1NAWE, nyana woluntu! zitabatele iṙele elibukali; isitshetshe sabaguyi wositabatela kuwe, usidlulise pezu kwentloko yako napezu kwodevu lwako; wandule uzitabatele izilinganiselo zokulinganisa, uzahlule inwele. 2Isahlulo sesitatu uya kusitshisa ngomlilo pakati kwesixeko, nxa izalisekile imihla yokuvingceleka; wandule utabate isahlulo sesitatu ubete ngeṙele ngento esingqongayo; nesahlulo sesitatu uya kusicitela emoyeni; ndandiya kur̔olela emva kwazo iṙele. 3Uze ucapule kwezakona inani elincinane, uzibope emasondweni engubo yako. 4Uze ucapule kuzo kanjako, uzipose pakati kwomlilo, uzitshise emlilweni; kwa kuwo kuya kupuma umlilo ngakuyo yonke indlu ka‐Sirayeli.
5Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Le iyiyo i‐Yerusaleme: pakati kwezizwe ndayimisa, napakati kwamazwe ayingqongayo. 6Yaza yavukela ngakuzo izigwebo zam ngokukohlakeleyo ngapezu kwezizwe, nangakuyo imimiso yam ngapezu kwamazwe ayingqongayo; ngokuba izigwebo zam bezidelile, nemimiso yam bengahambanga ngayo. 7Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenxa yokuba nenze impitimpiti pezu kwezizwe eziningqongayo, nokuba ningahambanga emimisweni yam, nezigwebo zam ningazenzanga, nezigwebo zezizwe eziningqongayo ningenzanga njengazo kanjalo; 8ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakuwe kwa mna, ndandiya kuyenza pakati kwako imigwebo emehlweni ezizwe ezo. 9Ndandiya kukwenza kuwe oko endingakwenzanga, nendingayi kubuya ndikwenze okunjalo, ngenxa yazo zonke izinto zako ezibuntshontsho. 10Ngako oko, oyise baya kutya onyana pakati kwako, nonyana baya kutya oyise babo; ndandiya kuyenza kuwe imigwebo, naso sonke isisalela sako ndosicitela kuyo yonke imimoya. 11Ngako oko, ndihleli nje, itsho inkosi e nguyehova, ngenyaniso, ngokokuba indawo yam eyingcwele uyinco̔lisile ngazo zonke izinto zako ezitiyekileyo, nangazo zonke izinto zako ezibuntshontsho, kukona nam ndiya kususa; iliso lam aliyi kuba nosizi, andiyi kuba nenceba kanjako! 12Isahlulo sesitatu sako, ngesifo esibubisayo baya kufa, nangendlala baya kugqitywa pakati kwako; nesahlulo sesitatu, ngeṙele baya kuwa ngokukungqonga; nesahlulo sesitatu, ndobacitela kuyo yonke imimoya, neṙele ndolir̔olela emva kwabo. 13Kwa njalo ingqumbo yam iya kugqitywa, nomsindo wam ndowupumza pezu kwabo, ndandule ndizitutuzele; babeya kwazi ukuba mna Yehova nditetile ngobukwele bam, ndakugqiba umsindo wam pezu kwabo. 14Kanjako ndiya kukunikela ekucitakaleni nasekugxekweni pakati kwezizwe ezikungqongayo, emehlweni abo bonke abadlulayo. 15Yaiya kuba sisigxekwa nesitukwa, isiluleko nesimangaliso, ezizweni ezikungqongayo, okuya ndiyenza pakati kwako imigwebo, ngengqumbo, nangomsindo, nangezohlwayo zomsindo: mna Yehova nditetile: 16okuya ndituma pezu kwabo intolo ezimbi zendlala, eziya kuba zezokutshabalalisa, endiya kuzitumela ukutshatyalaliswa kwenu; nendlala ndiya kuyandisa pezu kwenu, ndinapulele umsimelelo wesonka. 17Ewe, ndiya kutuma pezu kwenu indlala, namaṙamncwa, aya kunihluta abantwana; kanjalo isifo esibubisayo negazi liya kucanda kuwe; ndandiya kuzisa iṙele pezu kwako: mna Yehova nditetile.