1Ngokuba umteto unesitunzi nje sezinto ezilungileyo eziza kuza, ungenawo wona umfanekiso wendawo, awungeze uti ngawo wona amadini abamana bewanikela futi iminyaka ngeminyaka abo basondelayo ubafezekise. 2Okanye ngeenganqamkanga na ukunikelwa, ngenxa yokuba abakonzayo, behlanjululwe nje kanye, bengasenaso isazelo sezono? 3kuloko kukoyo ngawo ukukunjulwa kwezono iminyaka ngeminyaka: 4ngokuba kungenzeki ukuba igazi lenkabi nebokwe lisuse izono.
5Ngako oko akungena elizweni uti: Umbingo nomnikelo ubungawutandi, kodwa umzimba uwulungisele mna: 6amadini okutshiswa nawesono akuwakolelanga. 7Ndandul’ ukuti: Nanku ndisiza, (emqulwini wencwadi kuba̔liwe ngam,) ukuyenza intando yako, Tixo! 8Esiti pambili nje: Umbingelo nomnikelo namadini okutshiswa nawesono akuwatandanga, akuwakolelanga kanjako; anikelwayo wona njengokwomteto; 9utshilo oko ukuti: Nanku ndisiza ukuyenza intando yako, Tixo! — uyasusa okwokuqala, ukuze amise okwesibini. 10Esiti ngayo lontando senzwe ngcwele tina ngokunikelwa kwomzimba ka‐Yesu Kristu kwa kanye.
11Kanjalo osukuba engumperisite umi imihla ngemihla esenza isikonzo, enikela futi amadini akwa ngawo wona, angesuseyo izono nakanye; 12kodwa yena, elinikele nje idini linye ngenxa yezono libe ngunapakade, wahlala pantsi ngasekunene kwotixo, 13elinda ixesha eliseleyo zide intshaba zake zenzwe isitulo senyawo zake: 14ngokuba ngomnikelo umnye ubafezekisile kude kube ngunapakade abo benziwa ngcwele.
15Uti kanjako nomoya oyingcwele asinqi̔nele oku. Ngokuba, emvenikweni abetshilo pambili ukuti: 16Lulo olu ucebano endiya kulwenza nabo emveni kwalomihla, utsho uyehova: Ndiya kubeka imiteto yam pezu kwentliziyo yabo, napezu kwengqondo zabo ndoyiba̔la; — 17uti: Nezono zabo nezigqito zabo andisayi kubuya ndizikumbule. 18Kekaloku apo kukona ukuxolelwa kwezi, akuseko umnikelo ngenxa yesono.
19NGAKO ke, bazalwana! sinalo nje ukalipo lwokungena kweyingcwele indawo sinegazi lika‐Yesu, 20ngendlela entsha epilileyo asitwasisele yona, ngalo ikuselo, oko kukuti, inyama yake; 21sinomperisite omkulu nje pezu kwendlu katixo kanjako; 22masisondele sinentliziyo yenyaniso ekuqiniseni okuzalisekileyo kwokolo, sihlanziwe intliziyo zetu eluvalweni olukohlakeleyo, nomzimba sihlanjiwe ngamanzi amhlope: 23siti imvumelo yetemba letu siqinise ukuyibamba ingenakushukuma; ngokuba enyanisekile lowo owabeka amadinga: 24siti kanjalo sikumbulelane ukuba sivuselele utando nemisebenzi elungileyo: 25singashiyi nje ukuzihlanganisana kwetu, njengokuba linjalo isiko lenxenye, koko siyalana: nisenje njalo kakulu ngakumbi, njengoko nibonayo ukuba umhla uyasondela.
26Ngokuba, xeshekweni sonayo ngokuvuma, emveni kwokuba sikwamkele ukwaziwa kwenyaniso, kungasabi sasala idini ngenxa yezono; 27kodwa kuko ukulinda okwoyikekileyo kakulu kwokugwetywa, nozondo oluvutayo luza kubadla abaca̔sayo. 28Umntu akulahla umteto ka‐Mosesi, wafa ngapandle kwetaṙu ngamanqi̔na amabini umhlaumbi amatatu: 29kukubetwa okubi ngakumbi kangakananina niba uya kubalelwa ukuba ufanele kona, lowo ute unyana katixo wamnyatela pantsi, negazi locebano walibala ukuba yinto enco̔lileyo, elo wenziwa ngcwele ngalo, nomoya wofefe wamdela? 30Ngokuba simazi owatshoyo ukuti: Kukokwam ukupindezela, kwobuyekezwa ndim; utsho uyehova. Nakanjako: Uyehova uya kulungisa abantu bake. 31Kuyinto eyoyikekileyo ukweyela ezandleni zotixo ohleliyo.
32Kodwa zikumbuzeni imihla yangapambili, enanite kuyo, nakukanyiswa, nanyamezela ukulwa okukulu nentlungu: 33ngenxenye, ukuba nibe nisenziwa isibonelwa ngezituko nangembandezelo; nangenxenye, ukuba naba ngamakolwane abo babesekuhlaleni okunjalo. 34Ngokuba nibe nivana nam ekubanjweni kwam, navumela ngovuyo ukupangwa kwempahla zenu, nisazi ukuba ninayo kuni ngokwenu imfuyo elungileyo ngakumbi ezulwini nehlala ihleli. 35Ize ningaposi nxamnye ngoko ukalipo lwenu, olunawo umvuzo omkulu.
36Ngokuba nifanele ukuba nomonde, ukuze niti, nakuba niyenzile intando katixo, nikwamkele okubekiweyo ngedinga. 37Ngokuba kuselixeshana elincinanana, waeya kwand’ ukuti lowo uzayo eze, angalibali ke. 38Kodwa olungileyo uya kupila ngokolo: kanti xeshekweni ahlehlayo, umpefumlo wam awukoliswa nguye. 39Tina kodwa asingababo bahlehlela entshabalalweni, koko singababo bakolwayo kube kukusindiswa kwompefumlo.