1KEKALOKU ngomnyaka wamashumi matatu anesitandatu wobukumkani buka‐Asa, kwenyuka u‐Bahasha ukumkani wo‐Sirayeli ngakwa‐Juda, wayaka i‐Rama, ukuze angavumeli namnye ukupuma nokungena ku‐Asa ukumkani wo‐Juda.
2Wandula u‐Asa wakupa isilivere negolide ezindyetyweni zendlu kayehova nendlu yokumkani, watuma ku‐Bene‐hadadi, ukumkani we‐Siriya, obehlala e‐Damakusi, esiti: 3Kuko ucebano pakati kwam nawe, napakati kwobawo wam noyihlo wako: bona ke, nditumile kuwe isilivere negolide; hamba, wapule ucebano lwako no‐Bahasha ukumkani wo‐Sirayeli, ukuba enyuke kum. 4Wapulapula ke u‐Bene‐hadadi kukumkani u‐Asa, watuma inkosi zezimpi abenazo ngakuzo izixeko zakwa‐Sirayeli; zaza zabeta i‐Hiyone, ne‐Dane, ne‐Abele‐mayime, nazo zonke izixeko zokubekela zakwa‐Nefatali. 5Kwaza kwati, nxa abevile oku u‐Bahasha, wayeka ukwaka i‐Rama, wapelisa umsebenzi wake. 6Wandula u‐Asa ukumkani watabata o‐Juda bonke, abasusa amatye e‐Rama, nemiti yayo, abe akile ngazo u‐Bahasha: waza waka ngazo i‐Geba ne‐Mitsipa.
7Kwa ngeloxesha ke, kweza u‐Hanani umboni ku‐Asa ukumkani wo‐Juda, wati kuye: Ngenxa yokuba wayamile kukumkani we‐Siriya, ungayamanga nje kuyehova, utixo wako, ngako oko isindile impi yokumkani we‐Siriya esandleni sako. 8Ama‐Tiyopiya nama‐Libiya ebengeyiyo impi enkulu na, enento eninzi kakulu yenqwelo nabakweli bamahashe? Kodwa, wakwayama kuyehova, wawanikela esandleni sako. 9Ngokuba uyehova, amehlo ake ayasingasinga kuwo wonke umhlaba, ukuba azomelezele abantliziyo ikolisekile ngakuye. Wenzile ngobudenge ngalento; ngokuba kaloku kuya kumana kubako imfazwe kuwe.
10Waza u‐Asa waqumbela umboni, wamfaka entolongweni; ngokuba ebenomsindo ngakuye pezu kwalento. Waye u‐Asa kanjalo encinezela abantu ngexesha elo inxenye.
11Kekaloku, bona ke, imicimbi ka‐Asa, eyokuqala neyokupela, bona ke, iba̔liwe yona encwadini yokumkani bo‐Juda no‐Sirayeli. 12Kodwa ngowamashumi matatu anesitoba umnyaka wobukumkani bake, wabenesifo u‐Asa ezinyaweni zake, sada isifo sake saba sikulu kunene: kanti nasesifeni sake akafuna uyehova, koko wafuna incibi zamayeza. 13Wada u‐Asa walala noyise bake; wabuba ngomnyaka wamashumi mane anesinye wokupata kwake ubukumkani. 14Baza bamncw̔aba encw̔abeni lake, elo wabezimbele esixekweni sika‐Davide, bamlalisa esililini abelizalisile ngezimnandi, kwa intlobo ngentlobo, zimanyiwe ngobuncibi bomenzi wezinukamnandi; bamtshisela isitshiselwa esikulu kakulu kanjalo.