1Kwabekuko indoda etile e‐Kesareya egama lalingu‐Koroneli, inkosikulu yasebandleni elibizwa ngokuti lelase‐Yitaliya, 2ebingobedeshekileyo, ebisoyika utixo kunye nendlu yayo yonke, eyabenzela abantu amalizo amaninzi, yatandaza kutixo futi. 3Lomntu wabona embonisweni kwa sekuhleni, yanga yayiyure yesitoba yemini, ingelosi katixo ukuba yangena kuye, yati kuye: Koroneli! 4Waza yena ewabeka amehlo pezu kwayo, esoyika nokwoyika, wati: Yinto nina, Nkosi! Yayisiti kuye: Imitandazo yako nemilizo yako inyukele ibe yinkumbuzo ebusweni bukatixo: 5nakaloku watume amadoda e‐Jopa, umeme u‐Simone obizwa ngelinye igama elingu‐Petrosi: 6lo uyahlala ku‐Simone otile umsuki wezikumba, ondlu ingaselwandle: lo wokutyela into ufanele ukuyenza. 7Kekaloku xeshekweni yemkayo ingelosi ebiteta ku‐Koroneli, wabiza isibini sezicaka zake, nesodati elibedeshekileyo lakuwo abemana enaye: 8waza wati, akuba ebatyele kwa konke, wabatuma e‐Jopa.
9Kekaloku ngomnye umhla, nxa bebehamba abo, besondela esixekweni, wenyukela u‐Petrosi pezu kwentungo yendlu ukutandaza, ngeyure yesitandatu. 10Waza walamba kakulu, wanga angatya; kodwa nxa bebelungisa bona, wawelwa lipupaṙa, 11wabona izulu livulekile, nempahla etile njengeqiya enkulu isihla ngakuye, ibotshelelwe ngamancam omane, ihliselwa pantsi emhlabeni; 12ekube kuko pakati kwayo zonke izilo zomhlaba ezinyawo zine, namar̔amncwa, nento ezinambuzelayo, nentaka zezulu. 13Kwaza kweza ilizwi kuye, lisiti: Suka, Petrosi! xe̔la utye. 14Kodwa u‐Petrosi wati: Nakanye, Nkosi! ngokuba ndingazanga nditye nanye into engengcwele nenco̔lileyo. 15Kwabuya kweza ilizwi kuye ngokwesibini, lisiti: Oko akuhlanzileyo utixo, ungakwenzi okungengcwele wena. 16Oku ke kwenziwa katatu: yaza impahla leyo yabuya yenyuselwa ezulwini.
17Kekaloku nxa u‐Petrosi ebexakekile pakati kwake, ukuba ungaba yinto nina lomboniso awubonileyo, bona ke, lomadoda abesusiwe ku‐Koroneli, eyifumene ngokubuza indlu ka‐Simone, ema ngapambi kwesango, 18abiza ke, abuza ukuba u‐Simone obizwa ngelinye igama elingu‐Petrosi uyahlala kona na.
19Esacingela umboniso lowo u‐Petrosi, wati umoya kuye: Bona ke, amadoda amatatu ayafuna wena: 20uz’ usuke ngoko, uhle, uye nawo, ungatandabuzi nto; ngokuba ndiwatumile mna. 21Waza wehla u‐Petrosi waya kulomadoda abesusiwe ku‐Koroneli ukuza kuye, wati: Bona ke, ndinguye enimfunayo; liyinina ituba enilapa ngenxa yalo? 22Ati ke wona: u‐Koroneli inkosikulu, indoda elungileyo, emoyikayo utixo, enqi̔nelwayo kakuhle lulo lwonke uhlanga lwama‐Juda kanjalo, wayalwa ngutixo ngengelosi engcwele, ukuba akumemele endlwini yake, nokuba eve amazwi kuwe. 23Wandula wawabizela pakati, wawamkela endlwini.
