1KEKALOKU onyana baka‐Yisakare: ngu‐Tola, no‐Puwa, no‐Yashube, no‐Shimrone, abane. 2Nonyana baka‐Tola: ngu‐Huzi, no‐Refaya, no‐Jeriyeli, no‐Jamai, no‐Yibesame, no‐Shemuweli, intloko zendlu yoyise yabo, zeka‐Tola: bebengamaṙoti akalipileyo ezizukulwaneni zabo: bebengamawaka angamashumi mabini anesibini, anamakulu matandatu, inani labo emihleni ka‐Davide. 3Nonyana baka‐Huzi; ngu‐Yizeraya: nonyana baka‐Yizeraya: ngu‐Mikaheli, no‐Hobadiya, no‐Joweli, no‐Yishiya, abahlanu, bezintloko bonke.
4Kanjako kunye nabo, ngezizukulwana zabo, ngendlu zoyise zabo, bekuko amabandla omkosi wokulwa, amadoda angamawaka angamashumi matatu anesitandatu: ngokuba bebenabo abafazi nabantwana abaninzi. 5Nabazalwana babo, kuzo zonke izizalwane zika‐Yisakare, amaṙoti akalipileyo, bebengamawaka angamashumi asibozo enesixe̔nxe ukuba̔lelwa kwabo bonke.
6Onyana baka‐Benjamine: ngu‐Bela, no‐Bekere, no‐Yedaheli, abatatu. 7Nonyana baka‐Bela: ngu‐Tseboni, no‐Huzi, no‐Huziyeli, no‐Jerimote, no‐Hiri, abahlanu, intloko zendlu zoyise, amaṙoti akalipileyo; nokuba̔lelwa kwabo, bebengamawaka angamashumi mabini anesibini, anamashumi matatu anesine. 8Nonyana baka‐Bekere: ngu‐Zemira, no‐Yohashe, no‐Eliyezeri, no‐Eliwenai, no‐Omri, no‐Jeremote, no‐Abiya, no‐Hanatote, no‐Halamete: bonke aba bebengonyana baka‐Bekere. 9Nokuba̔lelwa kwabo, ngezizukulwana zabo, intloko zendlu zoyise zabo, amaṙoti akalipileyo, bebengamawaka angamashumi mabini, anamakulu ekwa mabini. 10Nonyana baka‐Yedaheli: ngu‐Bilehane; nonyana baka‐Bilehane: ngu‐Yehushe, no‐Benjamine, no‐Ehudi, no‐Kenana, no‐Zetane, no‐Tareshishe, no‐Ahishahare: 11bonke aba bebengonyana baka‐Yedaheli, intloko zendlu zoyise, amaṙoti akalipileyo, bengamawaka alishumi linesixe̔nxe, anamakulu mabini, abapuma nomkosi ekulweni. 12Kanjalo u‐Shupime no‐Hupime, onyana baka‐Hire; u‐Hushime, onyana baka‐Ahere.
13Onyana baka‐Nefatali: ngu‐Yatsiyeli, no‐Guni, no‐Yetsere, no‐Shalume, onyana baka‐Bileha.
14Onyana baka‐Manase: ngu‐Asiriyeli, owati umfazi wamzala; (kodwa ishweshwe lake, um‐Siriyakazi, lamzala u‐Makire uyise ka‐Gileyadi; 15no‐Makire wamzeka udade ka‐Hupime no‐Shupime abe ngumfazi, ogama lingu‐Mahaka;) negama lowesibini belingu‐Tselofehadi: kekaloku u‐Tselofehadi ebenazo intombi. 16Wati u‐Mahaka umfazi ka‐Makire wazala unyana, wambiza ngegama elingu‐Pereshe; negama lomninawe wake belingu‐Shereshe; nonyana bake bebengu‐Wulame no‐Rakeme. 17Nonyana baka‐Wulame: ngu‐Bedane. Aba ke bangonyana baka‐Gileyadi, unyana ka‐Makire, unyana ka‐Manase. 18Nodade wake, u‐Hamolekete, wamzala u‐Yishehodi, no‐Abihezere, no‐Mahala. 19Kanjalo onyana baka‐Shemida bebengaba; u‐Ahiyane, no‐Shekeme, no‐Likehi, no‐Anihame.
