1LEZA kanjako ilizwi likayehova kum, lisiti: 2Nawe, nyana woluntu! uya kugweba na, uya kugweba isixeko samagazi na? ewe, uya kusazisa zonke izinto ezibuntshontsho zaso. 3Wauya kuti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Isixeko siyapalaza igazi pakati kwaso, ukuba lifike ixesha laso; sizenzele izitixwana, ukuba sinco̔lelwe. 4Ngegazi lako ulipalazileyo uzuzile ityala, nangezitixwana zako uzenzileyo unco̔lisiwe; kukona imihla yako uyisondezile, neminyaka yako uyitikele: ngako oko ndikwenzile isigxekwa kubaheyideni, nesigculelwa kuwo onke amazwe. 5Lawo akufupi, nalawo akude kuwe, okugculela, esiti: Wena unco̔lileyo ngegama, ozele yimpitimpiti!
6Bona ke, inkosi zakwa‐Sirayeli, ezinye ngezinye njengamandla azo, zibe zikuwe, ukuze zipalaze igazi. 7Uyise nonina babatyeshele kuwe; owasemzini bambandezele pakati kwako; inkedama nomhlolokazi babapete kakubi kuwe. 8Izinto zam ezingcwele uzidelile, nesabata zam uzinco̔lisile. 9Abahlebi bebeko kuwe, ukuze bapalaze igazi; napezu kwentaba badlile kuwe; ubutshinitshini babenzile pakati kwako. 10Ubuzé boyise babutyilile kuwe; onco̔lileyo ngomzi bamtobisile kuwe. 11Omnye wenzile into ebuntshontsho nomfazi wommelwane wake; nomnye unco̔lisile umolokazana wake ngento ebutshinitshini; nomnye umtobisile udade wake, intombi yoyise, kuwe. 12Amabaso bawatabatile kuwe, ukuze bapalaze igazi; inzuzo enkulu nokwanda okukulu ukutabatile, nommelwane wako umpangile ngobandezelo; nam undilibele, itsho inkosi e nguyehova.
13Ngako, bona ke, ndibetile isandla sam, pezu kwokupanga kwako okwenzileyo, napezu kwegazi lako elipakati kwako. 14Intliziyo yako iya kunyamezela na, izandla zako ziya kwomelela na, emihleni endiya kwenza nawe ngayo? mna Yehova nditetile, ndiya kwenza kanjalo. 15Ndandiya kukuti sa pakati kwabaheyideni, ndikucite pakati kwamazwe, ndipelise ukunco̔la kwako kuwe. 16Woda unco̔lelwe ngokwako emehlweni abaheyideni; wauya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
17Laye ilizwi likayehova lisiza kum, lisiti: 18Nyana woluntu! indlu ka‐Sirayeli iba ligwebu kum; bonke abayo balubedu, netine, nesincete, nelode, pakati kwesidlangalala; bangamagwebu esilivere. 19Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenxa yokuba niba ngamagwebu nina nonke, ngako oko, bona ke, ndiya kunibutela pakati kwe‐Yerusaleme. 20Njengokuba isilivere, nobedu, nesincete, nelode, netine, zibutelwe pakati kwesidlangalala, ukuba kuvutelwe umlilo pezu kwazo, zinyibilike; kwa njalo ndiya kubuta ngengqumbo yam nangobuṙalaṙume bam, ndiyeke, ndinyibilikise nina: 21ewe, ndonihlanganisa, ndivutele pezu kwenu emlilweni womsindo wam, naniya kunyibilikiswa pakati kwawo. 22Njengokuba isilivere inyibilikiswa pakati kwesidlangalala, kwa njalo niya kunyibilikiswa pakati kwawo; naniya kukwazi okokuba mna Yehova nditulule ubuṙalaṙume bam pezu kwenu.
23Labuya leza kum ilizwi likayehova, lisiti: 24Nyana woluntu! yiti kulo: Wena ulilizwe elingahlanjululwanga, nelinganiselwa mvula emhleni wokuṙala. 25Kuko ingcebiswano yabaprofite balo pakati kwalo, njengengonyama ekonyayo iqwenga okubanjiweyo; badlile imipefumlo; indyebo nezinto ezinqabileyo bazitabatile; abahlolokazi balo babandisile pakati kwalo. 26Abaperisite balo bapete umteto wam ngobudlwengu, nezinto zam ezingcwele bazinco̔lisile; abenzanga isahlulo pakati kwokungcwele nokungengcwele, abazisanga napakati kwokunco̔lileyo nokucocekileyo; namehlo abo bawafihlile kuzo isabata zam, ndaye ndinco̔lelwa pakati kwabo. 27Inkosana zalo pakati kwalo zinjengencu̔ka ziqwenga okubanjiweyo, ukupalaza igazi, ukububisa imipefumlo, ukuze bazuze inzuzo ekohlakeleyo. 28Abaprofite balo babaqabele ngekalike, bebona okungendawo, bebalaulela ulwimi, besiti: Itsho inkosi e nguyehova: nxa uyehova angatetanga. 29Abantu belizwe benze ngokubandezela, balwenzile ulubo̔, bapete kakubi ihlwempu nosweleyo, nowasemzini bambandezele kungeko bugwebo. 30Ndaza ndafuna pakati kwabo indoda eya kulwaka udonga, ime esiṙotyeni pambi kwam ngenxa yelizwe, ukuba ndingalitshabalalisi; kodwa andifumananga nanye. 31Ngako nditulule ukuṙala kwam pezu kwabo; ngomlilo womsindo wam ndibagqibile; indlela yabo ndiyibuyekezile pezu kwentloko yabo, itsho inkosi e nguyehova.