1KWAYE kute, nxa u‐Rehobome abeqinisile ubukumkani, nanxa womelelayo, washiya umteto kayehova, no‐Sirayeli bonke kunye naye.
2Kwaza kwati, ngowesihlanu umnyaka wokumkani u‐Rehobome, wenyuka u‐Shishaki ukumkani we‐Jipete ngakuyo i‐Yerusaleme, ngokuba bebenze ngobumenemene ngakuye uyehova, 3enenqwelo ezimakulu alishumi linesibini, nabakweli bamahashe abangamawaka angamashumi matandatu: baye bengenakubalwa abantu abavela naye e‐Jipete, ama‐Libiya, nama‐Sukime, nama‐Tiyopiya. 4Waza watimba izixeko ezinqatyisiweyo ezizezakwa‐Juda, weza kufika nase‐Yerusaleme.
5Wandula u‐Shemaya umprofite weza ku‐Rehobome, nakwinkosi zakwa‐Juda ezazibutele e‐Yerusaleme ngenxa ka‐Shishaki, wayesiti kubo: Utsho uyehova ukuti: Nina nindishiyile mna, ngako nam ndinishiyile nina esandleni sika‐Shishaki. 6Zaza zazigoba inkosi zakwa‐Sirayeli, nokumkani; baye besiti: Ulungile uyehova.
7Akubona uyehova ukuba bazigobile, kweza ilizwi likayehova ku‐Shemaya, lisiti: Bazigobile, andiyi kubatshabalalisa; koko ndiya kubanika ukusinda ngomzuzwana, uze umsindo wam ungatululwa pezu kwe‐Yerusaleme ngesandla sika‐Shishaki. 8Noko, boba ngabakonzi kuye; ukuze bayazi inkonzo yam, nenkonzo yabo ubukumkani bamazwe.
9Wenyuka ke u‐Shishaki ukumkani we‐Jipete ngakuyo i‐Yerusaleme, wasusa indyebo zendlu kayehova, nendyebo zendlu yokumkani; kwa zonke wazisusa: wasusa namakaka egolide abewenzile u‐Solomone. 10Waza ukumkani u‐Rehobome wawenza endaweni yawo amakaka exina, wawanikela esandleni senkosi zomlisela, obugcina umnyango wendlu yokumkani. 11Kwaye kute, nxa asukuba ebesiya ukumkani endlwini kayehova, weza umlisela wawatwala, wabuya weza nawo enkambilini yomlisela. 12Kekaloku ekuzigobeni kwake, kwaguquka kuye ingqumbo kayehova, ukuze angagqibeli ukumtshabalalisa: kanjako nakwa‐Juda beziseko into ezilungileyo.
13Kwa njalo ukumkani u‐Rehobome wazomeleza e‐Yerusaleme, wapata ubukumkani: ngokuba u‐Rehobome ebeyiminyaka engamashumi mane anamnye ubudala bake, akuba ngukumkani, waza wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesixe̔nxe e‐Yerusaleme, isixeko abesinyulile uyehova kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, ukuba alibeke igama lake kona. Igama lonina lalingu‐Nahama, um‐Hamonikazi. 14Wayesenza okukohlakeleyo, ekubeni ebengabekisanga intliziyo yake ukumfuna uyehova.
15Nemicimbi ka‐Rehobome, eyokuqala neyokupela, ayiba̔lwanga na yona emazwini ka‐Shemaya umprofite, no‐Hido umboni, esiba̔lelweni sokuzalwa? Kwaye kuko imfazwe pakati kwo‐Rehobome no‐Jerobome yonke imihla yabo. 16Wada walala u‐Rehobome noyise bake, wancw̔atywa esixekweni sika‐Davide; waza u‐Abiya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.