1Ngalomini ukumkani u‐Hasheveroshe wamnika u‐Esetere ukumkanikazi indlu ka‐Hamani, utshaha lwama‐Juda: no‐Modekai yena weza ebusweni bokumkani; ngokuba u‐Esetere ebexele into uyiyo kuye. 2Waza ukumkani watula umsesane wake abewususile ku‐Hamani, wawunika ku‐Modekai. Kanjalo u‐Esetere wambeka u‐Modekai pezu kwendlu ka‐Hamani.
3WALEKELA u‐Esetere wateta ebusweni bokumkani, wawa ngasezinyaweni zake, walila inyembezi, wataṙuzisa kuye ukuba akwelelise ububi buka‐Hamani um‐Hagagi, neqinga lake waliqingayo ngakuwo ama‐Juda. 4Wandula ukumkani wayolulela ku‐Esetere intonga yegolide. Waselesuka u‐Esetere, wema pambi kwokumkani, 5wati: Ukuba kunga kulungile kukumkani, nokuba ndifumene ufefe ebusweni bake, nokuba ifanelekile lento pambi kwokumkani, nokuba ndikolekile mna emehlweni ake, makuba̔lwe ukuba kubuyiswe incwadi neqinga lika‐Hamani unyana ka‐Medata, um‐Hagagi, owaba̔layo ukuba kubujiswe ama‐Juda akuwo onke amazwana okumkani. 6Ngokuba ndingati nina ukuba namandla okuba ndibone ububi obuya kuhlela abantu bam? ndingati nina kanjalo ukuba namandla okuba ndibone imbujiswa yezalamane zam?
7Waza wati ukumkani u‐Hasheveroshe kuye u‐Esetere ukumkanikazi, nakuye u‐Modekai um‐Juda: Bona ke, indlu ka‐Hamani ndiyinikile ku‐Esetere, naye yena bamxo̔mile emtini, ngenxa yokuba wolula isandla sake ngakuwo ama‐Juda. 8Ba̔lelani ama‐Juda nani, njengoko kulungileyo emehlweni enu, egameni lokumkani, nincamatisele ngomsesane wokumkani: ngokuba isiba̔lo, esiba̔liweyo egameni lokumkani, nesincanyatiselweyo ngomsesane wokumkani, kungeko mntu ongasibuyisayo.
9Kwandula kwabizwa ababa̔li bokumkani ngexesha elo, ngenyanga yesitatu, ekwa yinyanga yo‐Sivane, ngowamashumi mabini anesitatu umhla wayo; kwaza kwaba̔lwa ngako konke wakuyalelayo u‐Modekai, kuma‐Juda, nakuzo inkosi ezinkulu, nenkosi nabapati bamazwana, atabata e‐Yindiya kude kwase‐Tiyopiya, amazwana alikulu linamashumi mabini anesixe̔nxe, izwana ngezwana njengokuba̔la kwalo, nabantu ngabantu njengenteto yabo; nakuwo ama‐Juda, njengokuba̔la kwawo, nanjengenteto yawo.
10Kwaye kuba̔lwa ke egameni lokumkani u‐Hasheveroshe, kwancanyatiselwa ngomsesane wokumkani kanjalo; kwaza kwatunywa incwadi ngesandla sezigidimi pezu kwamahashe, zikwele emahasheni anamendu, nasemaqwaṙaṙeni, amatole amahashekazi: 11zokuba ukumkani wavumela ama‐Juda, akuzo zonke izixeko ngazinye, ukuzihlanganisa, nokupakamela ubomi bawo, ukutshabalalisa, ukubulala, nokububisa, onke amandla abantu nezwana, abaya kuwapata ngobutshaba, intsapo nabafazi, nokupanga amaxoba abo, 12emhleni mnye, kuwo onke amazwana okumkani u‐Hasheveroshe, koweshumi linesitatu umhla wenyanga yeshumi linesibini, ekwa yinyanga yo‐Adari.
13Isitsho sesiba̔lo besisesokuba kunikwe umteto kuwo onke amazwana ngamanye, utyileka kubo bonke abantu; nokuba ama‐Juda abe elungile ngomhla lowo, ukuze azipindezelele ezintshabeni zawo. 14Kekaloku izigidimi, zikwele emahasheni anamendu nasemaqwaṙaṙeni, zapuma zikaulezisiwe zinxanyisiwe nokunxanyiswa lilizwi lokumkani. Kwanikwa lomteto e‐Shushane komkulu.
15Waza u‐Modekai wapuma ebusweni bokumkani, enesivato sobukumkani seqiya ezuluṙa nemhlope, nesitsaba esikulu segolide, nengubo yeqiya eshiceneyo nebomvu: sati isixeko se‐Shushane sagcoba, savuya. 16Ama‐Juda ebenokukanya, novuyo, nomgcobo, nembeko. 17Nakuwo onke amazwana ngamanye, nakuzo zonke izixeko ngazinye, apo lisukuba lafikela kona ilizwi lokumkani nomteto wake, ama‐Juda ebenovuyo nomgcobo, ebenesidlo nomhla omnandi. Baza abaninzi ebantwini belizwe baba ngama‐Juda; ngokuba ukwoyikwa kwama‐Juda bekuwile pezu kwabo.