1WAZA u‐Ahabi wamxelela u‐Jezebele konke abekwenzile u‐Elija, nabo bonke abebabulele, bonke abaprofite abo, ngeṙele. 2Wandula u‐Jezebele watuma isigidimi ku‐Elija, esiti: Mabenje njalo otixo kum, balekele ukwenje njalo, ukuba andenzi ubomi bako njengobomi bomnye kubo malunga nelixesha langomso! 3Wati akubona oko, wesuka, wahambela ubomi bake, weza e‐Beresheba, eyeyakwa‐Juda, wasishiya isicaka sake kona.
4Kodwa wahamba yena entlango ihambo yamini nye, weza wahlala ngapantsi kwomti weroteme; waza wazicelela ukuba makafe, wati: Kwanele; kaloku, Yehova! susa ubomi bam; ngokuba ndingalungile mna pezu kwobawo bam. 5Wati akuba ebete butu, elele ubutongo ngapantsi kwawo umti weroteme, bona ke, yandula yampata ingelosi, yati kuye. Vuka, utye. 6Waza wakangela, kekaloku nasi ngasentlokweni yake isonkana sojiwe pezu kwamatye ashushu, negubu lamanzi: watya ke, wasela nokusela, wabuya walala pantsi. 7Yabuya ke ingelosi kayehova ngokwesibini, yampata, yati: Vuka, utye; ngokuba ihambo inkulu kuwe. 8Waza wavuka, wadla wasela nokusela, wahamba ngamandla okokutya, imini zamashumi mane nobusuku bamashumi mane, ukuya entabeni katixo, e‐Horebe.
9Wada wafika kona emqolombeni, walalisa apo; kekaloku bona ke, ilizwi likayehova leza kuye, lati kuye: Wenza nto nina apa, Elija? 10Wayesiti: Bendinekwele kakulu ngenxa kayehova, utixo wemikosi; ngokuba usapo luka‐Sirayeli lushiyile ucebano lwako, izibingelo zako luzicitile, nabaprofite bako lubabulele ngeṙele; sendisele mna ndedwa, nobomi bam luyabufuna, ukuba lubususe. 11Wati ke: Puma, ume entabeni pambi kwoyehova. Kekaloku bona ke, uyehova wadlula, wati umoya omkulu onamandla wazirazula intaba, waqekeza namawa, pambi kwoyehova; ebengeko emoyeni uyehova: nasemva kwomoya bekuko isingcangcazelo somhlaba; ebengeko esingcangcazelweni somhlaba uyehova: 12nasemva kwesingcangcazelo somhlaba bekuko umlilo: ebengeko emlilweni uyehova: nasemva kwomlilo bekuko ilizwi elizolileyo elincinane. 13Kwaza kwati, akuva lona u‐Elija, wagqubutela ubuso bake ngengubo yake, wapuma, wema emnyango womqolomba. Kekaloku bona ke, kweza kuye ilizwi, elati: Wenza nto nina apa, Elija? 14Wayesiti: Bendinekwele kakulu ngenxa kayehova, utixo wemikosi: ngokuba usapo luka‐Sirayeli lushiyile ucebano lwako, izibingelo zako luzicitile, nabaprofite bako lubabulele ngeṙele: sendisele mna ndedwa, nobomi bam luyabufuna, ukuba lubususe. 15Wati uyehova kuye: Hamba, buya ngendlela yako ukuya entlango yase‐Damakusi: uti wakufika, utambise u‐Hazayeli abe ngukumkani pezu kwe‐Siriya; 16no‐Jehu unyana ka‐Nimshi uya kumtambisa abe ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli: no‐Elisha unyana ka‐Shafate, owase‐Abele‐mehola, uya kumtambisa abe ngumprofite esikundleni sako. 17Kwaye kuya kuti, osindayo eṙeleni lika‐Hazayeli, lowo u‐Jehu uya kumfisa: nosindayo eṙeleni lika‐Jehu, lowo u‐Elisha uya kumfisa. 18Noko ndisalisile kwa‐Sirayeli amawaka asixe̔nxe, onke amadolo angaguqileyo ku‐Bali, nayo yonke imilomo engamanganga.
19Wasuka wemka apo, wamfumana u‐Elisha unyana ka‐Shafate, obepulusha ngezibini zenkabi zilishumi linesibini pambi kwake, waye yena eneseshumi linesibini: waza u‐Elija wamdlula, waposa ingubo yake pezu kwake. 20Waseleshiya inkabi, wabaleka emva kwo‐Elija, wati: Makendange ubawo noma, ndandule ukulandela wena. Wayesiti kuye: Hamba, buya; ngokuba kuyinto nina endiyenzileyo kuwe? 21Waza wabuya kuye, watabata isibini senkabi, wazibinga, wapeka inyama yazo ngempahla zenkabi, wanika ebantwini, baza badla. Wandula wesuka, wamlandela u‐Elija, wamkonza.