1BAYE onyana babaprofite besiti ku‐Elisha: Bona ke, indawo apo sihlala kona ebusweni bako ixinene kuti: 2makesiye e‐Yoredane, sitabate kona abanye ngabanye umqadi, size sizenzele apo indawo yokuhlala kuyo. Wayesiti: Yiyani. 3Kwati ke omnye: Zuvume ke, uye nezicaka zako. Wati: Ndiya kuya. 4Waza waya nabo. Bati bakufika e‐Yoredane, bagaula imiti. 5Kekaloku xeshekweni omnye abewisa umqadi, yati intsimbi yeyela emanzini; waza wakala, wati: Au, nkosi! ngokuba ibibolekiwe. 6Yati indoda katixo: Yeyele pina? Waza wayibonisa indawo. Yandula yanqumla uluti, yaluposela kona; yadada ke intsimbi. 7Yaza yati: Yicole kuwe. Wayesolula isandla sake, wayitabata.
8WAYE ukumkani we‐Siriya wayenza imfazwe ngakubo o‐Sirayeli, wacebisana nezicaka zake, esiti: Umnquba wam woba sendaweni etile. 9Kodwa indoda katixo yatuma kukumkani wo‐Sirayeli, ukuti: Lumka ukuba ungadluleli kulondawo; ngokuba ama‐Siriya ehlele kona. 10Ngako ukumkani wo‐Sirayeli watumela endaweni eyabimxelele indoda katixo yamyala ngayo, wazilondoloza kona, bekungekanye, bekungekabini kanjako.
11Yaza intliziyo yokumkani we‐Siriya yaxaliswa pezu kwalento; ngako wabiza izicaka zake, wati kuzo: Aniyi kundityelela na ungubanina kwabetu ongecala lokumkani wo‐Sirayeli? 12Saza sati esinye ezicakeni zake: Hai, nkosi yam, kumkani! ngu‐Elisha, umprofite okwa‐Sirayeli, owatyelayo kukumkani wo‐Sirayeli amazwi uwatetayo enkambilini yako yokulala. 13Wayesiti: Hambani, nibone apo akona, ukuze nditume ndimtabate. Kwaza kwaxelwa kuye, kusitwa: Nankuya e‐Dotane.
14Ngako watumela kona amahashe, nenqwelwana, nempi enkulu: ezibe zifika ngobusuku, zasiṙaula isixeko. 15Waza wavuka kusasa umkonzi wendoda katixo, wapuma ke; kekaloku nantsiya impi isingqonga isixeko, kwa namahashe nenqwelwana. Wandula umfana wayo wati kuyo: Au, nkosi yam! sesiya kuti nina ke? 16Yayisiti: Ungoyiki; ngokuba bebaninzi abanati pezu kwabanabo. 17Waza watandaza u‐Elisha, wati: Yehova! zugabule amehlo ake, ukuze abone. Wandula uyehova wagabula amehlo omfana lowo, wada wabona; kekaloku, bona ke, intaba ibizele ngamahashe nenqwelwana zomlilo zimgqonga u‐Elisha. 18Xeshekweni babehlele kuye, watandaza u‐Elisha kuyehova, wati: Zubabete ababantu ngobumfama. Waza wababeta ngobumfama, njengelizwi lika‐Elisha. 19Wandula wati u‐Elisha kubo: Asi yiyo le indlela, asi siso esi nesixeko; ndilandeleni mna, ndandiya kunikapela endodeni eniyifunayo. Waza wabakapela e‐Samariya. 20Kwaye kute, bakufika e‐Samariya, wandula wati u‐Elisha: Yehova! vula amehlo ababantu, ukuze babone. Waza uyehova wavula amehlo abo, bada babona; kekaloku naba ke pakati kwe‐Samariya.
21Wayesiti ukumkani wo‐Sirayeli ku‐Elisha, akubabona: Ndibabete na, ndibabete na, bawo wam? 22Kodwa wati: Akuyi kubabeta: unga ubeta na abo ubatimbileyo ngeṙele lako nangesipeta sako? beka isonka namanzi pambi kwabo, ukuba badle basele nokusela, baye enkosini yabo. 23Waza wabenzela umtendeleko omkulu: badla basela nokusela; wandula wabandulula, bemka, bona baya enkosini yabo. Ngako amabandla ama‐Siriya akabi sapinda ukuza elizweni lakwa‐Sirayeli.
24KODWA bekute emva kwoko, ukuba u‐Bene‐hadadi ukumkani we‐Siriya wahlanganisa wonke umkosi wake, wenyuka, wavingcela i‐Samariya. 25Kwaza kwabako indlala enkulu e‐Samariya; ngokuba, bona ke, bayivingcela, kwada kwatengiswa intloko yeqwaṙashe ngamashumi asibozo amaqosha esilivere, nesiqingata sesine sekabe yelindle lamahobe ngesihlanu samaqosha esilivere.
26Kwaza kwati, nxa ukumkani wo‐Sirayeli abedlula pezu kwodonga, wakala umfazi kuye, esiti: Siza, nkosi yam, kumkani! 27Wayesiti: Engakusizi nje uyehova, kwovela pina ukusiza kwam? esibayeni sokubula, esincinezelweni seveyine, kusinina? 28Walekela wati ukumkani kuye: Unandawo nina? Wayesiti: Umfazi lo wati kum: Nika unyana wako, ukuba sitye yena namhla, nonyana wam siya kumtya ngomso. 29Kwa njalo sampeka unyana wam, samtya ke: ndaza ndati kuye ngomnye umhla: Nika unyana wako, ukuba simtye; kodwa waselezimeza unyana wake. 30Kwaye kute, akuva ukumkani amazwi alomfazi, waṙazula izivato zake, nxa abedlula pezu kwodonga; baza babona abantu ukuba nantsi intlakantlaka ipezu kwenyama yake kwa pakati. 31Wayesiti: Makenje njalo kum utixo, alekele ukwenje njalo, ukuba intloko ka‐Elisha unyana ka‐Shafate iya kuma pezu kwake namhla!
32Kekaloku u‐Elisha wahlala endlwini yake, nabadala bebehleli naye; waza ukumkani wasusa indoda ebusweni bake; kodwa singekafiki isigidimi kuye, wati kubadala: Niyabona na okokuba lonyana wombulali utumele ukunqumla intloko yam? kangelani, nxa sifika isigidimi, valani ucango, nisitya̔lele pandle elucangweni; isandi senyawo zenkosi yaso asisemva kwaso na? 33Esateta nabo, bona ke, isigidimi sehlela kuye: — wayesiti ukumkani: Bona ke, ububi obu buvela kuyehova; yinina ukuba ndibe ndisatembela kuyehova?