20Nonyana baka‐Frayime: ngu‐Shutela, no‐Beredi unyana wake, no‐Tahate unyana wake, no‐Elehada unyana wake, no‐Tahate unyana wake, 21no‐Zabadi unyana wake, no‐Shutela unyana wake, no‐Hezere, no‐Elehadi. Kekaloku amadoda ase‐Gate, abezelwe elizweni elo, ababulala, ngokuba bebehlile ukuza kutimba inkomo zawo. 22Waza u‐Frayime uyise wabo walila imihla yamininzi; bati abazalwana bake beza ukumku̔za. 23Wada wangena kumfazi wake, owakaulayo, wazala unyana, waza wambiza ngegama elingu‐Beriha, ngokuba ilishwa belihlile indlu yake. 24(Kanjalo intombi yake ibingu‐Shera, owaka i‐Bete‐horone yasezantsi, neyasentla, ne‐Uzene‐shera). 25U‐Refa ebengunyana wake; no‐Reshefe; no‐Tela ebengunyana wake; no‐Tahane ebengunyana wake; 26u Lahadane ebengunyana wake; u‐Hamihude ebengunyana wake; u‐Elishama ebengunyana wake: 27u‐Nune ebengunyana wake; u‐Yoshuwa ebengunyana wake.
28Kekaloku imfuyo zabo nendawo zabo zokuhlala zizezi: i‐Betele namagxamesi ayo; nangasempumalanga, i‐Naharane; nangasentshonalanga, i‐Gezere namagxamesi ayo; kwa ne‐Shekeme namagxamesi ayo, kwada kwase‐Gaza namagxamesi ayo; 29nangasemideni yosapo luka‐Manase, i‐Bete shane namagxamesi ayo: i‐Tahanaki namagxamesi ayo; i‐Megido namagxamesi ayo; i‐Dore namagxamesi ayo. Kuzo ezindawo lwahlala usapo luka‐Josefe unyana ka‐Sirayeli.
30Onyana baka‐Ashere: ngu‐Yimna, no‐Yisheva, no‐Yishevi, no‐Beriha, no‐Sera udade wabo. 31Nonyana baka‐Beriha: ngu‐Kebere, no‐Makiyeli, onguye uyise ka‐Birezaviti. 32Waye u‐Kebere wazala u‐Yafelete, no‐Shomere, no‐Hotame, no‐Shuha udade wabo. 33Nonyana baka‐Yafelete: ngu‐Pasaki, no‐Bimehali, no‐Hashevate: aba bangonyana baka‐Yafelete. 34Nonyana baka‐Shemere: ngu‐Ahi, no‐Roga, no‐Yehuba, no‐Arame. 35Nonyana baka‐Heleme umninawe wake: ngu‐Tsofa, no‐Yimna, no‐Sheleshe, no‐Hamali. 36Onyana baka‐Tsofa: ngu‐Suha, no‐Hanafere, no‐Shuhali, no‐Beri, no‐Yimra, 37no‐Betsere, no‐Hodi, no‐Shama, no‐Shilisha, no‐Yiterane, no‐Bera. 38Nonyana baka‐Yetere: ngu‐Jefune, no‐Pisepa, no‐Ara. 39Nonyana baka‐Hula: ngu‐Arahi, no‐Haniyeli, no‐Retsiya. 40Bonke aba bebengonyana baka‐Ashere, intloko zendlu zoyise, abaketiweyo, amaṙoti akalipileyo, inkosi ezinkulu: nokuba̔lelwa kwabo bapumayo nomkosi ekulweni, bebengamadoda angamawaka amashumi mabini anesitandatu inani labo.