Ukupela, kufikile ukupela, pezu kwamagumbi omane elizwe. 3Kaloku nje ukupela kupezu kwako; ndandiya kutuma ingqumbo yam pezu kwako, ndikugwebe njengokwemikwa yako, ndibeke pezu kwako zonke izinto zako ezibuntshontsho. 4Iliso lam aliyi kuba nosizi ngakuwe, andiyi kuba nenceba kanjalo; koko imikwa yako ndiya kuyibeka pezu kwako, nezinto zako ezibuntshontsho zoba pakati kwako; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova. 5Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ilishwa, ilishwa lodwa, nali lifikile. 6Ukupela kufikile, ukupela kufikile; kuvukele wena; nanku kufikile. 7Umso ufikile kuwe, wena mhlali welizwe! ixesha lifikile, imini yesipitipiti ikufupi, kungesiso isitonga sentaba. 8Kakaloku ndohla nditulule ubuṙalaṙume bam pezu kwako, ndigqibe ingqumbo yam pezu kwako, ndikugwebe njengokwemikwa yako, ndibeke pezu kwako zonke izinto zako ezibuntshontsho. 9Iliso lam aliyi kuba nosizi, andiyi kuba nenceba kanjalo; njengokwemikwa yako ndiya kubeka pezu kwako, nezinto zako ezibuntshontsho zoba pakati kwako; naniya kukwazi ukuba ndim Yehova obetayo. 10Nantsi imini! nantsi ifikile! umso upumile; intonga ihlumile; ir̔atshi lityatyambile. 11Ubudlwengu buvukile bube yintonga yobuncwangu; akuyi kusala nento yakubo, neyakuso isihlwele sabo, neyakubo ubutyebi babo; akuyi kubako isijwili pezu kwabo. 12Ixesha lifikile, imini isondele: umtengi makangavuyi, nomtengisi makangalili; ngokuba umsindo oshushu upezu kwaso sonke isihlwele salo. 13Ngokuba umtengisi engayi kubuyela kokutengisiweyo, nangona ubomi babo bebuseko pakati kwabahleliyo; ngokuba umboniso ungenxa yaso sonke isihlwele salo; akayi kubuya; kanjalo akuko namnye oya kubomeleza ubomi bake ngenkohlakalo yake. 14Bavutele ngexilongo, nako konke bakulungiselele; kodwa akuko namnye oya ekulweni; ngokuba umsindo wam oshushu upezu kwaso sonke isihlwele salo. 15Kuko iṙele ngapandle, nesifo esibubisayo nendlala pakati: lowo usendle uya kufa ngeṙele; nalowo usesixekweni, indlala nesifo esibubisayo ziya kumdla. 16Baya kusinda ke abasindileyo babo, kodwa boba sezintabeni njengamahobe asezihlanjeni, bonke bencwina, abanye ngabanye ngenxa yenkohlakalo yabo. 17Izandla zonke ziya kupolelwa, namadolo onke ohamba njengamanzi. 18Kanjalo baya kubinqa ngentlakantlaka, nengcangcazelo yobagubungela; kwobako intloni pezu kwobuso bonke, nobunqai pezu kwazo zonke intloko zabo. 19Isilivere yabo baya kuyiposa ezitarateni, negolide yabo yoba yinto enco̔lileyo: isilivere yabo negolide yabo ziya kukohlwa kukubahlangula ngomhla womsindo kayehova; imipefumlo yabo aziyi kuyihlutisa, namatumbu abo aziyi kuwazalisa; ngokuba zisisiku̔bekiselo senkohlakalo yabo. 20Nesihombo sake esihle, wasimisela ubungcwalisa; kodwa imifanekiso yezinto zabo ezibuntshontsho, neyezinto zabo ezitiyekileyo, bayenzile kuso: ngako oko ndisinikile kubo sibe yinto enco̔lileyo. 21Ndandiya kusinika ezandleni zabasemzini sibe yimpango, nakubo abazincwangu zomhlaba sibe lixoba, abaya kusinco̔lisa. 22Nobuso bam ndobusonga kubo, nendawo yam efihlakeleyo boyinco̔lisa; ngokuba amanyangaza eya kungena kuso, asinco̔lise. 23Yenza umxokelelwane; ngokuba ilizwe lizele ngamatyala egazi, nesixeko sizele bubudlwengu. 24Ngako ndiya kuzisa izizwe ezikohlakeleyo kakulu, eziya kufuya izindlu zabo; ndandiya kupelisa ubungangamsha babanamandla, nendawo zabo ezingcwele ziya kunco̔liswa. 25Intshabalaliso iyeza; babeya kufuna uxolo, kodwa aluyi kubako. 26Ilishwa liya kuza pezu kwelishwa, neṙeto liya kuba pezu kweṙeto, babeya kufuna umboniso kumprofite; kodwa umteto uya kububa kumperisite, necebo kubadala. 27Ukumkani uya kulila, nenkosana iya kwambata ukuti nqa, nezandla zabantu belizwe ziya kutuswa: njengendlela yabo ndiya kwenza kubo, nangemigwebo yabo ndiya kugweba bona; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.