1KWAZA kwati, ngowamakulu mane anamashumi asibozo umnyaka emva kwokupuma kwosapo luka‐Sirayeli elizweni le‐Jipete, ngomnyaka wesine wobukumkani buka‐Solomone pezu kwo‐Sirayeli, ngenyanga yo‐Zive: eyiyo inyanga yesibini, waqala ukwaka indlu kayehova.
2Nalondlu ukumkani u‐Solomone wayakela uyehova, bebuzikubite ezingamashumi matandatu ubude bayo, nekubite ezingamashumi mabini ububanzi bayo, nekubite ezingamashumi matatu ubupakamo bayo. 3Nentendelezo ngapambi kwetempile yendlu, bebuzikubite ezingamashumi mabini ubude bayo ngapambi kwobubanzi bendlu; bebuzikubite ezilishumi ububanzi bayo ngapambi kwendlu. 4Wayenzela indlu ifenstile ezivaliweyo ngamanqwanqwa. 5Wayesaka ngaseludongeni lwendlu inkambili ngokungqonga, ngasezindongeni zendlu ngokungqonga, ezetempile nezendawo yokupendula: wazenza inkambili zasecaleni ngento engqongayo: 6inkambili yasezantsi ibizikubite ezintlanu ububanzi bayo, neyapakati ibizikubite ezintandatu ububanzi bayo, neyesitatu ibizikubite ezisixe̔nxe ububanzi bayo; ngokuba ebeyenzele indlu izifinyelo ngento engqongayo ngapandle, ukuze zingabambeki ezindongeni zendlu. 7Kekaloku indlu le, ekwakiweni kwayo, yakiwa ngamatye asel’ elungisiwe engekasiwa; ukuba bekungavakali izando, nezembe, nenye impahla yesincete kulondlu, ekwakiweni kwayo. 8Ucango lweyapakati inkambili yasecaleni belungelokunene icala lendlu; kwaza kwenyukwa ngezinyukelo ezijikelelayo ukuya kweyapakati, nokunyuka kweyapakati ukuya kweyesitatu. 9Kwa njalo wayaka indlu, wayigqiba; waza wayifulela indlu ngemiqadi nangeplanke zemiti yesedare. 10Wayesaka inkambili ngakuyo yonke indlu, buzikubite ezintlanu ubupakamo bazo: zabambelela endlwini ngemiti yesedare.
11Landula leza ilizwi likayehova ku‐Solomone, lisiti: 12Indlu le, oyakayo wena, ukuba uya kuhamba ngemimiselo yam, uzenze izigwebo zam, uyigcine yonke imiyalelo yam ngokuhamba ngayo, ndiya kwandula ndiliqinise ilizwi lam nawe, endandiliteta ku‐Davide uyihlo wako: 13ndandiya kuhlala pakati kwosapo luka‐Sirayeli; ewe andiyi kushiya abantu bam o‐Sirayeli. 14Kwa njalo u‐Solomone wayaka indlu leyo, wayigqiba.
15Wayesaka indonga zendlu pakati ngeplanke zemiti yesedare; kwa kuwo umzantsi wendlu kude kwakuzo indonga zesifulelwa, waleka ngemiti pakati; nomzantsi wendlu wawaleka ngeplanke zemiti yeberoshe. 16Wayesaka ikubite ezimashumi mabini ecaleni lasemva lendlu ngeplanke zemiti yesedare, kwa kuwo umzantsi kude kwakuzo indonga: wazakela yona pakati, zibe yindawo yokupendula, eyingcwele yezingcwele. 17Ibizikubite ezimashumi mane indlu leyo, kwa itempile engapambili. 18Nesedare pezu kwendlu pakati yona ibilisetyenzwa eliqingqiweyo lekomkomereṙa nentyatyambo ezibenqekileyo; konke bekuyisedare, kungeko nalitye elibonakalayo. 19Nendawo yokupendula wayilungisa endlwini pakati, ukuba kubekwe kona ityeya yocebano lukayehova. 20Kanjako indawo yokupendula ngapambili ibizikubite ezimashumi mabini ubude bayo, nekubite ezimashumi mabini ububanzi bayo, nekubite ezimashumi mabini ubupakamo bayo; wayaleka ngegolide enqabileyo: wasaleka nesibingelo ngesedare. 21Kwa njalo u‐Solomone wayaleka indlu leyo pakati ngegolide enqabileyo: wayedlulisa isikuselo ngemixokolelwane yegolide pambi kwendawo yokupendula, wasaleka ngegolide. 22Nayo yonke indlu wayaleka ngegolide, ide yagqitywa yonke indlu; nesibingelo sipela, esibe sipambi kwendawo yokupendula, wasaleka ngegolide.
23Napakati kwendawo yokupendula wazenza ikerubime zambini ngemiti yeoli: zibe zizikubite zilishumi ubupakamo benye. 24Lazikubite zintlanu elinye ipiko lekerubime, nekubite zintlanu elinye ipiko lekerubime: kwa sencameni yelinye ipiko layo, kude kwasencameni yelinye ipiko layo, ikubite zazilishumi. 25Yabizikubite ezilishumi nekerubime yesibini: zaye zinomlinganiswa mnye nesimilo sinye ikerubime ezo zombini. 26Ubupakamo benye ikerubime bebuzikubite ezilishumi; ibinjalo nekerubime yesibini. 27Wayebeka ikerubime ezo endlwini yapakati: kwaye kutwabululwa amapiko ekerubime, ukuba ipiko lenye lafikela olunye udonga, nepiko lenye ikerubime lafikela olunye udonga; kanjako amapiko azo afikelana pakati kwendlu. 28Ezokerubime wazaleka ngegolide.
29Nazo zonke indonga zendlu ngento engqongayo waziqingqela iziba̔lo eziqingqiweyo zekerubime, nemiti yepalime, nentyatyambo ezibenqekileyo, pakati nangapandle. 30Nomzantsi wendlu wawaleka ngegolide, pakati nangapandle.
31Nocango lwendawo yokupendula walwenzela amapepa ngemiti yeoli: umqolo nemigubasi ibisisiqingata sesihlanu sodonga. 32Amapepa lawo omabini ebengemiti yeoli; napezu kwawo waqingqa iziqingqwa zekerubime, nemiti yepalime, nentyatyambo ezibenqekileyo, wazaleka ngegolide; wafaka igolide pezu kwekerubime napezu kwemiti yepalime kanjako. 33Nangokunjalo walwenzela ucango lwetempile imigubasi ngemiti yeoli, isisiqingata sesine sodonga. 34Namapepa omabini wona ebengawemiti yeberoshe: amapepa omabini olunye ucango ebengajingayo, namapepa omabini olunye ucango ebengajingayo. 35Wayeqingqa pezu kwawo ikerubime, nemiti yepalime, nentyatyambo ezibenqekileyo, wazaleka ngegolide ilungisiwe pezu kwokuqingqiweyo. 36Waza waka ibala lapakati, linenṙozo zintatu zamatye aqandulweyo, noṙozo lunye lwemiqadi yesedare.
37Ngomnyaka wesine ibisekwa indlu kayehova, ngenyanga yo‐Zive; 38nangomnyaka weshumi linesinye, ngenyanga yo‐Bule, eyinyanga yesibozo, ibigqitywa leyondlu, ngazo zonke indawo zayo, nangaso sonke isimilo sayo. Kwa njalo ebeyaka iminyaka yasixe̔nxe.