1Kodwa ngomnyaka wesixe̔nxe u‐Yoyada wazomeleza, watabata inkosi zamakulu, u‐Hazariya unyana ka‐Yerohame, no‐Shimayeli unyana ka‐Jehohanane, no‐Hazariya unyana ka‐Obedi, no‐Mahaseya unyana ka‐Hadaya, no‐Elishafate unyana ka‐Zikeri, babe naye elucebanweni. 2Basuka bajikajikela ilizwe lakwa‐Juda, bahlanganisa aba‐Levi kuzo zonke izixeko zakwa‐Juda, nabazintloko zendlu zoyise zo‐Sirayeli, bada bafika e‐Yerusaleme. 3Yandula yonke intlanganiso yalwenza endlwini katixo ucebano nokumkani. Waza wati kubo: Bona ke, unyana wokumkani wobupata ubukumkani, njengokuba etshilo uyehova ngabo onyana baka‐Davide. 4Nantsi indawo eniya kuyenza: esinye isiqingata sesitatu kuni eningenayo ngesabata, kubo abaperisite nakubo aba‐Levi, bona boba ngabagcini beminyango; 5nesinye isiqingata sesitatu, boba ngasendlwini yokumkani; nesinye isiqingata sesitatu, boba sesangweni lesiseko: kanjako bonke abantu boba semabaleni ayo indlu kayehova. 6Kodwa makungangeni mntu endlwini kayehova, kupela ngabaperisite, nabo bakonzayo pakati kwaba‐Levi; aba baya kungena, ngokuba beyingcwele bona: kodwa bonke abantu baya kugcina isigcinelo sikayehova. 7Baye aba‐Levi beya kujikelezela ukumkani ngokungqonga, abanye ngabanye benezixo̔bo zabo ezandleni zabo; nalowo ungenayo endlwini makafiswe: nize nibeko nokumkani ekungeneni kwake nasekupumeni kwake.
8Bati aba‐Levi no‐Juda bonke benza njengako konke abeyalele ngako u‐Yoyada umperisite, batabata abanye ngabanye amadoda abo, lawo abeya kungena ngesabata, kunye nalawo abeya kupuma ngesabata: ngokuba u‐Yoyada umperisite ebengandululanga izahlulo. 9Waza u‐Yoyada umperisite wanika kuzo inkosi zamakulu izikali, nengweletshetshe, namakaka, ezo ezibe zizezokumkani u‐Davide, ezibe zisendlwini katixo. 10Wayemisa bonke abantu, abanye ngabanye benezixo̔bo zabo ezandleni zabo, kwa kulo elokunene icala lendlu kwada kwakulo elokohlo icala lendlu, ngasesibingelweni nangasendlwini, kufupi nokumkani ngokungqonga. 11Bandula bamkupa unyana wokumkani, bayibeka pezu kwake ikrone, bamnika nesinqi̔no, bamenza ukumkani; kanjalo u‐Yoyada nonyana bake bamtambisa, bati: Makapile ukumkani!
12Wati akuva u‐Hataliya intlokoma yabantu bebaleka bedumisa nokudumisa ukumkani, wasuka weza ebantwini endlwini kayehova. 13Waza wakangela, kekaloku nankuya ukumkani emi pezu kwendawo yake epezulu, endaweni yokungena, nenkosi nabanamaxilongo kufupi nokumkani: bati bonke abantu belizwe bavuya, bavutela ngamaxilongo; babeko nabaculi benezinto zokuculisa, nabo abafundisayo ukudumisa. Wandula u‐Hataliya waṙazula izivato zake, wati: Yingcebiswano, yingcebiswano! 14Koko u‐Yoyada umperisite wapumisayo inkosi zamakulu, abongama bempi, wati kuzo: Mkupeleni pandle kwamahlukahluka; nalowo umlandelayo makafiswe ngeṙele. Ngokuba ebete umperisite: Ningamfisi endlwini kayehova. 15Baza bamkwelela amacala omabini: waya ngasendaweni yokungena yesango lamahashe, ngasendlwini yokumkani: bamfisa apo ke.
16Wandula u‐Yoyada walwenza ucebano pakati kwake nabo bonke abantu nokumkani, ukuba babe ngabantu bakayehova. 17Baza bangena bonke abantu endlwini ka‐Bali, bayicita; nezibingelo zake, nemifanekiso yake, baziqekeza; no‐Matane umperisite ka‐Bali bambulala pambi kwezibingelo. 18Wati u‐Yoyada kanjalo wamisa abalindi bendlu kayehova pantsi kwesandla sabaperisite abangaba‐Levi, abo u‐Davide wabahlula babe sendlwini kayehova, ukuba banikele amadini okutshiswa kayehova, njengokuba kuba̔liwe emtetweni ka‐Mosesi, ngokugcoba nangokuvuma, njengesimiselo sika‐Davide. 19Wayemisa abalindimnyango ngasemasangweni endlu kayehova, kuze kungangeni onco̔lileyo nganye into. 20Wandula watabata inkosi zamakulu, nemiduna, nabapati babantu, nabo bonke abantu belizwe, wehla nokumkani kuyo indlu kayehova; bandula beza ngesango elide endlwini yokumkani, bahlalisa ukumkani pezu kweterone yobukumkani. 21Baye bevuya bonke abantu belizwe, sati isixeko sanokwonwaba; no‐Hataliya bebemfisile ngeṙele.