1NGOWOKUQALA umnyaka ka‐Dariyusi unyana ka‐Hasheveroshe, kwinzalo yama‐Medi, owenzwa ukumkani pezu kwobukumkani bama‐Kaledine; 2ngowokuqala umnyaka wokubupata kwake, mna Danyeli ndaqonda ngencwadi inani leminyaka, elati ilizwi likayehova leza ngalo ku‐Jeremiya umprofite, ukuba kuzalisekiselwe ingcitakalo ze‐Yerusaleme iminyaka imashumi asixe̔nxe. 3Ndaza ndabeka ubuso bam ngakuyo inkosi, utixo, ukuba ndimfune ngotandazo nezikungo, ngokuzila ukutya, nangentlakantlaka notutu: 4ndatandaza kuyehova, utixo wam, ndenza imvumo yam, ndati:
Au, Nkosi! lowo utixo umkulu owoyikekileyo, ogcinela abo bamtandayo nabo babamba imiyalelo yake ucebano nobubele! 5Sonile tina, senzile ngobugwenxa, senza okukohlakeleyo, saye singabangevayo, ngokupambuka emiyalelweni yako nasezigwetyeni zako: 6kanjako asipulapulanga kwizicaka zako abaprofite, abateta egameni lako kubo okumkani betu, inkosi zetu, nobawo betu, nakubo bonke abantu belizwe. 7Kuwe, Nkosi! kuko ukulunga, kodwa kuti kuko ukudana kwobuso, njengokuba kunjalo namhla nje; kuwo amadoda akwa‐Juda, nakubo abemi base‐Yerusaleme, nakubo o‐Sirayeli bonke, abo bakufupi, nabo bakude, kuwo onke amazwe apo ubagxotele kona, ngenxa yobumenemene babo abenzileyo ngakuwe. 8Nkosi! kuti kuko ukudana kwobuso, kokumkani betu, kwinkosi zetu, nakobawo betu, ngokuba sonile ngakuwe. 9Kuyo inkosi, utixo wetu, kuko izibele nezixolelo, nakuba sivukele ngakuyo; 10singapulapulanga nelizwi likayehova, lotixo wetu, lokuba sihambe ngemiteto yake ayibekileyo pambi kwetu ngezicaka zake abaprofite. 11Ewe, o‐Sirayeli bonke bagqitile umteto wako, kwa ngokupambuka, ukuze bangapulapuli ilizwi lako; ngako sigalelelwe sisiqalekiso nesifungo esiba̔liweyo emtetweni ka‐Mosesi isicaka sikatixo, ngokokuba sonile ngakuye. 12Namazwi ake owawateta ngakuti, nangakubo abagwebi betu abasigwebayo, uwaqinisile, ngokuzisa pezu kwetu ububi obukulu; ngokuba kungenziwanga ngapantsi kwezulu lonke njengokuba kwenziwe e‐Yerusaleme. 13Njengokuba kuba̔liwe emtetweni ka‐Mosesi, kufikile pezu kwetu bonke obububi; kanti asibongozanga uyehova, utixo wetu, ukuba siguquke ezinkohlakalweni zetu, sigqale inyaniso yako. 14Ngako uyehova ulindile pezu kwobububi, wabuzisa pezu kwetu: ngokuba uyehova, utixo wetu, elungile kuyo yonke imisebenzi yake ayenzayo: ngokuba ilizwi lake singalipulapulanga. 15Nakaloku, Nkosi, Tixo wetu! obaku̔pileyo abantu bako ezweni le‐Jipete ngesandla esomeleleyo, wazenzela igama, njengokuba kunjalo namhla nje; sonile, senzile ngokukohlakeleyo. 16Nkosi! njengabo bonke ubulungisa bako, makekunqandwe ingqumbo yako nobuṙalaṙume bako kuso isixeko sako i‐Yerusaleme, intaba eyingcwele yako: ngokuba ngenxa yezono zetu, nangenxa yenkohlakalo zobawo betu, i‐Yerusaleme nabantu bako basisigxekwa kubo bonke abasingqongayo. 17Ngako kaloku, Tixo wetu! yiva umtandazo wesicaka sako, nezikungo zaso, ukanyise ubuso bako ngapezu kweyingcwele indawo yako ecitakeleyo, ngenxa yenkosi. 18Tixo wam! tobela indlebe yako, uve ke; vula amehlo ako, ubone ingci̔takalo zetu, nesixeko esibizwayo ngegama lako: ngokuba kungengenxa yobulungisa betu esibeka izikungo zetu ebusweni bako, kungenxa yezibele zako ezikulu. 19Nkosi, yiva! Nkosi, xolela! Nkosi, pulapula, wenze ke! zungalibali, ngenxa yokwako, Tixo wam! ngokuba isixeko sako nabantu bako bebizwa ngegama lako.
20Kekaloku ndisateta mna, nditandaza, ndivuma isono sam nesono sabantu bam o‐Sirayeli, ndibeka nokubeka isikungo sam ebusweni bukayehova, utixo wam, ngenxa yentaba eyingcwele katixo wam: 21ewe, ndisateta mna ekutandazeni, indoda engu‐Gabriyeli, leyo bendiyibonile embonisweni ekuqaleni, ikaulezisiwe nje ngokubaleka, yandicu̔kumisa ngexesha lingati lelomnikelo wokuhlwa. 22Waza wandiqondisa, wateta nam, wati: Danyeli! ndipumile kaloku nje ukuza kukufundisa ukuqonda. 23Ekuqaleni kwezikungo zako lapuma ilizwi; ndize nam ukuba ndikuxelele; ngokuba ungotandiweyo wena: ngako qonda lendawo, ugqale lomboniso. 24Iveki ezimashumi asixe̔nxe zimiselwe pezu kwabantu bako, napezu kwesixeko sako esiyingcwele, kuze kugqitywe isigqito, kupeliswe izono, kuxoliselwe inkohlakalo, kungeniswe ubulungisa obungunapakade, kuncanyatiselwe umboniso nesiprofitesho, kutanjiswe oyingcwele wabangcwele. 25Yazi ke, uqonde: kwa sekupumeni kwelizwi lokuba ibuye yakiwe i‐Yerusaleme kude kufike u‐Mesiya, inkosi, ziziveki ezisixe̔nxe, neveki ezimashumi matandatu anambini: kwobuya kwakiwe isitarate, nodonga, kwa ngamaxesha obunzima. 26Nasemveni kwazo ezoveki zimashumi matandatu anambini u‐Mesiya wonqanyulwa, kodwa akuyi kuba ngenxa yokwake; nesixeko nendawo eyingcwele bozitshabalalisa abantu benkosi eya kuza; ukupela kwayo kwoba ngomsinga, nakude kube sekupeleni kwobako imfazwe, nengci̔takalo ezimisiweyo. 27Waeya kuqinisa ucebano nabaninzi iveki ibe nye; napakati kweveki leyo uya kupelisa umbingo nomnikelo; nangenxa yokutwabululeka kwezinto ezizondekileyo uya kucitakalisa, kwa kude kube kukugqitywa, nxa okumisiweyo kuya kutululwa pezu kwokucitakeleyo.