U‐Habakuke 1
ISAHLUKO I.
1UMGWEBO owawubonayo u‐Habakuke umprofite.
2Kwoba kade kangakananina ndidanduluka, Yehova! ungeva wena; ndikala kuwe ngenxa yobudlwengu, ungasindisi wena? 3Kunganina ukuba undibonise inkohlakalo, uti wena ukangele ububi? ngokuba ukubada nobudlwengu bupambi kwam; kuko ipike kanjalo, nempikiswano iyazipakamisa. 4Ngako oko umteto uyapola, nobugwebo abupumi ngenyaniso: ngokuba abakohlakeleyo beṙaula abalungileyo; kukona kupuma ubugwebo obutyekisiweyo.
5Bonani pakati kwabaheyideni, nikangele, niti nqa kakulu; ngokuba ndiya kuwenza umsebenzi emihleni yenu, eningayi kukolwa nguwo, noko ushunyayelwayo. 6Ngokuba, bona ke, ndiya kuvusa ama‐Kaledine, esosizwe siṙaṙa esinxamileyo; esihambayo ezindaweni ezibanzi zomhlaba, ukuba sifuye indawo zokublala ezingezezaso. 7Sinokunkwantyisa, sesoyikekileyo; ukugweba kwaso nobukulu baso buyapuma kwa kuso. 8Amahashe aso anamendu ngapezu kwezingwe, siyagqitisa ngobukali incu̔ka zokuhlwa; abakweli baso bayazitwabulula; ewe, abakweli baso bavela kude; bayabaleka njengokozi lunxamela ukudla. 9Siyeza sonke ngenxa yobudlwengu; ukubeka kwobuso babo kungapambili; siyabuta amatinjwa njengentlabati. 10Okumkani siyabagxeka, nenkosi zisisihlekwa kuso; siyahleka inqaba zonke; siyafumbelela ihlabati, sizibambe ke. 11Wandule umoya waso ubuye; siyagqita ke, siyazeka ityala, ngokubalela utixo waso la amandla aso.
12Asi nguwe na ongunapakade, Yehova, Tixo wam, Ngcwele yam? asiyi kufa tina. Yehova! usimisele ukugweba; Liwa! usidalele ukwohlwaya. 13Ungomehlo angcwele kokokuba ubone inkohlakalo; akungekangele ububi; kunganina ukuba ubakangele abatimbi, nokuba uti cwaka nxa okohlakeleyo adla lowo olungileyo kuye? 14nokuba ubenze abantu babe njengentlanzi zolwandle, njengezinambuzane ezingenankosi pezu kwazo? 15Siyabanyusa bonke ngeqeṙu laso, siyabar̔olela emnateni waso, siyababutela elutanjeni lwaso; siyavuya ngoko, siyagcoba nokugcoba. 16Ngako oko siyabingela umnata waso, siqu̔misele notambo lwaso; ngokuba ngazo isabelwa saso sityebile, nokutya kwaso kokutyetyisiweyo. 17Sesiya kuwenza zé ngoko ke na umnata waso, singayeki ukubulala izizwe futi nje?
Bible Society of South Africa 1902