1KWANDULA kweza kum amadoda akubo abadala bo‐Sirayeli, ahlala pantsi ebusweni bam. 2Laza ilizwi likayehova leza kum, lisiti: 3Nyana woluntu! lamadoda apakamisile izitixwana zawo ezintliziyweni zawo, nesiku̔bekiselo senkohlakalo yawo asibekile pambi kwobuso bawo: ngendiba ndika ndibuzelwe ngawo na? 4Ngako oko teta nawo, uti kuwo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Onke amadoda akwindlu ka‐Sirayeli azipakamisayo izitixwana zawo ezintliziyweni zawo, asibeke isiku̔bekiselo senkohlakalo yawo pambi kwobuso bawo, eze kuye umprofite; mna Yehova ndiya kupendula lowo uzayo, ngokuba zininzi kwezitixwana zake; 5ukuze ndibambe indlu ka‐Sirayeli ngeyabo intliziyo, ngokokuba bona bonke bahlukene nam ngezitixwana zabo.
6Ngako oko yiti kwindlu ka‐Sirayeli: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Guqukani, niziguqule kuzo izitixwana zenu; nakuzo zonke izinto zenu ezibuntshontsho buguquleni ubuso benu. 7Ngokuba owakuyo indlu ka‐Sirayeli, nowakuye owasemzini opambukele kwa‐Sirayeli, osukuba azahlule kum, azipakamise izitixwana zake entliziyweni yake, asibeke isiku̔bekiselo senkohlakalo yake pambi kwobuso bake, eze kumprofite ukuzibuzela yena ngam; mna Yehova ndiya kumpendula ngokwam: 8ndandiya kumisa ubuso bam ugakuyo indoda leyo, ndiyenze umqondiso nomzekeliso, ndiyinqamle kwa pakati kwabantu bam; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova. 9Nomprofite, nxa acengwayo, andule atete into, mna Yehova ndimcengile umprofite lowo, ndandiya kusolula isandla sam pezu kwake, ndimtshabalalise pakati kwabantu bam o‐Sirayeli. 10Netyala labo baya kulitwala; njengetyala lobuzayo loba njalo ityala lomprofite; 11ukuze indlu ka‐Sirayeli ingabuyi ilahleke kum, nokuze ingabuyi inco̔liswe ngazo zonke izigqito zabo; baze babe ngabantu kum, nam ndibe ngutixo kubo, itsho inkosi e nguyehova.
12Leza ilizwi likayehova kum kanjalo, lisiti: 13Nyana woluntu! ilizwe nxa lonayo ngakum ngokwenza ngobumenemene kakulu, ndandule ndisolule isandla sam pezu kwalo, ndilapulele umsimelelo wesonka, nditume pakati kwalo indlala, ndinqamle kulo abantu nezilo; 14nakuba abeko lamadoda matatu, u‐Nowa, no‐Danyeli, no‐Jobi, pakati kwalo, bona ngobulungisa babo bebeya kuhlangula imipefumlo yabo yodwa, itsho inkosi e nguyehova. 15Ukuba ndiyenza amaṙamncwa acande elizweni, alihlute abantwana, lize libe bugxwayiba, kude kungabiko mntu odlulayo ngenxa yamaṙamncwa; 16nakuba lamadoda matatu abepakati kwalo, ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, ebengayi kuhlangula nonyana nentombi; wona odwa aya kuhlangulwa, kanti ilizwe loba bugxwayiba. 17Umhlaumbi ukuba ndiyazisa iṙele pezu kwelizwe elo, nditi: Ṙele! canda elizweni; ndize ndinqamle kulo abantu nezilo; 18nakuba lamadoda matatu abepakati kwalo, ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, ebengayi kuhlangula onyana nentombi, koko ebeya kuhlangulwa wona odwa. 19Umhlaumbi ukuba ndiyatuma isifo esibubisayo pakati kwelizwe elo, nditulule ubuṙalaṙume bam pezu kwalo ngegazi, kuze kunqanyulwe kulo abantu nezilo; 20nakuba u‐Nowa, no‐Danyeli, no‐Jobi, bebepakati kwalo, ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, bebengayi kuhlangula nonyana nentombi; bona ngobulungisa babo bebeya kuhlangula eyabo imipefumlo yodwa. 21Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti; Kwoba kangakananina ngakumbi ke nxa nditumayo imigwebo yam emibi yomine, iṙele, nendlala, namaṙamncwa, nesifo esibubisayo, pezu kwe‐Yerusaleme, kuze kunqanyulwe kuyo abantu nezilo? 22Noko, bona ke, kuya kusaliswa kuyo abasindileyo, abaya kupunyiswa, onyana nentombi: bona ke, baya kupumela kuni, naniya kubona indlela yabo nezenzo zabo; naniya kututuzelwa ngalo ilishwa endilizisileyo pezu kwe‐Yerusaleme, ngako konke endikuzisileyo pezu kwayo. 23Baya kunitutuzela, nxa nibona indlela yabo nezenzo zabo; naniya kukwazi ukuba andenzanga konke endikwenzile kuyo kungeko tuba, itsho inkosi e nguyehova.