1NGOMNYAKA weshumi, ngeyeshumi inyanga, ngoweshumi linesibini umhla wenyanga, leza ilizwi likayehova kum, lisiti: 2Nyana woluntu! beka ubuso bako ngakuye u‐Faro ukumkani we‐Jipete, uprofiteshe ngakuye, nangakuyo i‐Jipete yonke. 3Teta, uti:
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakuwe, Faro, kumkani we‐Jipete! longwenya inkulu elala pantsi pakati kwemilambo yayo; ete: Ngowam umlambo wam, ndiwenzele mna. 4Koko ndiya kufaka amaqeṙu emihlatini yako, ndenze zonke intlanzi zemilambo yako ziti nama ezinkwetwini zako; ndiya kukunyusa kwa pakati kwemilambo yako, ziti zonke intlanzi zemilambo yako zinamatele ezinkwetwini zako. 5Ndandiya kukulahlela entlango, wena nazo zonke intlanzi zemilambo yako; pezu kwobuso bezindle uya kuwa; akuyi kuhlanganiswa, akuyi kubutwa nokubutwa: ndikunikile ube kukutya emaṙamncweni omhlaba nasezintakeni zezulu. 6Baye bonke abemi base‐Jipete beya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, ngenxa yokuba bebengumsimelelo wengcongolo kwindlu ka‐Sirayeli. 7Nxa bakubambayo ngesandla sako, watyunyuzwa, wabacandela igxalaba lonke; naxeshekweni bayama pezu kwako, wapuka, wenza zonke izinqe zabo zime. 8Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuzisa pezu kwako iṙele, ndinqamle kuwe abantu nezilo. 9Ilizwe le‐Jipete loba yingcitakalo nobugxwayiba; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova; ngenxa yokuba ete: Umlambo ngowam, ndiwenzile mna. 10Ngako oko, bona ke, ndingakuwe, nangakuyo imilambo yako; nelizwe le‐Jipete ndiya kulenza libe bugxwayiba lipela, nengcitakalo, kwa kuyo i‐Migidole kude kube se‐Sevene, nakude kube semdeni wase‐Tiyopiya. 11Akuyi kucanda kulo unyawo lwomntu, akuyi kucanda kulo nonyawo lwesilo; lalingayi kumiwa iminyaka engamashumi mane. 12Ndandiya kulenza ilizwe le‐Jipete libe yingcitakalo pakati kwamazwe acitakeleyo, nezixeko zayo, pakati kwezixeko ezenzwe bunxuwa, zoba yingcitakalo iminyaka engamashumi mane: nama‐Jipete ndiya kuwati sa pakati kwentlanga, ndiwacite pakati kwamazwe.
13Noko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ekupeleni kweminyaka imashumi mane, ndiya kubuta ama‐Jipete ezizweni apo abetelwe sa kona. 14Ndandiya kubuyisa ukutinjwa kwama‐Jipete, ndiwabuyisele elizweni le‐Patrose, elizweni lokuzalwa kwawo; aeya kubako kona ebubukumkani obutobekileyo. 15Boba butobekile kubo bonke ubukumkani; kanjalo abusayi kubuya buzipakamise pezu kwentlanga: ngokuba ndiya kuwancipisa, ukuze angapati ubukosi pezu kwentlanga. 16Baye bungayi kubuya bube litemba lendlu ka‐Sirayeli, elikumbuza ityala, ngokubeka kwabo emva kwawo; aeya kukwazi okokuba mna ndi yinkosi e nguyehova.
17KWAYE kute ngomnyaka wamashumi mabini anesixe̔nze, ngeyokuqala inyanga, ngowokuqala umhla wenyanga, leza ilizwi likayehova kum, lisiti:
18Nyana woluntu! u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone wayikonzisa impi yake inkonzo enkulu ngakuyo i‐Tire; zonke intloko zenziwa bunqai, nawo onke amagxalaba obulwa; kanti umvuzo ubungeko kuye, nakuyo impi yake, uvela kwi‐Tire, ngenxa yenkonzo abeyikonza ngakuyo. 19Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kunika u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ilizwe le‐Jipete; oya kususa isihlwele salo, atimbe amaxoba alo, apange impango yalo; lona loba ngumvuzo wempi yake. 20Ngenxa yomsebenzi wake abekonza ngawo ngakuyo, ndimnikile ilizwe le‐Jipete, ngokuba bewenzele mna, itsho inkosi e nguyehova.
21Ngomhla lowo ndiya kuhlumisa upondo lwendlu ka‐Sirayeli; nakuwe ndiya kunika ukuvulwa kwomlomo pakati kwabo; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.