1KEKALOKU ama‐Filistiya ahlanganisa imikosi yawo kuliwe, ahlanganisana e‐Soko yakwa‐Juda, aya ati waca pakati kwe‐Soko ne‐Hazeka, e‐Epese‐damime. 2Kanjako kwahlanganisana u‐Saule namadoda akwa‐Sirayeli, baya bati waca emhlanjeni wemikoba, bazicwangcisa ukulwa ngakuwo ama‐Filistiya. 3Ati ama‐Filistiya ema ngasentabeni ngelicala, nama‐Sirayeli ema ngasentabeni ngeliya icala, isihlambo sipakati kwawo.
4Kwaza kwapuma emnqubeni wama‐Filistiya indoda engumlamli, ebingu‐Goliyate igama layo, eyase‐Gate, ebude bayo bebuzikubite ezintandatu zinesoluko sesandla. 5Yabinomnqwazi wobedu pezu kwentloko yayo, ivatisiwe ngehempe yentsimbi ebukwetuṙa; nokuba nzima kwayo ihempe yentsimbi, ibizishekele zobedu ezimawaka mahlanu. 6Yabinebrukwe yobedu emilenzeni yayo, nomkonto wobedu pakati kwamagxalaba ayo. 7Uluti lwentshuntshe yayo belunjengomti wabaluki; nentsimbi yentshuntshe yayo ibiyeyeshekele ezingamakulu matandatu zesincete; waye umtwali wekaka ehamba pambi kwayo. 8Yati ke yona yema yabiza emabandleni ama‐Sirayeli, yati kuwo: Kunganina ukuba nipumile ukuza kuzicwangcisa ukulwa? andinguye na um‐Filistiya, nani anizizicaka zika‐Saule na? zinyuleleni indoda, ize ihlele kum. 9Ukuba ingalwa nam, indibulale, sesiya kuba zizicaka zenu; kodwa ukuba ndiyoyisa yona, ndiyibulale, seniya kuba zizicaka zetu, nisikonze. 10Waza wati um‐Filistiya lowo: Ndiyagxeka namhla nje amabandla ama‐Sirayeli; ndinikeni indoda, ukuze silwane. 11Bati bakuva u‐Saule nawo onke ama‐Sirayeli lamazwi om‐Filistiya, bandula betuswa, boyika kakulu.
12Kekaloku u‐Davide ebengunyana walom‐Eferata wase‐Beteleheme‐juda, ogama belingu‐Jese; owabenonyana abasibozo: kanjalo indoda leyo, emihleni ka‐Saule, yahlala ilixego pakati kwabantu. 13Baya onyana abatatu baka‐Jese abakulu, bamlandela u‐Saule ukuya ekulweni: namagama onyana bake abatatu ababesiya ekulweni, ngu‐Eliyabe owamazibulo, nowesibini wake u‐Abinadabi, nowesitatu u‐Shama: 14waye u‐Davide wayengomncinane: bati abakulu abo abatatu bamlandela u‐Saule. 15Kodwa u‐Davide wemka wabuya ku‐Saule, ukuya kuzalusa igusha zoyise e‐Beteleheme. 16Wati um‐Filistiya lowo wasondela kusasa nangokuhlwa, wazimisa kona imihla yamashumi mane. 17Waza u‐Jese wati ku‐Davide unyana wake: Batabatele ke abakuluwe bako iyefa yalamaqashu, nezizonka ezilishumi, ugidime uye emnqubeni kubakuluwe bako; 18nezizonka zamasi ezilishumi uzise kuyo inkosi yewaka, nabakuluwe bako uye kubabona ukuba kunjanina ukupila kwabo, nombambiso wabo uwutabate. 19Kekaloku u‐Saule, nabo bona, nawo onke amadoda akwa‐Sirayeli, bebesemhlanjeni wemikoba, besilwa nama‐Filistiya.
