1Wati kanjalo u‐Betsalele wayenza ityeya ngemiti yeshitime: yayizikubite mbini nesiqingata sekubite ubude bayo, nekubite nye nesiqingata sekubite ububanzi bayo, nekubite nye nesiqingata sekubite ubupakamo bayo. 2Waza wayaleka ngegolide ecocekileyo, pakati nangapandle; wayenzela isitsaba segolide ngento engqongayo. 3Wayetyityishela yona imisesane yegolide yamine, ngasemagumbini ayo, imisesane mibini ngelinye icala layo, nemisesane ekwa mibini ngelinye icala layo. 4Wazenza nezibonda ngemiti yeshitime, wazaleka ngegolide. 5Waye izibonda ezo wazingenisa kuyo imisesane esemacaleni etyeya, ize itwalwe ityeya.
6Kanjalo wasenza isihlalo sofefe ngegolide ecocekileyo: sasizikubite mbini nesiqingata sekubite ubude baso, nekubite nye nesiqingata sekubite ububanzi baso. 7Wazenza nekerubime zambini ngegolide; wazenza ngesetyenzwa elikandelweyo, zipuma ezincameni zombini zesihlalo sofefe; 8enye ikerubime isencameni yakweli icala, nenye ikerubime isencameni yakweliya icala: zipuma esihlalweni sofefe wayezenza ikerubime, ezincameni zaso zombini. 9Zati ikerubime zatwabulula amapiko omabini ngapezulu, zisigubungela ngamapiko azo isihlalo sofefe; nobuso bazo obenye babubekana nobenye; babungakuso isihlalo sofefe ubuso bekerubime.
10Wayenza netafile ngemiti yeshitime; yayizikubite mbini ubude bayo, nekubite nye ububanzi bayo, nekubite nye nesiqingata sekubite ubupakamo bayo. 11Wayeyaleka ngegolide ecocekileyo, wayenzela isitsaba segolide ngento engqongayo. 12Wayenzela nodini, lungangobubanzi besandla, ngento engqongayo; waza walwenzela udini lwayo isitsaba segolide ngento engqongayo. 13Wayityityishela imisesane yegolide yamine, wayibeka imisesane emagumbini omane asezinyaweni zayo zone. 14Ibimalungana nodini imisesane leyo, ibe zindawo zezibonda zokuba kutwalwe itafile. 15Wazenza izibonda ezo ngemiti yeshitime, wazaleka ngegolide, ize itwalwe itafile. 16Wenza nempahla ezipezu kwetafile, izikotile zayo, nezitya zayo, nendebe zayo, nebekile zayo, ekwagalelwa ngazo, ngegolide ecocekileyo.
17Wayenza nekandelare ngegolide ecocekileyo: ngesetyenzwa elikandelweyo wayenza ikandelare; isikondo sayo, nexokama layo, indetyana zayo, izikandana zayo, nentyatyambo zayo, zibe zizezakuyo. 18Imbaxa ezintandatu zapuma emacaleni ayo; kwapuma imbaxa ezintatu zekandelare kwelinye icala layo, nembaxa ezintatu zekandelare kwelinye icala layo. 19Kwako indetyana ezintatu, zifanisiwe nezamonde, kwenye imbaxa, kwa nesikandana nentyatyambo; nendetyana ezintatu, zifanisiwe nezamonde, nakwenye imbaxa, kwa nesikandana nentyatyambo; kwakunjalo kuzo zonke imbaxa ezipuma ekandelareni. 20Nakuyo ikandelare zaziko indetyana ezine, zifanisiwe nezamonde, izikandana zayo, nentyatyambo zayo. 21Kwakuko esinye isikandana ngapantsi kwezimbini imbaxa zakuyo, nesinye isikandana ngapantsi kwezimbini imbaxa zakuyo, nesinye isikandana ngapantsi kwezimbini imbaxa zakuyo, njengazo imbaxa zontandatu ezipuma ekandelareni. 22Izikandana zazo nembaxa zazo zibe zizezakuyo; ibilinye isetyenzwa elikandelweyo legolide ecocekileyo ipela. 23Wazenza nezibane zayo zosixe̔nxe, nezicimo zayo, nezipatelo zayo, ngegolide ecocekileyo. 24Kwakungetalente yegolide ecocekileyo wenzayo yona, nazo zonke impahla zayo.
25Kanjalo wasenza isibingelo sokuqumisa ngemiti yeshitime: sasiyikubite nye ubude baso, nekubite nye ububanzi baso; sanamacala mane; nobupakamo baso sasizikubite mbini; zibe zipuma kwa kuso impondo zaso. 26Wayesaleka ngegolide ecocekileyo, ingcopo yaso, namacala aso ngento engqongayo, nempondo zaso; wasenzela nesitsaba segolide ngento engqongayo. 27Wasenzela kanjalo yamibini imisesane yegolide ngapantsi kwesitsaba saso, ngasemagumbini aso omabini, pezu kwamacala aso omabini, ibe zindawo zezibonda zokuba sitwalwe ngazo. 28Nezibonda zaso wazenza ngemiti yeshitime, wazaleka ngegolide.
29Wayenza neoli engcwele yokutambisa, nesiqumiso esingcwengileyo sezimnandi, ngomsebenzi womenzi wezinukamnandi.