U‐Hamose 3
1YIVANI elilizwi alitetileyo uyehova ngakuni, lusapo luka‐Sirayeli! ngakuso sonke isizalwane endasinyusayo elizweni le‐Jipete, lokuti: 2Nina ndinazile kupela kuzo zonke izizalwane zomhlaba; ngako oko ndiya kuzohlwayela zonke inkohlakalo zenu pezu kwenu. 3Bohamba ababini kunye na, ukuba abavumelani? 4Yokonya na ingonyama ehlatini, nxa ingenanto yokuqwenga? yoku̔pa ilizwi layo na ingonyama entsha emnxunyeni wayo, ukuba ayibambanga nto? 5Intaka iya kuwa na emgibeni pezu kwomhlaba, kungeko kuyo isigu? wojuba na umgibe emhlabeni, nxa kungabanjiswanga nanto? 6Kwovutelwa ngexilongo esixekweni na, baze bangangcangcazeli abantu ke? kwobako ilishwa esixekweni na, engalenzanga uyehova nje? 7Ngenyaniso ayiyi kwenza nto inkosi e nguyehova, ukuba ayityilanga iqinga layo kwizicaka zayo abaprofite. 8Ikonyile ingonyama, ngubanina ongayi kwoyika? Itetile inkosi e nguyehova, ngubanina ongayi kuprofitesha?
9Vakalisani kuzo izindlukazi e‐Ashedode, nakuzo izindlukazi ezweni le‐Jipete, niti: Zihlanganiseni pezu kwentaba zase‐Samariya, nizibone izipitipiti ezikulu ezikuyo, nembandezelo ezipakati kwayo. 10Ngokuba bengazi ukwenza okulungileyo, utsho uyehova, abakubekelayo okuhlutiweyo nokubadiweyo kuzo izindlukazi zabo. 11Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kwobako utshaba, lungqonga ilizwe ke; lwaluya kuhlisa amandla ako kuwe, nendlukazi zako ziya kupangwa. 12Utsho uyehova ukuti: Njengokuba umalusi ehlangula emlonyeni wengonyama imilenze mibini, umhlaumbi intwana yendlebe, kwa njalo lwohlangulwa usapo luka‐Sirayeli, oluhleli e‐Samariya encameni yomandlalo, nase‐Damakusi encameni yento yokupumla. 13Yivani, ninqi̔ne ngakuyo indlu ka‐Yakobi, itsho inkosi e nguyehova, utixo wemikosi, 14ukuba ndoti, emhleni endiya kuzohlwayela izigqito zika‐Sirayeli pezu kwake, ndizohlwayele nezibingelo zase‐Betele; impondo zesibingelo ziya kunqanyulwa, ziwe pantsi emhlabeni. 15Ndandiya kubeta indlu yobusika kunye nendlu yehlobo; izindlu zopondo lwendlovu zoti tshabalala, nendlu ezinkulu zoba nokupela, utsho uyehova.
Bible Society of South Africa 1902