1UKUBA ngoko nibe nivuswa kunye no‐Kristu, funani izinto ezipezulu, apo u‐Kristu akona, ehleli ngasekunene kwotixo. 2Nyamekelani izinto ezipezulu, ninganyamekeli izinto ezisemhlabeni. 3Ngokuba nafayo, nobomi benu bona bufihlelwe kunye no‐Kristu kutixo. 4Okuya u‐Kristu, obubomi betu, uya kubonakaliswa, niya kwandula oko nani nibonakaliswe kunye naye ebungcwaliseni.
5Fisani ngoko amalungu enu asemhlabeni; umbulo, ubunco̔la, ukuva okubi, inkanuko ekohlakeleyo, nobubawa, obuti bona buyinkonzo yezitixo: 6ekungenxa yezizinto umsindo katixo uza pezu kwalo usapo lwokungeva; 7enanifudula nihamba pakati kwalo nani, okuya nibe nihlala kuzo. 8Kodwa kaloku zibekeni nxamnye nani zonke ezi, uqumbo, umsindo, ulunya, ugxeko, ukuteta okuhlazekileyo emlonyeni wenu. 9Ningaxoki omnye kwomnye, nimtulile nje umntu omdala kunye nezenzo zake, 10namambata omtsha, ohlaziyelwa ngasekwazini ngokwomfanekiso walowo wamdalayo: 11apo kungeko kona um‐Girike nom‐Juda, ukwaluka nokungaluki, um‐Babare nom‐Sitiya, ikoboka nokululekileyo; koko u‐Kristu ezinto zonke, nakubo bonke.
12Yambatani ngoko, njengabaqashwa bakatixo, abangcwele nabatandiweyo, inceba zetaṙu, ububele, ukutobeka kwentliziyo, ululamo, ukuzeka kade; 13ninyamezelana, nixolelana, ukuba kuko omnye onesikalazo ngakuye omnye; njengokuba naye u‐Kristu ebexolela nina, nisenje njalo nani. 14Kodwa pezu kwazo zonke ezizinto yambatani utando, olungumbambo wemfezeko.
15Kanjako uxolo lukatixo malube nokupata ezintliziyweni zenu, enibe nibizelwa kulo kanjako emzimbeni mnye; nize nibe nokubulela.
16Ilizwi lika‐Kristu malikolise ukuma kuni, nifundisana nilulekana ngobulumko bonke, ngamaculo, nangengoma zokudumisa, nangezivumo ezibumoya, nivuma ngofefe ezintliziyweni zenu enkosini. 17Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi umhlaumbi ngesenzo, zonke izinto zenzeni egameni lenkosi u‐Yesu, nibulela kuye utixo noyise ngayo yona.
18Nina bafazi! lulamelani kwawenu amadoda, njengokuba kufanelekile enkosini.
19Nina madoda! tandani abafazi benu, nize ningabi buṙaṙa ngakubo.
20Nina bantwana! yivani abazali benu ngenxa zonke; ngokuba oku kukolekile enkosini.
21Nina boyise! ningacapukisi abantwana benu, ukuze bangadani.
22Nina makonza! yivani ngenxa zonke abazinkosi zenu ngokwenyama; kungabi ngokukonza kwamehlo njengabakolisabantu, kube ngolungelelwano lwentliziyo, nisoyika utixo. 23Nako konke enisukuba nikwenza, kwenzeni kwa ngentliziyo, njengakuyo inkosi, kungekubo abantu; 24nisazi nje ukuba niya kuwamkela kwinkosi umvuzo welifa: ngokuba niyikonza inkosi u‐Kristu. 25Kodwa owonayo uya kubuya amkele oko wona ngako: kanjako akuko ukuketwa kwabantu.