1KWAYE kute ngomnyaka weshumi elinamnye, ngeyesitatu inyanga, ngowokuqala umhla wenyanga, leza ilizwi likayehova kum, lisiti: 2Nyana woluntu! yiti ku‐Faro ukumkani we‐Jipete, nakuso isihlwele sake:
Ufana nobanina ebukulwini bako? 3Bona ke, um‐Asiriya ebengumti wesedare e‐Lebanone, omasebe mahle, nobugqabi bunika umtunzi, nobupakamo bude; lalibe isebe lake lapezulu lipakati kwamagatya abungqingqwa. 4Amanzi amenza mkulu, inzulu yamenza mde, ebihamba ngemilambo ayo ngokungqonga isityalwa sayo, nemijelo yayo yayiku̔pela kuyo yonke imiti yasendle. 5Ngokunjalo babude ubupakamo bake ngapezu kwayo yonke imiti yasendle; amasebe ake aba maninzi, namagatya ake abe olukile, ngenxa yamanzi amaninzi, ekunabiseni kwake. 6Emasebeni ake zonke intaka zezulu zenza izindlu zazo, nangapantsi kwamagatya ake zazala zonke izilo zasendle, nasemtunzini wake zahlala zonke izizwe ezikulu. 7Waye emhle ke ebukulwini bake, ebudeni bamasebe ake; ngokuba ingcambo yake ibingasemanzini amakulu. 8Isedare emyezweni katixo azamsitelisa; iberoshe azafana namasebe ake, neharemone bezingenjengamagatya ake; bekungeko namnye umti emyezweni katixo ofana naye ngobuhle bake. 9Ndamenza mhle ngobuninzi bamagatya ake, yada yanomona ngaye yonke imiti yase‐Hedeni ebisemyezweni katixo.
10Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenxa yokuba ubupakamile ngobude; ewe, wamisa isebe lake lapezulu pakati kwamagatya abungqingqwa, yati intliziyo yake yapakama ngobupakamo bake; 11ngako ndimnikele esandleni sosomandla wezizwe; uya kumenzela ukwenza kwake, ngenxa yokukohlakala kwake ndimgxotile. 12Abasemzini, abazidlwengu zezizwe, baya kumnqumla, bamlahle: pezu kwentaba nakuyo yonke imihlambo amasebe ake aya kuwa, namagatya ake aya kwapulwa ngakuyo yonke imilanjana yelizwe; babeya kuhla emtunzini wake bonke abantu bomhlaba, bamlahle. 13Pezu kwesiwiwo sake ziya kuhlala zonke intaka zezulu, nasemagatyeni ake zobako zonke izilo zasendle: 14ukuze yonke imiti yangasemanzini ingazipakamisi ngobude bayo, nokuba ingamisi isebe layo lapezulu pakati kwamagatya abungqingqwa, nokuba yonke esela amanzi ingazimeli ngokwayo ngobupakamo bayo; ngokuba yonke inikelwe ekufeni, emazantsi omhlaba, pakati kwosapo lwabantu, ndawonye nabo behlela esihogweni. 15Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Emhleni wehlela ehadesi ndenza kulilwe; ndamgubungelela inzulu, ndatinta imisinga yayo, aza abambeka amanzi amakulu; ndenza ne‐Lebanone imlilele, nayo yonke imiti yasendle yacubuka ngenxa yake. 16Ngentlokoma yokuwa kwake ndangcangcazelisa izizwe, ndakumhlisela ehadesi kunye nabo behlela esihogweni; yandula yatutuzeleka emazantsi omhlaba yonke imiti yase‐Hedeni, edlulisileyo nelungileyo yase‐Lebanone, yonke esela amanzi. 17Kwa nalé yehlela ehadesi kunye naye, kubo abahlatyiweyo ngeṙele; nabayingalo yake, ababehleli emtunzini wake pakati kwezizwe. 18Ufana nobanina ngento enjalo ngobungcwalisa nangobukulu pakati kwemiti yase‐Hedeni? nawe uya kuhliselwa emazantsi omhlaba kunye nemiti yase‐Hedeni; pakati kwabangalukileyo uya kulala ndawonye nabahlatyiweyo ngeṙele. Lo unguye u‐Faro, naso sonke isihlwele sake, itsho inkosi e nguyehova.