1WATI ukumkanikazi we‐Sheba, akuva udumo luka‐Solomone, weza ukumlinga u‐Solomone ngezintsonkotelo e‐Yerusaleme, kunye nomkosi omkulu kunene, nenkamela zitwele izimnandi, nento eninzi yegolide, namatye anqabileyo: wati akuza ku‐Solomone, wateta naye konke okusentliziyweni yake. 2Waza u‐Solomone wamtyilela onke amazwi ake: akwafihlwa nto ku‐Solomone, abengamtyileli yona. 3Kekaloku nxa ukumkanikazi we‐Sheba wabona ubulumko buka‐Solomone, nendlu abeyakile, 4nokutya kwesitebe sake, nokuhlala kwezicaka zake, nokuma kwabakonzi bake, nezivato zabo, nabancamli bake, nezivato zabo, nesinyukelo sake, owenyuka ngaso ukuya endlwini kayehova, akwabi sabiko umoya kuye. 5Wayesiti kukumkani: Beliyinene ilizwi elo bendiliva elizweni lam, ngemicimbi yako nangobulumko bako. 6Kodwa bendingakolwa ngamazwi abo, ndide ndatika, aza abona amehlo am: kekaloku bona ke, andixelelwanga nesiqingata sobukulu bobulumko bako: ugqitisile iṙeto endalivayo. 7Anenyweba amadoda ako, zinenyweba ezizicaka zako, ezimiyo futi ebusweni bako, ezivayo ubulumko bako. 8Makabongwe uyehova, utixo wako, owakukolelayo, ukuba akubeke pezu kweterone yake, ube ngukumkani ngenxa kayehova, utixo wako! Ngokuba utixo wako ebatandile o‐Sirayeli, ukuba abamise kude kube ngunapakade, kukona akumiseleyo ube ngukumkani pezu kwabo, ukwenza ubugwebo nobulungisa. 9Waza wamnika ukumkani italente zegolide zalikulu elinamashumi mabini, nento eninzi yezimnandi, namatye anqabileyo: kwaye kungeko izimnandi ezinjengezo ukumkanikazi we‐Sheba wazinika kukumkani u‐Solomone.
10Nakanjako izicaka zika‐Hurame, nezicaka zika‐Solomone, ezavela negolide e‐Ofire, zazisa nemiti yelagume, namatye anqabileyo. 11Waye ukumkani ngemiti yelagume leyo wenzela indlu kayehova nendlu yokumkani indawo zokunyukela, wenzela abaculi ikinore nenebele kanjalo: bekungabonwa enjalo ngapambili elizweni lakwa‐Juda.
12Waza ukumkani u‐Solomone wamnika ukumkanikazi we‐Sheba konke ukutanda kwake, oko wakucelayo, ngapandle kwoko abekuzisile kukumkani. Wada wajika, wahambela kwelake ilizwe, yena nezicaka zake.
13Kekaloku ukulinganiswa kwayo igolide ebisiza ku‐Solomone emnyakeni mnye, bezizitalente zegolide ezingamakulu matandatu anamashumi matandatu enesitandatu; 14ngapandle kwebiziswa ngabaṙatyazi nabatengi: kanjalo bonke okumkani base‐Arabi, nenkosi zelizwe, bazisa igolide nesilivere ku‐Solomone.
15Waza ukumkani u‐Solomone wenza amakaka angamakulu mabini ngegolide ekandelweyo; kwafakwa amakulu matandatu eshekele zegolide ekandelweyo pezu kwekaka linye: 16wazenza nengweletshetshe ezingamakulu matatu ngegolide akandelweyo; kwafakwa amakulu matatu eshekele zegolide pezu kwengweletshetshe inye: waza ukumkani wazibeka endlwini yehlati le‐Lebanone.
17Waye ukumkani kanjako wayenza iterone enkulu yopondo lwendlovu, wayaleka ngegolide ecocekileyo. 18Kwaye kuko izinyukelo zitandatu kuyo iterone leyo, nesitulo senyawo segolide, ziqiniselwe eteroneni, nezayamelo ngelicala nangeliya ngasendaweni yokuhlala, nengonyama zimbini zimi kufupi nezayamelo ezo: 19zema kona nengonyama zilishumi linambini ngelicala nangeliya pezu kwazo izinyukelo zitandatu: akwenziwanga enjalo kobunye ubukumkani. 20Kanjako zonke impahla zokusela zokumkani u‐Solomone zibe zizezegolide, nazo zonke impahla zendlu yehlati le‐Lebanone zibe zizezegolide enqabileyo; bekungeko ezesilivere: ibingabalelwa luto yona emihleni ka‐Solomone. 21Ngokuba inqanawa zokumkani bezisiya e‐Tareshishe kunye nezicaka zika‐Hurame: kwakanye eminyakeni mitatu zafika inqanawa zase‐Tareshishe, zizisa igolide, nesilivere, nempondo zendlovu, nenkau, namaseme.
22Kwa njalo ukumkani u‐Solomone wayemkulu pezu kwabo bonke okumkani bomhlaba, ngobutyebi nangobulumko. 23Kanjako bonke okumkani bomhlaba babefuna ubuso buka‐Solomone, ukuze babuve ubulumko bake, obo wabubeka utixo entliziyweni yake. 24Baye besiza abanye ngabanye nebaso labo, impahla zesilivere, nempahla zegolide, nengubo, nezixo̔bo, nezimnandi, namahashe, namaqwa aṙa; into yomnyaka ngomnyaka.
25Waye u‐Solomone kanjalo enezitale zamahashe ezingamawaka mane, nenqwelo, namahashe okukwelwa angamawaka alishumi linesibini; owawabeka ezixekweni zenqwelo, nakuye ukumkani e‐Yerusaleme.
26Wayepata ubukosi pezu kwabo bonke okumkani, kwa kuwo umlambo kude kwasezweni lama‐Filistiya, nakude kwasemdeni wase‐Jipete.
27Kanjako ukumkani wayenza isilivere e‐Yerusaleme njengamatye, nemiti yesedare wayenza njengemikiwane esezihlanjeni, ngokuba mininzi. 28Kwaye kukutshelwa u‐Solomone amahashe evela e‐Jipete, nasemazweni onke.
29Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Solomone, eyokuqala neyokupela, ayiba̔lwanga na yona emazwini ka‐Natane umprofite, nasesiprofiteshweni sika‐Ahiya um‐Shilo, nasemibonisweni ka‐Hido umboni ngaye u‐Jerobome unyana ka‐Nebati? 30Waye u‐Solomone ebepata ubukumkani e‐Yerusaleme, pezu kwo‐Sirayeli bonke, iminyaka engamashumi mane. 31Wada walala u‐Solomone noyise bake, wancw̔atywa esixekweni sika‐Davide uyise; waza u‐Rehobome unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.