1ANDINGUYE na umpostile? andinguye na okululekileyo? andimbonanga na u‐Yesu Kristu inkosi yetu? aninguwo na umsebenzi wam enkosini nina? 2Ukuba andingumpostile kwabanye, noko ndinjalo kambe kuni: ngokuba isincamatiselo sobupostile bam sinini enkosini. 3Kuko oku ukuzitetelela kwam kubo abandibuzayo: 4Asinalo na igunya lokutya nokusela? 5asinalo na igunya lokutabata nati udade ongumfazi, njengabo nabanye abapostile, nabazalwana benkosi, no‐Kefasi? 6umhlaumbi mna ndedwa no‐Banabasi asinalo na igunya lokuba singasebenzi?
7Ngubanina oka akonze njengesodati ngokwake ukuvuza? ngubanina otyalayo isitiya semiti yeveyine, aze angatyi kwiziqa̔mo zaso? umhlaumbi ngubanina owalusayo umhlambi, aze angatyi kwamasi omhlambi? 8Ndiziteta ezizinto njengokwabantu na? awuziteti ezizinto umteto nawo kusinina? 9Ngokuba kuba̔liwe emtetweni ka‐Mosesi ukuti: Akukuyifaka umkala inkabi yakubu̔la. Utixo uyakatala zinkabi na? 10utsho ngenxa yetu kanye kusinina? ewe ngenxa yetu kwaba̔lwa oku: ukuba olimayo efanele ukulima ngetemba; nobu̔layo efanele ukubu̔la ngetemba lokwamkela kwitemba lake. 11Ukuba tina sanihlwayelela izinto ezibumoya, yinto enkulu na ukuba tina siya kuvuna izinto zenu ezibunyama? 12Ukuba abanye bayamkela kweligunya pezu kwenu, asamkeli kulo tina kakulu ngakumbi ke na? Noko asilipatanga igunya eli; kuloko zonke izinto sizinyamezela, ukuze singenzeli ivangeli ka‐Kristu into etintelayo.
13Anazi na, okokuba abo basebenzayo ezintweni ezingcwele bayatya kokwetempile; nokuba abo balindayo esibingelweni bayahlulana nesibingelo? 14Kwa njalo nenkosi yamisela abo bashumayelayo ivangeli, ukuba bapile ngokwevangeli.
15Kodwa mna andipatanga nanye yezizinto; kanjako andiba̔langa ezizinto, ukuze kwenziwe njalo kum: ngokuba kulungele mna ukuba ndife, ngapezu kwokuba asuke umntu alwenze uqa̔yiselo lwam into engento yanto. 16Ngokuba xeshekweni ndishumayelayo ivangeli, andinako ndingaqa̔yisa ngako; ngokuba ndibekelwa unyanzelo; hai kanjalo ilishwa lam, xeshekweni ndingayishumayeli ivangeli! 17Ngokuba lento ukuba ndiyayenza ndivuma, ndinawo umvuzo; kodwa ukuba ndiyayenza ndingavumi, ndipatisiwe ubugosa. 18Uyinto nina ngoko umvuzo wam? Ngowokuba nditi ekushumayeleni ivangeli ndiyenze ivangeli ka‐Kristu ingamelwa nto, ukuze ndingalipati igunya lam evangelini ngokugqitileyo.
19Ngokuba ndikululekile nje kubo bonke, ndazenza isicaka kubo bonke noko, ukuze ndizuze abaninzi ngakumbi. 20Ndaza ndati kuma‐Juda ndaba njengom‐Juda, ukuze ndizuze ama‐Juda; kubo abapantsi kwomteto ndaba njengopantsi kwomteto, ukuze ndibazuze abapantsi kwomteto; 21kubo abangenamteto ndaba njengongenamteto, (ndingengongenamteto kutixo, ndipantsi kwomteto ku‐Kristu,) ukuze ndizuze abangenamteto. 22Kubo ababutataka ndaba njengobutataka, ukuze ndibazuze ababutataka: sendiba zinto zonke kubo bonke, ukuze nditi ngendawo zonke ndisindise inxenye. 23Oku ke ndiyakwenza ngenxa yevangeli, ukuze ndabelwe kuyo kunye nabo.
24Anazi na ukuba abo babalekayo emjikelezweni bayabaleka bonke ke, kodwa uba mnye owamkela umvuzo? Yenzani njalo ukubaleka, ukuba nizuze. 25Kanjako bonke abazamayo ezindlalweni bayenza ngobunca̔tu ezintweni zonke. Kekaloku bona abo ke bayazama ukuze bamkele isitsaba esonakalayo, kodwa tina ukuze samkele esingonakaliyo. 26Mna ngoko ke ndiyenje njalo ukubaleka, njengokuba kungengendawo engabonakaliyo; ndiyenje njalo ukulwa, njengokuba ndingabeti umoya: 27koko ndiwubulala umzimba wam, ndiwukonzise, hleze kungati, ndakuba ndishumayele kwabanye, ndibe mna ngokwam ndingowaliwayo.