1EBEYIMINYAKA yasibozo u‐Josiya ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi matatu anamnye e‐Yerusaleme. 2Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova, wahamba ezindleleni zika‐Davide uyise, engapambukelanga nangasekunene nangasekohlo. 3Ngokuba ngowesibozo umnyaka wokupata kwake ubukumkani, nxa abesengumfana, waqala ukufuna utixo ka‐Davide uyise; nangomnyaka weshumi linesibini, waqala ukucokisa i‐Juda ne‐Yerusaleme kuzo indawo ezipakamileyo, ne‐Ashera, nemifanekiso eqingqiweyo, naleyo ityityishiweyo. 4Baye becita izibingelo zo‐Bali ebusweni bake; nezifanekiselo zelanga ezibe zipezulu pezu kwazo, wazigaula; ne‐Ashera, nemifanekiso eqingqiweyo, naleyo ityityishiweyo, wayiqekeza, wenza utuli ngayo, walutshiza pezu kwamancw̔aba abo abebebingelele kuyo. 5Namatambo abaperisite wawatshisa pezu kwezibingelo zabo; wacokisa i‐Juda ne‐Yerusaleme. 6Nakuzo izixeko zakwa‐Manase, nezakwa‐Frayime, nezakwa‐Simone, kwada kwakuzo ezakwa‐Nefatali, emanxuweni abo azingqongayo, 7wazicita izibingelo ne‐Ashera, wayikanda imifanekiso eqingqiweyo yada yaba lutuli, wagaula izifanekiselo zelanga kulo lonke ilizwe lakwa‐Sirayeli: waza wabuya waya e‐Yerusaleme.
8Kekaloku ngoweshumi linesibozo umnyaka wokupata kwake ubukumkani, akuba ebesel’ ecokisile ilizwe, nendlu, watuma u‐Shafane unyana ka‐Atsaliya, no‐Mahaseya inkosi yesixeko, no‐Jowahi unyana ka‐Yowahazi, umkumbuzi, ukuya kulungisa indlu kayehova, utixo wake. 9Bati bakuza ku‐Hilikiya umperisite omkulu, bayinika imali ebizisiwe endlwini katixo, leyo aba‐Levi abagcinayo umnyango bayibuta esandleni so‐Manase no‐Frayime, nakuso sonke isisalela so‐Sirayeli, nakubo bonke o‐Juda no‐Benjamine; bandula babuyela e‐Yerusaleme: 10bayinika ke esandleni sabo bawenza umsebenzi, sabo bonganyisiweyo pezu kwendlu kayehova; bati bona bayinika kubo abawenza umsebenzi, abasebenzayo endlwini kayehova, ukulungisa nokuqinisa indlu leyo; 11bayinika kwincibi zemiti nakubaki, kuze kutengwe amatye aqandulweyo, nemiti yokubandakanyisa, neyokupahla izindlu ezibe zicitiwe ngokumkani bo‐Juda. 12Aza amadoda lawo enza ngenyaniso kulomsebenzi: nabo ababe bonganyisiwe pezu kwawo, ngu‐Yahati, no‐Hobadiya, aba‐Levi kubo onyana baka‐Merari; no‐Zekariya, no‐Meshulame, kubo onyana bama‐Kohati; ukuba bongame: naba‐Levi aba, bonke bebenokuqonda ngezinto zokuculisa. 13Babepezu kwabatwali bemitwalo kanjalo, bengabongama pezu kwabo bonke abawenza umsebenzi ngenkonzo ngenkonzo: nakubo aba‐Levi bebeko ababa̔li, namagosa, nabalindimnyango.
