Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 5
1KUKOLISILE ukuvakala ukuti umbulo upakati kwenu, ewe umbulo onjalo ukuba awukankanywa napakati kwabaheyideni, wokokuba umntu wakuni unaye umfazi kayise. 2Nani ke nivutelene, ningatanga nje ngokukumbi nalilela, ukuze akweleliswe kwa pakati kwenu lowo wasenzayo isenzo esi. 3Ngokuba mna okunene, njengokuba ndingeko ngomzimba, kodwa ndiko ngomoya, ndise ndigwebile, njengokungati bendiko, ngaye lowo owenje njalo ukwenza oku, 4egameni lenkosi yetu u‐Yesu Kristu, nihlanganisene nje nina, kwa nomoya wam, kunye namandla enkosi yetu u‐Yesu Kristu, 5ukunikela onjalo ku‐Satane kube kukubujiswa kwenyama, ukuze umoya usindiswe emhleni wenkosi u‐Yesu.
6Akulungile ukuqa̔yisela kwenu. Anazi na ukuba igwele elincinane liyabilisa lonke isimba lentlama? 7Gecani ngoko nipumise igwele elidala, ukuze nibe lisimba lentlama elitsha, njengokuba ningabo abangenagwele. Ngokuba ipasika yetu nayo isibingelwe, kwa u‐Kristu. 8Kwa njalo ke masenze umtendeleko, kungabi ngalo igwele elidala, kungabi nangalo igwele lolunya nobumenemene, kube ngesonka esingenagwele sobunene nenyaniso.
9Ndiba̔lile kuni encwadini yam ukuba maningakolani nabapimisi: 10kungabi kanti ngokukanye nabapimisi belizwe eli, mhlaumbi namabawa, mhlaumbi nabapangi, mhlaumbi nabakonzi bezitixo; ngokuba oko nifanele ukupuma elizweni ke. 11Kodwa kaloku ndiba̔lile kuni ukuba maningakolani naye, xeshekweni umntu obizwa ngegama lomzalwana anguye umpimisi, mhlaumbi olibawa, mhlaumbi umkonzi wezitixo, mhlaumbi umtuki, mhlaumbi olinxila, mhlaumbi umpangi; onjalo maningake nidlelane naye. 12Ngokuba kuyinto nina kum ukuba nabapandle ndibagwebe? Abapakati anibagwebi na nina? 13Kodwa abapandle utixo uyabagweba. Ize nikwelelise lomntu okohlakeleyo kwa kuni nina.
Bible Society of South Africa 1902