1MAGALATINDINI abudenge! ngubanina owaninyangayo, ukuba ningayilulameli inyaniso, ekupambi kwamehlo enu u‐Yesu Kristu waba̔lelwa ekuhleni pakati kwenu ekuruseshiwe? 2Yona lento kupela ndifuna ukufunda kuni: Bekungemisebenzi yomteto na enamkela umoya, bekungokuva kwokolo kusinina? 3Nibudenge kakulu kangaka na? niqalile kumoya nje, niti na kaloku nifeze kwinyama? 4Intlungu ezininzi kangaka nifumane naziva na? ukuba kambe kufumana kunjalo ke. 5Lowo ngoko onibabalayo umoya, nowenzayo izenzo zamandla pakati kwenu, kungemisebenzi yomteto, kungokuva kwokolo, kusinina?
6Kwa njengokuba u‐Abrahame wakolwa ngutixo, kwaza kwambalelwa kube kukulunga. 7Yazini ngoko ukuba abo baselukolweni, bona aba balusapo luka‐Abrahame. 8Kanjako isiba̔lo, sibona ngapambili nje ukuba utixo uyabagwebela abaheyideni ngokolo, sashumayela kwa pambili indaba ezilungileyo ku‐Abrahame, sisiti: Ziya kutanyusanqelwa ngawe zonke intlanga. 9Kwa njalo ke abo baselukolweni bayatanyusanqelwa kunye no‐Abrahame okolwayo.
10Ngokuba bonke abangabakuyo imisebenzi yomteto bepantsi kwesiqalekiso: ngokuba kuba̔liwe ukuti: Uqalekisiwe osukuba engahlali kuzo zonke izinto eziba̔liweyo encwadini yomteto ukuba azenze. 11Kodwa, ukuba emtetweni akuko mntu ogwetyelwayo pambi kwotixo, kusekuhleni; kuba. Olungileyo uya kupila ngokolo. 12Kekaloku umteto awuveli elukolweni; koko, Umntu ozenzayo zona uya kupila ngazo. 13U‐Kristu wasikulula esiqalekisweni somteto, ngokwenziwa isiqalekiswa esikundleni setu, (ngokuba kuba̔liwe ukuti: Uqalekisiwe osukuba exo̔meka emtini,) 14ukuze itamsanqa lika‐Abrahame lize kufika kubaheyideni kuye u‐Kristu Yesu; ukuze sisamkele isibambiso somoya ngalo ukolo.
15Bazalwana! ndiyateta njengokwabantu: Ukuba lucebano lwomntu, noko lwakuba luqinisiwe, akuko mntu olububisayo umhlaumbi olwalekelayo into. 16Kekaloku amadinga ebetetwa ku‐Abrahame, nakuyo inzalo yake. Akatsho ukuti: Nakuzo inzalo, njengokuba ebeteta ngazo ezininzi; koko njengokuba ebeteta ngayo enye: Nakuyo inzalo yako, enguye u‐Kristu. 17Nditsho ke oku ukuti, ucebano oluqinisiwe pambili ngutixo, luqiniselwa u‐Kristu, umteto, obubako emveni kweminyaka engamakulu mane anamashumi matatu, awulutshitshisi, ukuba ulitshabalalise idinga. 18Ngokuba ilifa ukuba livela emtetweni, alisaveli edingeni: kodwa utixo walipa u‐Abrahame ngalo idinga.
19Uti nina pofu umteto? Ubusongezwa ngenxa yezigqito, ide ifike inzalo ebekelweyo idinga, wamiselwa ngazo ingelosi, esandleni somlamli. 20Kekaloku umlamli akangowomnye; kodwa utixo umnye. 21Pofu umteto umela amadinga katixo na? Kwanga kungebe njalo! ngokuba ke, ukuba bekunikiwe umteto onamandla okunika ubomi, okunene ubulungisa bunge buvele emtetweni. 22Koko isiba̔lo sabavalela ndawonye kwa bonke ngapantsi kwesono, ukuze idinga elingokolo luka‐Yesu Kristu lunikwe kwabo bakolwayo. 23Kekaloku lungekafiki ukolo, sibe sigcinwa sivalelwe ndawonye ngapantsi kwomteto sigcinelwa ukolo olube luza kutyilwa. 24Kwa njalo ke umteto ubungumkapeli wetu ku‐Kristu, ukuze sigwetyelwe ngokolo.
25Kodwa ukolo selufikile nje, asisabi ngapantsi kwomkapeli. 26Ngokuba ningonyana bakatixo nonke ngalo ukolo kuye u‐Kristu Yesu. 27Ngokuba nonke nina enabapitizeshelwayo ku‐Kristu, namambata u‐Kristu. 28Akuko um‐Juda, akuko nom‐Girike; akuko ikoboka, akuko nokululekileyo; akuko indoda nenkazana: ngokuba nina nonke nibanye kuye u‐Kristu Yesu. 29Kodwa ukuba ningabaka‐Kristu, kukona niyinzalo ka‐Abrahame, nendlalifa ngokwedinga.