1KWAYE kute nxa u‐Apolosi ebeko e‐Korinte, wati u‐Paulusi ecandile izahlulo zasentla, weza e‐Efese: waza efumene kona abadisipile abatile, 2wati kubo: Namkela umoya oyingcwele nakukolwa kusinina? Bati bona kuye: Aseva nokuba umoya oyingcwele uko na. 3Waza wati kubo: Nabapitizeshelwa kwinto nina pofu? Bati bona: Kulo ubapitizesho luka‐Johane. 4Wati ke u‐Paulusi: u‐Johane okunene wabapitizesha ngobapitizesho lwoguquko, esiti ebantwini, mabakolwe kulowo ozayo emva kwake, oko kukuti, ku‐Yesu ongu‐Kristu. 5Bati bakuva oku babapitizeshelwa egameni lenkosi u‐Yesu. 6Waza akuba u‐Paulusi ebebekile pezu kwabo izandla zake, weza umoya oyingcwele pezu kwabo; baza bateta ngezinye inteto, baprofitesha. 7Abe ke amadoda lawo inani lonke engati alishumi linamabini.
8Waza wangena endlwini yentlanganiso, wateta ngokukalipa, inyanga zazintatu, epikisa ecenga ngezinto ezingabo ubukumkani bukatixo. 9Kodwa xeshekweni abatile baba lukuni, bengakolwa, beteta kakubi ngendlela leyo ebusweni bomhlambi, wemka kubo, wahlula abadisipile, epikisa imihla ngemihla esikolweni somntu ongu‐Tirano. 10Kwaye kusenziwa oku iminyaka yamibini, bada bonke ababemi e‐Asiya beva ilizwi lenkosi u‐Yesu, kwa nama‐Juda nama‐Girike. 11Kanjako izenzo zamandla ezingenziwa futi wabezenza utixo ngezandla zika‐Paulusi; 12kwada kwasiwa kwabafayo iqiya nezikaka zivela emzimbeni wake, zaza izifo zesuka kubo, nomoya abakohlakeleyo bapuma kubo.
13Bati kekaloku abatile bakuwo ama‐Juda azincibi zokufungisa ezihambahambayo, balinga ukubiza igama lenkosi u‐Yesu pezu kwabo babenomoya abakohlakeleyo, besiti: Siyanifungisa u‐Yesu, lowo u‐Paulusi amshumayelayo. 14Kwabekuko abatile, onyana baka‐Sikeva, um‐Juda, umperisite omkulu, ababekwenza oku. 15Kodwa wapendula umoya okohlakeleyo wati: u‐Yesu ndiyamazi, no‐Paulusi ndiyamazi kakulu; kodwa nina, ningobanina? 16Waza umntu abekuye umoya okohlakeleyo watsibela pezu kwabo, wenza ngamandla kubo, waboyisa, bada besaba kuleyondlu bezé belinyaziwe. 17Lento ke yazeka kubo bonke ababemi e‐Efese, nakuma‐Juda, nakuma‐Girike; kwaza kwawa ukwoyika pezu kwabo bonke, laye igama lenkosi u‐Yesu belizukiswa. 18Kanjalo abaninzi babakoliweyo babesiza bevuma betyela izenzo zabo. 19Bati nento eninzi yabo bazenza izenzo zokunyanga baqokelela incwadi zabo, bazitshisa ebusweni babo bonke: baza babala amanani azo, bafumana ukuba angamaqosha esilivere angamawaka amashumi mahlanu. 20Bekunjalo lakulayo ilizwi lenkosi ngamandla, loyisa.
21Xeshekweni ke bekugqityelwe ezizinto, wacinga u‐Paulusi emoyeni wake, ukuba woti, akuba ecandile i‐Masedoniya ne‐Akaiya, aye e‐Yerusaleme, esiti: Emveni kwokuba ndiye kona, ndifanele ukubona ne‐Roma. 22Waza watuma e‐Masedoniya ababini bakubo ababemkonza, u‐Timote no‐Erastusi, walibala yena ngokwake umzuzu e‐Asiya.
23Kodwa kwesuka ngeloxesha isipitipiti esingencinane ngayo indlela leyo. 24Ngokuba umntu otile ogama lalingu‐Demetriyusi, umkandi wesilivere, obezenza itempilana zesilivere zo‐Diyana, wabezenzela incibi inzuzo engencinane; 25owazibutela ndawonye, nabasebenzi bezinto ezinjalo, wati: Madoda! niyazi kakulu ukuba kungobuncibi obu esinabo ubutyebi betu. 26Kanjako niyabona, niyeva nokuva, ukuba akukuyo i‐Efese yodwa, kuza kuba kuyo yonke i‐Asiya, u‐Paulusi lo upambukisile abantu abaninzi ngokucenga kwake, esiti abangotixo abo benzwayo ngezandla: 27kuze kungabi kukuba lomsebenzi wetu usemgcipekweni ukuza kwaliwa kodwa, koko kanjalo itempile yotixokazi omkulu u‐Diyana isemgcipekweni ukubalwa ngokuba yinto enganto, buti nobukulu bake buze kuci̔twa, lowo yonke i‐Asiya nelizwe limbedeshayo.
28Kekaloku bakuva oku baba bezele ngumsindo, badanduluka, besiti: Umkulu u‐Diyana wama‐Efese! 29Saza isixeko sonke sazaliswa yimpitizelo; basuka bagalelekela endaweni yokubonela ngentliziyo nye, bebate ṙintyi u‐Gayusi no‐Aristariko, ama‐Masedoniya, abapeleki baka‐Paulusi ekuhambeni. 30Naxeshekweni u‐Paulusi ebenga angangena ebantwini, abadisipile babengamvumeli. 31Kanjalo nabatile bakubo abapati base‐Asiya, bengabahlobo bake, batuma kuye, bambongoza ukuba makangazilahleli endaweni yokubonela. 32Kwa njalo ke abanye bebedanduluka ngento etile, nabanye ngento yimbi: ngokuba intlanganiso ibipitizele; baye abaninzi kubo bebengazi ukuba bebebutene ngenxa yanto nina. 33Bati inxenye bampumisa u‐Aletsandere esihlweleni, emtya̔lela pambili ama‐Juda. Waza u‐Aletsandere wakoba ngesandla, wafuna ukuzitetelela ebantwini. 34Kodwa bakunakana ukuba ungum‐Juda, kwesuka izwi nye kubo bonke, bedanduluka iyure zanga zambini, besiti: Umkulu u‐Diyana wama‐Efese!
35Waza umba̔li wesixeko, akuba esitutuzele isihlwele, wati: Madoda ase‐Efese! nguwupina umntu pofu ongaziyo ukuba isixeko sama‐Efese singumbedeshi wotixokazi omkulu u‐Diyana, nowomfanekiso owileyo ezulwini? 36Ngako ezizinto zingenakukanyezwa nje, kufanelekile kuni ukuba niti tu, nokuba ningenzi luto ngokunxama kakulu. 37Ngokuba niwazisile apa amadoda la, engengabo abapangi betempile, engengabo nabagxeki botixokazi wenu. 38Ukuba ke ngoko u‐Demetriyusi, nencibi ezinaye, banendawo ngakuye umntu, kubanjwa imihla yamatyala, kuko nabagwebi; mabamemane. 39Kodwa ukuba niyabuza into ngazo zimbi indawo, ziya kulungiswa entlanganisweni elungelene nomteto. 40Ngokuba sinengozi yokokuba sonikwa ityala ngayo impitimpiti yanamhla, kungeko tuba nje esingati ngalo sipendulele lembutumbutu. 41Waza etshilo oku wandulula intlanganiso.