20Wandula u‐Davide wavuka kusasa, wazishiya igusha kumlindi, watabata, wahamba, njengokuba u‐Jese ebemyalele; wada wafika eludongeni lwenqwelo, nxa impi ibipuma ngamabandla, nanxa kwamemezelwa ukulwa: 21ngokuba ama‐Sirayeli nama‐Filistiya ebecwangcisile ibandla ngakulo ibandla. 22Wasuka u‐Davide washiya impahla ezikuye ezandleni zomlindi wempahla, wagidimela ngasemabandleni, weza wabuza abakuluwe bake ukupila kwabo. 23Nxa abeteta nabo, nantsi indoda engumlamli inyuka, egama belingu‐Goliyate, um‐Filistiya wase‐Gate, ivela emabandleni ama‐Filistiya, eyateta njengalamazwi: weva ke u‐Davide. 24Aza onke amadoda akwa‐Sirayeli, akubona londoda, abaleka ebusweni bayo, oyika kakulu. 25Kanjalo amadoda akwa‐Sirayeli ati: Niyibonile na lendoda enyukileyo? ngokuba inyukile ukuza kugxeka o‐Sirayeli: kwakuya kuti, leyondoda eyibulalayo, ukumkani uya kuyityebisa ngobutyebi obukulu, ayinike intombi yake, ayenze indlu yoyise ibe ikululekile.
26Waza u‐Davide wateta kumadoda abemi ngakuye, esiti: Kuya kwenzwa nto nina kulondoda ebulalayo lom‐Filistiya, nesusayo ihlazo kwa‐Sirayeli? ngokuba engubanina lom‐Filistiya ongalukileyo, ukuba agxeke amabandla katixo ohleliyo? 27Batsho abantu kuye njengelozwi, besiti: Kuya kwenziwa njalo kulondoda embulalayo. 28Waza u‐Eliyabe, umkuluwe wake omkulu, weva akuteta kulomadoda; yandula yavuta ingqumbo ka‐Eliyabe ngakuye u‐Davide, wati: Yinina ukuba uhlele apa? kanjalo uzishiyile kubanina ezogusha zincinane entlango? ndiyazi mna ir̔atshi lako, nenkohlakalo yentliziyo yako; ngokuba uhlile, ukuze ubone ukulwa. 29Wayesiti u‐Davide: Yinto nina endiyenzileyo kaloku? ilizwi belingenjalo na? 30Waza washenxa kuye wabeka komnye, wateta njengelozwi; bati abantu babuya bampendula njengelizwi lokuqala.
31Kwati kwakuviwa amazwi abewateta u‐Davide, andula axelwa ebusweni buka‐Saule, owatuma wamtabata. 32Waza u‐Davide wati ku‐Saule: Makungawi intliziyo yomntu ngenxa yake; isicaka sako siya kuya silwe nalom‐Filistiya. 33Koko u‐Saule wati ku‐Davide: Akungeye ngakuye lom‐Filistiya ukulwa naye; ngokuba wena ungumfana, kodwa yena uyindoda yokulwa kwa sebutsheni bake. 34Wandula u‐Davide wati ku‐Saule: Isicaka sako besisalusa igusha zoyise waso; kwaye kufika ingonyama, nebere, ebisusa igusha emhlambini; 35ndaza ndapuma emva kwayo, ndayibeta, ndayisindisa emlonyeni wayo; nanxa ibisukela ngakum, ndayibamba ngodevu lwayo, ndayibeta, ndayibulala. 36Isicaka sako sabeta nengonyama nebere; nalom‐Filistiya angalukileyo yena uya kuba njengenye kwezo; ngokuba egxekile amabandla katixo ohleliyo. 37Wati kanjalo u‐Davide: Uyehova, owandisindisa enqineni lengonyama nasenqineni lebere, kwa yena wondisindisa esandleni salom‐Filistiya. Waza u‐Saule wati ku‐Davide: Yiya, wanga uyehova angako nawe!
38Waye u‐Saule wamvatisa u‐Davide ngezivato zake, wabeka umnqwazi wobedu entlokweni yake; wamvatisa ngehempe yentsimbi kanjalo. 39Waza u‐Davide wabinqa iṙele lake pezu kwezivato zake, wafuna ukuhamba, ngokuba ebengalilinganga. Wandula u‐Davide wati ku‐Saule: Andingeye nezizinto, ngokuba ndingazilinganga. Ngako u‐Davide wazisusa kuye. 40Waza watabata induku yake esandleni sake, wazinyulela amatye abutelezi amahlanu emlanjaneni, wawabeka enxoweni yabalusi abenayo, kwa sesidleni; kanjako isisaulo sake besisesandleni sake: waya wasondela kum‐Filistiya lowo. 41Wasuka wahamba um‐Filistiya, wamana esondela ku‐Davide; yati indoda etwele ikaka yahamba pambi kwake.
