ebengu‐Balihanane um‐Gedere; napezu kweoli ebekelweyo, ebengu‐Yohashe; 29napezu kwenkomo ezadlayo e‐Sharone, ebengu‐Shiterai um‐Sharone; napezu kwenkomo ezibe zisemihlanjeni, ebengu‐Shafate unyana ka‐Hadelai: 30napezu kwenkamela, ebengu‐Obili um‐Shimayeli; napezu kwamaqwaṙashe, ebengu‐Jedeya um‐Meronote; 31napezu kwenkomo ezincinane, ebengu‐Yazizi um‐Hagare: bonke aba bebengabapati pezu kwempahla abenayo ukumkani u‐Davide.
32Kekaloku u‐Jonatane uyisekazi ka‐Davide ebengumpakati, obeyindoda enokuqonda nomba̔li; u‐Yehili unyana ka‐Hakemoni ebendawonye nonyana bokumkani; 33u‐Ahitofele ebengumpakati wokumkani; u‐Hushai um‐Areki ebelikolwane lokumkani; 34nasemva kwo‐Ahitofele, ngu‐Yoyada unyana ka‐Benaya, no‐Abiyatare; nenkosi yomkosi kakumkani ebengu‐Jowabi.