Waza ngomnye umhla u‐Petrosi wemka nawo, nabatile bakubo abazalwana base‐Jopa bampeleka. 24Nangomhla olandelayo bangena e‐Kesareya. Waye u‐Koroneli ebalinda, ezibizele ndawonye kuye izalamane zake nezihlobo ezitandekileyo. 25Kwaza kwati kwakungena u‐Petrosi, u‐Koroneli wamkaulela, wawa pantsi ngasezinyaweni zake, wabedesha. 26Kodwa u‐Petrosi wampakamisa, esiti: Suka ume; ndikwa ngumntu nam. 27Wati encokola naye wangena, wafumana abaninzi bebutene ndawonye.
28Waza wati kubo: Niyazi kakulu nina okokuba kuyinto engafanelekileyo kumntu ongum‐Juda ukukolana nokudlelana nowesinye isizwe: kanti utixo undibonisile ukuba ndingabizi namnye umntu ngokungengcwele nangokunco̔lileyo. 29Ndeza ngoko ndakumenywa, ndingapikanga ke: ndiyabuza ngako, ukuba yindawo nina nandimemela yona?
30Waza u‐Koroneli wati: Sekuntsuku zine ndibe ndizila ukutya kwada kwayileyure; nangeyure yesitoba benditandaza endlwini yam; yaza, bona ke, indoda yema ebusweni bam inesivato esikazimlayo, 31yati: Koroneli! umtandazo wako uviwe, namalizo ako akunjulwe ebusweni bukatixo: 32tuma ngoko e‐Jopa, umeme u‐Simone obizwa ngelinye igama elingu‐Petrosi; lo uyahlala endlwini ka‐Simone umsuki wezikumba ngaselwandle, oya kuti akufika atete kuwe. 33Ndasendisiti ke kwa oko ndatuma kuwe; nawe ulungisile ukuba ufikile. Kaloku ngoko silapa tina sonke ebusweni bukatixo, ukuva zonke izinto uziyalelweyo ngutixo.
34Waza u‐Petrosi wavula umlomo, wati: Ngokwenyaniso ndiyaqiqa okokuba utixo akanguye oketa abantu; 35koko oti kuzo zonke intlanga amoyike, enze ubulungisa, ukolekile kuye. 36Elozwi walitumayo elusatsheni luka‐Sirayeli, eshumayela uxolo ngo‐Yesu Kristu, (lo u yinkosi yabo bonke,) 37niyalazi: elendawo eyenzekayo kuyo yonke i‐Judeya, iqalwe e‐Galili, emveni kwalo ubapitizesho olwashunyayelwayo ngu‐Johane: 38elingaye u‐Yesu wase‐Nazarete, okokuba utixo wamtambisa ngomoya oyingcwele nangamandla; owacanda ilizwe esenza okulungileyo, epilisa bonke ababebandezelwa ngu‐Satane; ngokuba utixo ebenaye. 39Nati ke singamanqi̔na ento zonke wazenzayo nasezweni lama‐Juda nase‐Yerusaleme; ate wona ambulala emxo̔mile emtini. 40Yena lo utixo wamvusa ngowesitatu umhla, wambonakalisa ekuhleni: 41bekungekubo bonke abantu, bekukuwo amanqi̔na abebalulwe pambili ngutixo, kuti tina, esatyayo sasela ndawonye naye emveni kwokuvuka kwake ekufeni. 42Owasiyalezela ukuba sishumayele ebantwini, nokuba sinqi̔nise okokuba unguye obemisiwe ngutixo abe ngumgwebi wabahleliyo nabafileyo. 43Yena lo bonke abaprofite bayamnqi̔nela, ukuba bonke abakolwayo kuye baya kwamkela ukuxolelwa kwezono ngalo igama lake.
44Esateta u‐Petrosi amazwi la, umoya oyingcwele wawela bonke ababesiva ilizwi. 45Baza bamangaliswa abo bakulo ulwaluko abakoliweyo, bonke abebezile no‐Petrosi, ukuba isipiwo somoya oyingcwele sigalelwe napezu kwabaheyideni. 46Ngokuba bebebeva beteta ngezinye inteto, bezukisa utixo. 47Wandula wapendula u‐Petrosi, wati: Kuko ongala amanzi na, ukuze aba bangabapitizeshwa, abamamkeleyo umoya oyingcwele njengokuba simamkele nati? 48Waza wayalela ukuba babapitizeshwe egameni lenkosi. Bandula bamtandaza ukuba makalibale kona imihla etile.