14Kwati kwakukutshwa imali ebizisiwe endlwini kayehova, wayifumana u‐Hilikiya umperisite incwadi yomteto kayehova obunikiwe ngesandla sika‐Mosesi. 15Waza wateta u‐Hilikiya wati ku‐Shafane umba̔li: Incwadi yomteto ndiyifumene endlwini kayehova. Wandula u‐Hilikiya wanika incwadi leyo ku‐Shafane. 16Wasuka u‐Shafane weza nencwadi leyo kukumkani, wamzisela ukumkani kanjako impendulo, esiti: Konke obekunikelwa ezandleni zezicaka zako, ziyakwenza. 17Sezikupile imali ebifunyanwa endlwini kayehova, zayinika esandleni sabongama, nasesandleni sabo bawenza umsebenzi. 18Waye kanjalo u‐Shafane umba̔li wayeshumayela kukumkani, esiti: Ndinikiwe incwadi ngu‐Hilikiya umperisite. Waza u‐Shafane walesesha kuyoebusweni bokumkani. 19Kwaye kute, xeshekweni ukumkani wevayo amazwi omteto, waṙazula izivato zake. 20Wandula ukumkani wayalela u‐Hilikiya, no‐Ahikame unyana ka‐Shafane, no‐Habedoni unyana ka‐Mika, no‐Shafane umba̔li, no‐Hasaya isicaka sokumkani, ngokuti: 21Hambani, niye nibuze kuyehova ngenxa yam, nangenxa yabaseleyo kwa‐Sirayeli nakwa‐Juda, pezu kwamazwi alencwadi ifunyenweyo: ngokuba umkulu umsindo kayehova otululweyo pezu kwetu, ngokokuba obawo betu bengaligcinanga ilizwi likayehova, ukwenza ngako konke okuba̔liweyo kulencwadi.
22Wayehamba u‐Hilikiya, nabokumkani, ukuya ku‐Hulida umprofitekazi, umfazi ka‐Shalume, unyana ka‐Tokate, unyana ka‐Hasera, umgcini wezivato; (waye yena ehlala e‐Yerusaleme, kwesesibini isahlulo sayo;) baza bateta kuye ngokunjalo. 23Wayesiti kubo: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Yitini kulondoda initumileyo ukuza kum: 24Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuzisa ilishwa pezu kwalendawo, napezu kwabemi bayo, zonke iziqalekiso eziba̔liweyo encwadini abayileseshileyo ebusweni bake ukumkani wo‐Juda: 25ngenxa yokuba bendishiyile, nokuba bequmisile kotixo bambi, ukuze bandiqumbise ngayo yonke imisebenzi yezandla zabo; ngako umsindo wam wotululwa pezu kwalendawo, ungacinywa ke. 26Kodwa kukumkani wo‐Juda, onitumileyo ukuza kubuza kuyehova, niya kutsho kuye ngokuti: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Amazwi uwavileyo, — 27ngokokuba intliziyo yako ibitambile, nokuba wazigoba pambi kwotixo, ekuveni kwako amazwi ake ngakuyo lendawo, nangakubo abemi bayo, wazigoba pambi kwam, waṙazula nezivato zako, walila nokulila ebusweni bam; kanjalo nam ndikuvile wena, utsho uyehova. 28Bona ke, ndiya kukubutela koyihlo bako, wauya kubutelwa encw̔abeni lako ngoxolo; namehlo ako wona akayi kubona lonke ilishwa endiya kulizisa pezu kwalendawo, napezu kwabemi bayo. Baza bamzisela ukumkani impendulo.
29Wandula watuma ukumkani, wahlanganisa bonke abadala bo‐Juda ne‐Yerusaleme. 30Wayenyuka ukumkani waya endlwini kayehova, nawo onke aadoda akwa‐Juda, nabemi base‐Yerusaleme, nabaperisite, naba‐Levi, nabo bonke abantu, kwa nabakulu nabancinane; waza walesesha ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yocebano, ebifunyenwe endlwini kayehova. 31Wema ukumkani endaweni yokuma yake, wenza ucebano pambi kwoyehova, lwokuba kulandelwe uyehova, nokuba kugcinwe imiyalelo yake, nezinqi̔nelo zake, nezimiselo zake, ngayo yonke intliziyo yake, nangawo wonke umpefumlo wake, kufezwe amazwi ocebano aba̔liweyo kulencwadi. 32Wenza bonke abebeko e‐Yerusaleme nakwa‐Benjamine beme kulo nabo. Kwa njalo abemi base‐Yerusaleme benza ngalo ucebano lukatixo, utixo woyise babo.
33Waza wasusa u‐Josiya zonke izinto ezibuntshontsho kuwo onke amazwe abengawosapo luka‐Sirayeli, wabakonzisa bonke abebeko kwa‐Sirayeli, ukuba bakonze uyehova, utixo wabo: yonke imihla yake bebengapambuki ekulandeleni uyehova, utixo woyise babo.