1YANDULA yandibuyisela elucangweni lwendlu; kekaloku nanga amanzi epuma ngapantsi kwomnyango ngasempumalanga, ngokuba umpambili wendlu ububeka ngasempumalanga; ati amanzi lawo ehla ngapantsi, kulo elokunene icala lendlu, kwelasesuyide lesibingelo. 2Yaza yandipumisa ngendlela yesango lasenode, yandizekelelisa ngendlela ngapandle ngasesangweni langapandle, ngendlela ebeka ngasempumalanga; kekaloku nanga amanzi ebaleka ecaleni lokunene.
3Yati indoda ebinentambo esandleni sayo yakupumela ngasempumalanga, yalinganisa iwaka lekubite, yandidlulisa emanzini; ati amanzi afikela amaqata. 4Yabuya yalinganisa iwaka, yandidlulisa emanzini; ati amanzi afikela amadolo. Yabuya yalinganisa iwaka, yandidlulisa; ati amanzi afikela isinqe. 5Yabuya yalinganisa iwaka; ubungumlambo endakohlwa kukuwela: ngokuba amanzi ebenyukile, amanzi okudadwa kuwo, umhlambo obungenakuwelwa.
6Yaza yati kum: Ubonile na, nyana woluntu? Yandula yandihambisa, yandibuyisela elunxwemeni lwomlambo. 7Nxa bendibuyile, kekaloku nantsiya elunxwemeni lwomlambo into eninzi yemiti, ngelicala nangeliya. 8Yaza yati kum: Lamanzi ayapumela ngasemdeni wasempumalanga, ehle ngasetafeni, angene elwandle; ati epunyiselwa elwandle, amanzi apiliswe. 9Kwaye kuya kuti, zonke izinto ezipilileyo, ezinambuzelayo, apo isukuba isiza kona imilambo leyo, ziya kupila; kwakuya kubako into eninzi yentlanzi, ngokokuba eya kuza kona amanzi la; aeya kupiliswa, kuti konke apo umlambo uya kuza kona kupile. 10Kwoti kanjalo, abalobi baya kuma ngakulo, kwa kuyo i‐Hene‐gedi kude kube kuyo i‐Hene‐egelayime; oba yindawo yokwaneka iminata; intlanzi zawo zoba ngemmilo zazo, njengentlanzi zolwandle olukulu, into eninzi. 11Kodwa amabikibiki alo namacibi alo akayi kupiliswa, aya kunikwa etyuweni. 12Nangasemlanjeni, elunxwemeni lwawo ngelicala nangeliya iya kumila yonke imiti yokudla, egqabi lingayi kubuna, nesiqa̔mo singayi kupela; ngenyanga zayo iya kutwasisa ukuhlanza, ngokuba amanzi ayo epumile kweyingcwele indawo; kanjalo isiqa̔mo sayo soba sesokutyiwa, negqabi layo loba lelokupolisa.
13ITSHO inkosi e nguyehova ukuti: Nguwo lo umda eniya kulamkela ilifa lelizwe ngawo, ngezizwe ezilishumi linazibini zo‐Sirayeli: u‐Josefe woba nezabiwo zibini. 14Naniya kulidla ilifa lalo, omnye njengomnye, endapakamisa isandla sam ukuba ndolinika koyihlo benu; laye ilizwe eli liya kuwa kuni ngelifa. 15Nguwo ke lo umda welizwe ngecala lasenode, kwa kulo ulwandle olukulu, ngendlela yase‐Hetelone, njengokuba kuyiwa e‐Tsedade: 16i‐Hamati, i‐Berota, i‐Siberayime, epakati kwomda we‐Damakusi nomda we‐Hamati; i‐Hatsere‐hatikone, engasemdeni we‐Haurane. 17Nomda ovela elwandle wona woba yi‐Hatsare‐henani, umda we‐Damakusi, nenode ngasenode, nomda we‐Hamati. Leli ke icala lasenode. 18Necala lasempumalanga lona lovela pakati kwe‐Haurane, ne‐Damakusi, ne‐Gileyadi, nelizwe lakwa‐Sirayeli ngase‐Yoredane; kutabata emdeni ngaselwandle lwasempumalanga niya kulinganisa. Leli ke icala lasempumalanga. 19Necala lasesuyide ngakuyo isuyide, lovela e‐Tamare kude kube semanzini e‐Meriba yase‐Kadeshe, ngakuwo umlambo kude kube selwandle olukulu. Leli ke icala lasesuyide ngakuyo isuyide. 20Necala lasentshonalanga loba lulwandle olukulu, kwa semdeni kude kuziwe malungana ne‐Hamati. Leli ke icala lasentshonalanga. 21Naniya kunabela elilizwe ngezizwe zo‐Sirayeli. 22Kwakuya kuti, niya kulenzela iqashiso libe lilifa kuni, nakubo abasemzimi abapambukeleyo pakati kwenu, abazeleyo abantwana pakati kwenu; babeya kuba njengabazelweyo elizweni kuni pakati kwosapo luka‐Sirayeli; baya kwamkela ilifa ndawonye nani pakati kwezizwe zo‐Sirayeli. 23Kwakuya kuti, isizwe apambukeleyo kuso owasemzini, kwa lapo niya kumnika ilifa lake, itsho inkosi e nguyehova.