1Kanjako wasenza isibingelo sexina, ikubite ezimashumi mabini ubude baso, nekubite ezimashumi mabini ububanzi baso, nekubite ezilishumi ubupakamo baso.
2Walwenza nolwandle olutyityishiweyo; lwaluzikubite ezilishumi kwa kuwo omnye umpeto kwada kwakuwo omnye umpeto, luyinqukuva ngokungqonga, luzikubite ezintlanu ubupakamo balo; lwalujikelezwa ngentambo yekubite ezimashumi matatu. 3Kwaye kuko ngapantsi kwalo umfanekiso wenkabi zilungqonga ngamacala onke, zilishumi ekubiteni nye, zijikelezela ulwandle ngokungqonga: zambini inṙozo zenkabi ezibe zityityishwa, lwakutyityishwa lona. 4Lwema pezu kwenkabi ezilishumi linambini, ezintatu zibeka ngasenode, nezintatu zibeka ngasentshonalanga, nezintatu zibeka ngasesuyide, nezintatu zibeka ngasempumalanga; lwalupezulu ulwandle lupezu kwazo, yonke imiva yazo ingapakati. 5Isibili salo besibububanzi besandla, nompeto walo ubunjengesetyenzwa lompeto wendebe, njengentyatyambo yenyibiba; ukubamba kwalo lwabamba ibate ezingamawaka matatu.
6Wazenza nezihlambelo ezilishumi, wamisa esinye isihlanu ngasekunene, nesinye isihlanu ngasekohlo, ukuze kuhlanjwe kuzo: okwomsebenzi wedini lokutshiswa kwahlanzwa kuzo; kodwa ulwandle belulolwabaperisite ukuba bahlambe kulo.
7Wazenza nekandelare zegolide ezilishumi, njengesimilo sazo, wazimisa etempileni, esinye isihlanu ngasekunene, nesinye isihlanu ngasekohlo.
8Wazenza netafile ezilishumi, wazibeka etempileni, esinye isihlanu ngasekunene, nesinye isihlanu ngasekohlo. Wenza nekulu lezitya zokufefela zegolide.
9Walenza ibala labaperisite, nebala elikulu, nengcango zebala, wazaleka ingcango zawo ngexina. 10Nolwandle walumisa ngelokunene icala, ngasempumalanga, malungana nesuyide.
11Kanjalo u‐Hurame wazenza imbiza, nezikotululo, nezitya zokufefela.
Wada wagqiba u‐Hurame ukuwenza umsebenzi owawenzela ukumkani u‐Solomone ngenxa yendlu katixo: 12intsika zimbini, nezikanda, nentloko ezibe zisencameni yentsika zombini; neminata mibini yokugubungela izikanda zozibini zentloko ezibe zisencameni yentsika zombini; 13negranate ezingamakulu mane zeminata yomibini, inṙozo zimbini zegranate kuwo umnata mnye, kuze kugujungelwe izikanda zozibini zentloko ezibe zipezulu pezu kwentsika; 14wazenza nezikondo; nezihlambelo wazenza pezu kwezikondo ezo; 15nolwandle lunye, nenkabi ezilishumi linambini ngapantsi kwalo; 16nembiza, nezikotululo, neforoke: nazo zonke impahla zazo, u‐Hurame, uyise wake, wazenzela ukumkani u‐Solomone, ngenxa yendlu kayehova, ngexina egudisiweyo. 17Etafeni lase‐Yoredane wazityityisha ukumkani, emhlabeni oludongwe pakati kwe‐Sukote ne‐Tseredata. 18Waye u‐Solomone wazenza zonke ezimpahla ngobuninzi obukulu; ngokuba bekungenakupengululwa ukuba nzima kwexina.
19Kanjalo wazenza u‐Solomone zonke impahla ezizezendlu katixo: kwa isibingelo segolide; netafile ekube kupezu kwazo izonka zokubonakala; 20nekandelare kunye nezibane zazo, ukuze zivute njengesiko pambi kwendawo yokupendula, ngegolide enqabileyo; 21nentyatyambo, nezibane, nezitabatelo, ngegolide; yona ibiyigolide enqabileyo kakulu; 22nezicimo, nezitya zokufefela, negxebeka, neziqumelo, ngegolide enqabileyo: kanjako umnyango wendlu, ingcango zawo zapakati, zeyingcwele yezingcwele indawo, nengcango zendlu, zetempile, zenziwa ngegolide.