1SAYE sipezu kwam isandla sikayehova; wandipumisa ngo moya kayehova, wandibeka pantsi pakati kwetafa; lona ke lalizele ngamatambo. 2Waza wandidlulisa ngakuwo ngendawo yonke engqongayo: kekaloku bona ke, ebemaninzi kakulu pezu kwobuso betafa; kanjalo bona ke, ebomile kakulu. 3Wayesiti kum: Nyana woluntu! aya kupila na amatambo la? Ndaza ndati: Nkosi Yehova! wena uyazi. 4Wabuya wati kum: Profitesha pezu kwamatambo la, uti kuwo: Nina matambo omileyo! yivani ilizwi likayehova. 5Itsho inkosi e nguyehova kulamatambo ukuti: Bona ke, ndiya kungenisa kuni umoya, naniya kupila. 6Ndandiya kubeka imisipa pezu kwenu, ndinyuse inyama pezu kwenu, ndinigubungele ngentlonze, ndibeke kuni umoya, naniya kupila ke; naye niya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova. 7Ndaza ndaprofitesha njengokuba bendiyalelwa; kwasuka kwabako isandi ndakuprofitesha; kekaloku nanku ukungcangcazela, ati amatambo asondelana, itambo kwitambo lalo. 8Ndakangela ke, kekaloku nantsi imisipa nenyama inyukile pezu kwawo, yati intlonze yawagubungela ngapezulu; kodwa umoya ubungeko kuwo. 9Wandula wati kum: Profitesha kumoya, profitesha, nyana woluntu! uti kumoya: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Vela, wena moya! kuyo imimoya mine, upefumle pezu kwabo aba babuleweyo, baze bapile. 10Ndaza ndaprofitesha njengokuba ebendiyalele; wandula umoya wangena kubo, bada bapila, bema pezu kwenyawo zabo, impi enkulu kakulu kunene.
11Waza wati kum: Nyana woluntu! lamatambo ayiyo yonke indlu ka‐Sirayeli: bona ke, bati bona: Amatambo etu omile, netemba letu libubile; sinqamkile tina. 12Ngako oko profitesha uti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuvula amancw̔aba enu, ndininyuse kuwo amancw̔aba enu, bantu bam! ndinizise emhlabeni wakwa‐Sirayeli. 13Naye niya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, ekuvuleni kwam amancw̔aba enu, nasekuninyuseni kwam kuwo amancw̔aba enu, bantu bam! 14Ndandiya kubeka kuni umoya wam, naniya kupila ke, ndoti kanjalo ndinimise emhlabeni wenu; naye niya kukwazi okokuba mna Yehova nditetile, ndenza nokwenza, utsho uyehova.
15LABUYA leza kum ilizwi likayehova, lisiti: 16Kanjalo wena, nyana woluntu! zitabatele intonga ibe nye, uba̔le pezu kwayo ukuti: Yeka‐Juda, neyosapo luka‐Sirayeli amakolwane ake; uze utabate enye intonga, uba̔le pezu kwayo ukuti: Yeka‐Josefe, — intonga ka‐Frayime, nayo yonke indlu ka‐Sirayeli amakolwane ake. 17Uze uzihlanganise enye kwenye, zibe yintonga nye kuwe; zaziya kuba inye esandleni sako. 18Naxeshekweni lutshoyo kuwe usapo lwabantu bako, lusiti: Akuyi kusixelela na ziyinina ezi kuwe? 19Teta kulo, uti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kutabata intonga ka‐Josefe esesandleni sika‐Frayime, nezizwe zo‐Sirayeli amakolwane ake, ndandiya kuzibeka kunye nayo, kunye nentonga ka‐Juda, ndizenze zibe yintonga nye, zaziya kuba inye esandleni sam. 20Kanjalo intonga oba̔layo pezu kwazo ziya kuba sesandleni sako pambi kwamehlo alo. 21Uze utete kulo, uti:
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kutabata usapo luka‐Sirayeli kwa pakati kwabaheyideni, apo luye kona, ndilubute emacaleni onke, ndiluzise kowalo umhlaba. 22Ndandiya kulwenza lube sisizwe sinye elizweni pezu kwentaba zakwa‐Sirayeli; ukumkani emnye woba ngukumkani kulo lona lwonke; alusayi kuba sezizizwe zibini, kanjako aluyi kubuya lwahlulwe lube bubukumkani bubini napakade. 23Lwaye lungayi kubuya luzinco̔lise ngezitixwana zalo, nangezinto zalo ezizondekileyo, nangazo zonke izigqito zalo; koko ndiya kulusindisa kuzo zonke indawo zokuhlala zalo, ezo lwonileyo kuzo, ndiluhlambulule: kwa njalo lona lwoba ngabantu kum, nam ndoba ngutixo kulo. 24Isicaka sam u‐Davide soba ngukumkani pezu kwalo; umalusi emnye wobako kulo lona lwonke; nasezigwebeni zam luya kuhamba, nemimiso yam lwoyigcina, luyenze nokuyenza. 25Lwaluya kuhlala elizweni endalinikayo kwisicaka sam ku‐Yakobi, elo babehleli kulo oyihlo benu; ewe luya kuhlala kulo, lona nabantwana balo, nabantwana babantwana balo kude kube ngunapakade; no‐Davide, isicaka sam, yena woba yinkosi yalo kude kube ngunapakade. 26Kanjako ndolwenza nalo ucebano lwoxolo; lucebano olungunapakade oluya kubako nalo; ndandiya kulumisa, ndilwandise, ndiyibeke indawo yam eyingcwele pakati kwalo kude kube ngunapakade. 27Netabanakele yam yona yoba pezu kwalo; ndandiya kuba ngutixo walo, luti lona lube ngabantu bam. 28Baye abaheyideni beya kukwazi okokuba mna Yehova ndiyabangcwalisa o‐Sirayeli, nxa indawo yam eyingcwele iya kubako pakati kwabo kude kube ngunapakade.