1NXA upumela ukulwa ngakuzo intshaba zako, ubone amahashe, nenqwelo, nabantu abaninzi pezu kwako, aniyi kuboyika: ngokuba uyehova, utixo wako, enawe, owakunyusayo ezweni le‐Jipete. 2Kwakuya kuti, nakuza kufupi ekulweni, makasondele umperisite atete ebantwini, 3ati kubo: Pulapula, Sirayeli! niyasondela namhla ukuza kulwa nentshaba zenu; maingabi butataka intliziyo yenu, ningoyiki, ningetuki, ningabi nakunkwantya pambi kwazo: 4ngokuba nguyehova, utixo wenu, ohamba nani, ukuya kunilwela ngakuzo intshaba zenu, ukuba anisindise.
5Aya kwandula amagosa atete ebantwini, esiti: Nguwupina umntu owakileyo indlu entsha, kanti akayitwasisanga? makahambe abuyele endlwini yake, hleze afe yena ekulweni, aze omnye umntu ayitwasise. 6Kanjako nguwupina umntu otyalileyo isitiya semiti yeveyine, kanti akakatyanga kwisiqa̔mo saso? makahambe abuyele endlwini yake, hleze afe yena ekulweni, aze omnye umntu ade atye kuso. 7Kananjalo nguwupina umntu oxamileyo umfazi, kanti akamzekanga? makahambe abuyele endlwini yake, hleze afe yena ekulweni, aze omnye umntu amzeke. 8Aya kupinda amagosa ukuteta ebantwini, ati: Nguwupina umntu owoyikayo nontliziyo ibutataka? makahambe abuyele endlwini yake, ukuba inganyibiliki intliziyo yabazalwana bake, njengeyake intliziyo. 9Kwakuya kuti, nxa amagosa lawo agqibile ukuteta ebantwini, aya kudala inkosi zemikosi zikokele abantu.
10Xeshekweni usondela esixekweni ukuza kulwa ngakuso, uya kwandula ushumayele kuso uxolo. 11Kwakuya kuti, ukuba siyakupendula ngoxolo, nokuba siyakuvulela, kuya kwandul’ ukuti, bonke abantu abafunyanwayo kuso boba ngabanikeli kuwe, bakukonze. 12Kanti ukuba asiyi kwenza uxolo nawe, koko siya kuyenza nawe imfazwe, uya kwandula usivingcele. 13Waye uyehova, utixo wako, eya kusinikela esandleni sako; wauya kubeta konke okubudoda kuso ngohlangoti lweṙele: 14kodwa abafazi, nentsapo, nenkomo, nako konke okuya kubako esixekweni, lonke ixoba laso, uya kuzipangela ezonto; wauya kulidla ixoba lentshaba zenu, olipiweyo nguyehova, utixo wako. 15Uya kwenje njalo kuzo zonke izixeko ezikude kakulu kuwe, ezingezizo ezezixeko zentlanga ezi. 16Kodwa ezezixeko zababantu, uzipiwayo nguyehova, utixo wako, zibe lilifa, akuyi kulondoloza ebomini namnye opefumlayo: 17koko uya kugqibela ukubalahlela ekutshatyalalisweni: ama‐Hete, naba‐Amori, naba‐Kanane, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi; njengokuba uyehova, utixo wako, ekuyalele: 18ukuze banganifundisi ukwenza ngazo zonke izinto ezibuntshontsho zabo, abazenzileyo kotixo babo, nize none ngakuye uyehova, utixo wenu.
19Xeshekweni uya kuvingcela isixeko imihla emininzi, ekulweni ngakuso ukuba usibambe, akuyi kutshabalalisa imiti yaso ngokubeta ngakuyo ngezembe: ngokuba uya kutya kuyo; ngako yona akuyi kuyinqumla, (ngokuba imiti yasendle yeyokudla kwomntu,) ukuba iye pambi kwako ekuvingceleni: 20kodwa imiti uyaziyo ukuba ayiyiyo imiti yokudliwa, yona woyitshabalalisa uyinqumle; wauya kwaka inqaba ngakuso isixeko esiyenzayo nawe imfazwe, side siwe.