ISAHLUKO I.
1UPAULUSI, umpostile ka‐Yesu Kristu ngayo intando katixo, no‐Timote umzalwana wetu, kuyo iṙemente katixo ese‐Korinte, kunye nabo bonke abangcwele abakuyo yonke i‐Akaiya: 2Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, nenkosi u‐Yesu Kristu.
3Makabongwe yena utixo noyise wenkosi yetu u‐Yesu Kristu, yena uyise wezibele notixo walo lwonke ulwonwabiso; 4osonwabisayo kuko konke ukubandezelwa kwetu, size sibe namandla ukubonwabisa abo basekubandezelweni noko kunjanina, ngalo ololwonwabiso esonwatyiswayo ngalo kwa tina ngutixo. 5Kuba njengokuba intlungu zika‐Kristu zikolisa ukusandela, kwa njalo ngaye u‐Kristu lukolisa ukwanda nonwabiso lwetu. 6Kodwa nokuba siyabandezelwa, kungenxa yokwenu ukwonwatyiswa nokusindiswa, okusebenzayo ekunyamezeleni intlungu ezikwa zizo esizivayo nati; nokuba siyonwatyiswa, kungenxa yokwenu ukwonwatyiswa nokusindiswa. 7Kanjalo itemba letu liqinisekile ngenxa yenu; sisazi nje ukuba, njengokuba ninobudlelana nazo intlungu, kwa njalo ninobudlelana nalo nonwabiso.
8Ngokuba ndingatandi ukuba nibe ningazi, bazalwana! ngako ukubandezelwa kwetu esasihlelwa kuko e‐Asiya, okokuba satwaliswa ngento egqitisileyo, pezu kwamandla etu, sada sancama nobomi: 9ewe tina ngokwetu sibe sinomgwebo wokufa kwa kuti, ukuze singabi sitembela kokwetu, koko sibe sitembela kutixo ovusayo abafileyo: 10owasihlangulayo ekufeni okukulu kangaka, oti kanjalo ahlangule: esitemba kuye ukuba woba esahlangula kanjalo; 11nani ninceda kunye ngenxa yetu ngokukunga kwenu, ukuze obobubele sabenzelwayo ngetuba labantu abaninzi lubulelwe ngabaninzi ngenxa yetu.
12Ngokuba ukuqa̔yisela kwetu kuko oku, kwa ukunqi̔na kwesazeliso setu, okokuba sati kulo ulungelelwano nobunene bukatixo, kwakungekubo ubulumko obubunyama, kwakukulo ufefe lukatixo, sanokuhlala kwetu elizweni, nakakulu ngakumbi ke ngakuni. 13Ngokuba singaba̔li ezinye izinto kuni, ngapandle kwezo nizileseshayo nenizivumayo; enditemba kanjalo ukuba nozivuma kwa kude kube sekupeleni; 14kwa njengokuba nasivumayo ngokwenxenye, ukuba siluqa̔yiselo lwenu, njengokuba nani nilolwetu, emhleni wenkosi u‐Yesu.
15Kanjako kwesisitembelo ndibe ndifuna ukuza kuni tanci, ukuze nizuze intsikelelo yesibini; 16nokudlula ngani ukuya e‐Masedoniya, nokuti ndivela e‐Masedoniya ndize kuni kanjako, ndipelekelelwe nini ukuya e‐Judeya. 17Kekaloku nxa ndibe ndifuna oku, ndaka ndenza ngokuqetuka na? izinto endizicingayo, ndiyazicinga ngokwenyama kusinina, ukuze kubeko kum ukuti ewe ewe, nokuti hai hai? 18Kodwa utixo enyanisekile nje, ilizwi letu kuni belingengu‐ewe no‐hai. 19Ngokuba unyana katixo, u‐Yesu Kristu, owashunyayelwa pakati kwenu siti, ndim no‐Silivane no Timote, bekungengu‐ewe no‐hai, koko kwenziwe u‐ewe kuye: 20ngokuba amadinga katixo noko maninzi kangakananina, ukuye u‐ewe, ukuye u‐amene, kube bubungcwalisa kutixo ngati tina. 21Kekaloku lowo osiqinisayo kunye nani ku‐Kristu, nositambisileyo, ngutixo; 22ote kanjalo wasincamatisela, wasinika isibambiselo somoya ezintliziyweni zetu.
23Kodwa mna ndiyambiza utixo abe linqi̔na pezu kwompefumlo wam, ukuba ngokunga ndinganiyeka andabi safuna ukuza e‐Korinte: 24kungekukuba sipata ubukosi pezu kwenkolo yenu, kukuba singabancedi bovuyo lwenu; ngokuba nimiyo ngenkolo.