1EBEYIMINYAKA asibozo u‐Josiya ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi matatu anamnye e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Yedida, intombi ka‐Hadaya, owase‐Botsekate. 2Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova, wahamba kuyo yonke indlela ka‐Davide uyise, engapambukelanga nangasekunene nangasekohlo.
3Kwaye kute ngoweshumi linesibozo umnyaka wokumkani u‐Josiya, watuma ukumkani u‐Shafane, unyana ka‐Atsaliya, unyana ka‐Meshulame, umba̔li, ukuya endlwini kayehova, esiti: 4Nyuka uye ku‐Hilikiya umperisite omkulu, ukuze abale imali ezisiweyo endlwini kayehova, leyo abagcini bomnyango bayibutile ebantwini; 5bandule bayinike esandleni sabo bawenza umsebenzi, sabo bonganyisiweyo pezu kwendlu kayehova; bati ke bona bayinike kubo abawenza umsebenzi osendlwini kayehova, ukuze kulungiswe intanda zendlu, 6kwincibi zemiti nakubaki, nakubenzi bendonga, nokuba kutengwe imiti, namatye aqandulweyo, ukuze kulungiswe indlu. 7Kodwa ababuzwa ngemali ebinikwa esandleni sabo, ngokuba bebesenza bona ngenyaniso.
8Waza u‐Hilikiya umperisite omkulu wati kuye u‐Shafane umba̔li: Incwadi yomteto ndiyifumene endlwini kayehova. Wandula u‐Hilikiya wayinika incwadi leyo ku‐Shafane, owayileseshayo. 9Wasuka u‐Shafane, umba̔li weza kukumkani, wamzisela ukumkani impendulo, wati: Izicaka zako zikupile imali ebifunyanwa endlwini, zayinika esandleni sabo bawenza umsebenzi, sabo bonganyisiweyo pezu kwendlu kayehova. 10Waye kanjalo u‐Shafane umba̔li wayeshumayela kukumkani, esiti: Ndinikiwe incwadi ngu‐Hilikiya umperisite. Waza u‐Shafane wayilesesha ebusweni bokumkani. 11Kwaye kute, xeshekweni ukumkani wevayo amazwi omteto, waṙazula izivato zake. 12Wandula ukumkani wayalela u‐Hilikiya umperisite, no‐Ahikame unyana ka‐Shafane, no‐Hakebore unyana ka‐Mikaya, no‐Shafane umba̔li, no‐Hasaya isicaka sokumkani, ngokuti: 13Hambani, niye nibuze kuyehova ngenxa yam, nangenxa yabantu, nangenxa yo‐Juda bonke, pezu kwamazwi alencwadi ifunyenweyo: ngokuba umkulu umsindo kayehova ovutayo ngakuti, ngokokuba obawo betu bengapulapulanga kuwo amazwi alencwadi, ukwenza ngako konke okuba̔liweyo ngati.
14Wayehamba u‐Hilikiya umperisite, no‐Ahikame, no‐Hakebore, no‐Shafane, no‐Hasaya, ukuya ku‐Hulida umprofitekazi, umfazi ka‐Shalume, unyana ka‐Tikeva, unyana ka‐Harehase, umgcini wezivato; (waye yena ehlala e‐Yerusaleme, kwesesibini isahlulo sayo;) baza bateta naye. 15Wayesiti kubo: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Yitini kwindoda enitumileyo ukuza kum: 16Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuzisa ilishwa pezu kwalendawo, napezu kwabemi bayo, onke amazwi encwadi ayileseshileyo ukumkani wo‐Juda: 17ngenxa yokuba bendishiyile, nokuba bequmisile kotixo bambi, ukuze bandiqumbise ngako konke ukwenza kwezandla zabo; ngako umsindo wam uya kuvuta ngakuyo lendawo, ungacinywa ke. 18Kodwa kukumkani wo‐Juda, onitumileyo ukuza kubuza kuyehova, niya kutsho kuye ngokuti: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Amazwi uwavileyo, — 19ngokokuba intliziyo yako ibitambile, nokuba wazigoba pambi kwoyehova, wakukuva oko enditetile kona pezu kwalendawo, napezu kwabemi bayo, ukuba babe yingcitakalo nesiqalekiswa, waṙazula izivato zako, walila nokulila ebusweni bam; kanjalo nam ndikuvile wena, utsho uyehova. 20Ngako oko, bona ke, ndiya kukubutela koyihlo bako, wauya kubutelwa encw̔abeni lako ngoxolo; namehlo ako wona akayi kubona lonke ilishwa endiya kulizisa pezu kwalendawo. Baza bamzisela ukumkani impendulo.