42Wati um‐Filistiya akukangela, wambona u‐Davide, wamdela: ngokuba ebengumfana, ebomvuṙa, emhle ukubonakala kwake. 43Waza um‐Filistiya wati ku‐Davide: Ndiyinja na mna, ukuba wena uyeza kum ngenduku? Waye um‐Filistiya wamqalekisa u‐Davide ngotixo bake. 44Wati um‐Filistiya kanjako ku‐Davide: Yiza kum, ndandiya kunika inyama yako kuzo intaka zezulu, nakuzo izilo zasendle.
45Wandula u‐Davide wati kum‐Filistiya: Wena uyeza kum ngeṙele, nangentshuntshe, nangekaka; kodwa mna ndiyeza kuwe egameni likayehova wemikosi, utixo wamabandla ama‐Sirayeli, lowo umgxekileyo: 46namhla nje uyehova wokunikela esandleni sam; ndandiya kukubeta, ndisuse intloko yako kuwe, ndinike izidumbu zomkosi wama‐Filistiya namhla nje kuzo intaka zezulu, nakuwo amaṙamncwa omhlaba; ukuze umhlaba wonke wazi ukuba uko utixo kwa‐Sirayeli: 47kanjalo wonke lomhlambi wokwazi ukuba uyehova akasindisi ngeṙele nangentshuntshe; ngokuba ukulwa kuko kukayehova, oya kuninikela esandleni setu.
48Kwaza kwati, wesuka um‐Filistiya, wahamba, wasondela ukumkaulela u‐Davide; wandula u‐Davide wanxama, wagidimela ngasemabandleni ukuya kumkaulela um‐Filistiya. 49Waye u‐Davide wafaka isandla sake enxoweni, wasusa kona ilitye, walisaula, wabeta um‐Filistiya ebunzini lake; lati ilitye latshona ebunzini lake, wawa yena ebusweni bake ngasemhlabeni. 50Kwa njalo u‐Davide wameyisa um‐Filistiya ngesisaulo nangelitye, wambeta um‐Filistiya, wambulala; kodwa bekungeko iṙele esandleni sika‐Davide. 51Waza u‐Davide wagidima, wema pezu kwom‐Filistiya, watabata iṙele lake, walir̔ola esinxobeni salo, wambulala, wanqumla ngalo intloko yake.
Kekaloku akubona ama‐Filistiya ukuba igoṙa lawo lifile, abaleka. 52Andula esuka amadoda akwa‐Sirayeli nawakwa‐Juda, amemeza, aputuma ama‐Filistiya, kude kwafikwa esihlanjeni, nakude kwasemasangweni ase‐Hekrone. Zati inxweleṙa zama‐Filistiya zawa endleleni yase‐Sharayime, kwa kude kwase‐Gate, nakude kwase‐Hekrone. 53Lwada usapo luka‐Sirayeli lwabuya ekugxotiseni ama‐Filistiya, lwapanga iminquba yawo. 54Waza u‐Davide watabata intloko yom‐Filistiya, wayizisa e‐Yerusaleme; kodwa izixo̔bo zake wazibeka ententeni yake.
55Nxa ke u‐Saule abembona u‐Davide epumela ngakuye um‐Filistiya, wati ku‐Abenere, inkosi yomkosi: Ungunyana kabanina lomfana, Abenere? Wayesiti u‐Abenere: Bomi bompefumlo wako, kumkani! andimazi. 56Waza wati ukumkani: Buza wena ingunyana kabanina indodana le. 57Wati akuba u‐Davide ebebuya ekubulaleni um‐Filistiya, u‐Abenere wamtabata, wamzisa ebusweni buka‐Saule, enentloko yom‐Filistiya esandleni sake. 58Waza u‐Saule wati kuye: Ungunyana kabanina, mfanandini? Wayesiti u‐Davide: Ndingunyana wesicaka sako u‐Jese um‐Beteleheme.