1WAZA wavuka kusasa u‐Yerubebali, ongu‐Gideyone, nabo bonke abantu abanaye; baya bati waca ngasemtonjeni we‐Harodi: waye umkosi wama‐Midiyane ubungecala labo lasenode, ngasendulini ka‐More, emhlanjeni. 2Wayesiti uyehova ku‐Gideyone: Baninzi abantu abanawe ukuba ndinikele ama‐Midiyane esandleni sabo, hlezibe u‐Sirayeli aqayise ngakum, esiti: Isandla sam sindisindisile! 3Ngako kaloku danduluka ke ezindlebeni zabantu, ngokuti: Osukuba esoyika engcangcazela, makabuye, emke entabeni ye‐Gileyadi. Kwaza kwabuya kubo abantu amawaka angamashumi mabini anamabini; ada asala amawaka alishumi.
4Wayesiti uyehova ku‐Gideyone: Abantu basebaninzi; bahlisele ngasemanzini, ndokulingela bona apo: kwakuya kuti, lowo endiya kutsho ngaye kuwe: Lo uya kuhamba nawe, yena wohamba nawe; nosukuba ndiya kutsho ngaye kuwe: Lo akayi kuhamba nawe, yena akayi kuhamba. 5Wandula wahlisela abantu ngasemanzini. Waza uyehova wati ku‐Gideyone: Bonke abaxapa amanzi ngolwimi lwabo, njengokuba ixapa inja, ubabeke bodwa; kwa nabo bonke abaguqa ngamadolo abo ukuba kuselwe. 6Laye inani labo baxapayo ngokubeka isandla sabo emlonyeni wabo belingamadoda angamakulu matatu: kodwa bonke abanye abantu baguqa ngamadolo abo ukuba basele amanzi. 7Waza uyehova wati ku‐Gideyone: Ngalamakulu matatu amadoda abexapa ndiya kunisindisa, ndinikele ama‐Midiyane esandleni sako; nabo bonke abanye abantu mabahambe baye abanye ngabanye ezindaweni zabo. 8Basuka abantu bapata umpako esandleni sabo, namaxilongo abo; kanti amanye amadoda akwa‐Sirayeli wawatuma aye amanye ngamanye ezintenteni zawo, wabambelela kuwo lomadoda amakulu matatu. Waye umkosi wama‐Midiyane ubusezantsi kwake emhlanjeni.
9Kwaye kute pakati kwobusuku obo, wati uyehova kuye: Suka, yihla uye kuwo umkosi; ngokuba ndiwunikele esandleni sako. 10Kodwa ukuba uyoyika ukuhla, yihla wena, no‐Fura isicaka sako, uye emnqubeni: 11wauya kuva oko kutetwayo; nakamva isandla sako siya kwomelezwa, ukuba uhle uye kuwo umkosi. Waza wehla yena, no‐Fura isicaka sake, waya encameni yabaxo̔bileyo ababesemnqubeni. 12Kekaloku ama‐Midiyane, nama‐Amaleki, nawo onke amadoda asempumalanga, ebelele pantsi emhlanjeni njengenkumbi ngobuninzi; kanjalo inkamela zawo bezingenakubalwa, zinjengentlabati eselunxwemeni lwolwandle ukuba zininzi. 13Wati akufika u‐Gideyone, nantsi indoda ibalisa ipupa kumlingane wayo, eyati: Bona ke, ndipupile ipupa, kekaloku bona ke, isimba lesonka seṙalasi laziqengqela emnqubeni wama‐Midiyane, latikelela ententeni, layibeta ukuba yawa, layipetula kanye, yada yalala pantsi intente leyo. 14Waza umlingane wayo wapendula wati: Akuko nto oku kupela liṙele lika‐Gideyone, unyana ka‐Yohashe, indoda yakwa‐Sirayeli: utixo unikele esandleni sake ama‐Midiyane, nomkosi wonke.
15Kwaye kute, xeshekweni u‐Gideyone ebevile ukubaliswa kwepupa elo nokutyilwa kwalo, wandul’ ukubedesha; wasuka wabuyela emkosini wama‐Sirayeli, wati: Sukani; ngokuba uyehova enikele umkosi wama‐Midiyane esandleni senu.
16Waza wahlula lomadoda amakulu matatu abe ngamaqela amatatu, wanika amaxilongo ezandleni zawo onke, nemipanda ezé, nezibane pakati kwemipanda. 17Wayesiti kuwo: Kangelani kum, nize nenje njalo: kekaloku bona ke, ndakufika encameni yomnquba, njengokuba ndisenza mna, niya kwenje njalo nina. 18Nxa ndivutelayo ngexilongo, nabo bonke abanam, nandule nivutele ngamaxilongo nani ngento engqongayo wonke umnquba, niti: Ṙele likayehova nelika‐Gideyone!
19Wada wafika u‐Gideyone, nekulu lamadoda elinaye, encameni yomnquba, ekuqaleni kwelipakati ivaṙasho lobusuku, cebetshu kumisiwe abalindi: bandula bavutela ngamaxilongo, baqekeza imipanda ebisezandleni zabo. 20Aza amaqela omatatu avutela ngamaxilongo, aqekeza imipanda, abamba izibane ngezandla zawo zokohlo, namaxilongo ngezandla zawo zokunene, kuze kuvutelwe ngawo; adanduluka, esiti: Ṙele likayehova nelika‐Gideyone!
21Bema ke bonke ngabanye ezindaweni zabo, bengqonga umnquba. Wada wonke umkosi wabaleka, wakala, wesaba. 22Kekaloku akuvutela lomadoda amakulu matatu ngamaxilongo, wandula uyehova wabeka iṙele lomnye ngakuye omnye, pakati kwomnquba wonke; waza umkosi wesabela kude kwase‐Bete‐shita ngase‐Tserera, nakude kwasemdeni we‐Abele‐mehola ngase‐Tabate.
23Kwaza kwabizelwa ndawonye amadoda akwa‐Sirayeli, awakwa‐Nefatali, nawakwa‐Ashere, nawo onke awakwa‐Manase, asukela ama‐Midiyane. 24Kanjalo u‐Gideyone watuma izigidimi kuyo yonke intaba yakwa‐Frayime, ukuti: Yihlani ngakuwo ama‐Midiyane, niwapangele ukubamba amanzi kude kube se‐Betebara, ne‐Yoredane. Andula onke amadoda akwa‐Frayime abizelwa ndawonye, abamba amanzi kude kwase‐Betebara, ne‐Yoredane. 25Abamba nenkosi ezimbini zama‐Midiyane, u‐Worebe no‐Zibe; abulala u‐Worebe eweni lika‐Worebe, no‐Zibe ambulala esincinezelweni seveyine sika‐Zibe, awasukela ama‐Midiyane; aza azisa intloko ka‐Worebe neka‐Zibe ku‐Gideyone pesheya kwe‐Yoredane.