1Isono so‐Juda siba̔liwe ngesiqingqiso sesincete, ngetsolo ledamante; siqingqiwe pezu kwecwecwe lentliziyo yabo, napezu kwempondo zezibingelo zenu; 2nxa abantwana babo bakumbula izibingelo zabo, nemifanekiso ka‐Ashera yabo emitini eluhlaza, pezu kwenduli ezinde. 3Ntaba yam kunye nelizwe! ubutyebi bako nazo zonke indyebo zako ndozinikela ukupangwa, nendawo ezipakamileyo zako zokwona, kuyo yonke imida yako. 4Wauya kuyeka kwa ngokwako ilifa lako, endilinikileyo kuwe; ndandiya kukukonzisa intshaba zenu elizweni ungalazanga: ngokuba umlilo niwupembileyo ngengqumbo yam, uya kutsha kude kube ngunapakade.
5Utsho uyehova ukuti: Iqalekisiwe indoda etembela emntwini, eyenza inyama ingalo yayo, nentliziyo imkayo kuyehova! 6Ngokuba iya kuba njengomti weharohere elubala, ingaboni naxeshekweni kuzayo okulungileyo; koko iya kuma ezindaweni ezomileyo entlango, ezweni elityuwa nelingenabemi. 7Inetamsanqa indoda etembela kuyehova, netemba layo li nguyehova! 8Ngokuba iya kuba njengomti utyelwe ngasemanzini, onabisayo ingcambo zawo ngasemlanjeni, ongaboni nxa buzayo ubushushu, koko igqabi lawo liba luhlaza; ongenaxala emnyakeni wokwoma, ongapezi ukuvelisa isiqa̔mo.
9Intliziyo inenkohliso pezu kwezinto zonke; ewe, inesifo esinzima; ngubanina ongayaziyo? 10Ndim Yehova opengululayo intliziyo, olingayo izintso; ukuze ndinike kubo bonke njengokwemikwa yabo, njengokwesixakato sezenzo zabo. 11Njengentendele efukamela amaqanda ingawazalanga, unjalo oqwebayo ubutyebi, koko kungengokufanelekileyo; ekuqingatisweni kwemihla yake uya kubushiya, nasekupeleni kwake woba sisityakala. 12Iterone yobungcwalisa, ipakamile kwa sekuqaleni, yindawo yengcwele yetu. 13Ulitemba lo‐Sirayeli, Yehova! bonke abakushiyayo bodaniswa; abemkayo kum baya kuba̔lwa emhlabeni, ngokuba beshiyile uyehova, umtombo wamanzi apilileyo.
14Ndipilise, Yehova! ndandiya kupiliswa; ndisindise, ndandiya kusindiswa: ngokuba wena uyindumiso yam. 15Bona ke, bati kum: Lipina ilizwi likayehova? malize ke. 16Mna kodwa andinxamanga ukuba ndingabi ngumalusi emva kwako; nomhla olusizi andiwukanukanga; wena uyazi: okupumileyo emlonyeni wam kwabako pambi kwobuso bako. 17Ungabi sisituso kum; usisipepelo sam wena emhleni welishwa. 18Mabadaniswe abatshutshisi bam, kodwa mandingadaniswa mna; mabamatiswe bona, kodwa mandingamatiswa mna: zisa pezu kwabo umhla welishwa, ubabubise ngembujiswa epindiweyo.
19WATSHO uyehova kum ukuti: Hamba uye ume esangweni losapo lwabantu, abangena ngalo okumkani bo‐Juda, nabapuma ngalo, nakuwo onke amasango e‐Yerusaleme; 20uti kubo: Yivani ilizwi likayehova, bokumkani bo‐Juda, no‐Juda bonke, nabo bonke abemi base‐Yerusaleme, abangenayo ngalamasango! 21Utsho uyehova ukuti: Zilumkeleni, ningatwali namnye umtwalo ngomhla wesabata, ningawungenisi ngamasango e‐Yerusaleme. 22Kanjako ningapumi nomtwalo ezindlwini zenu ngomhla wesabata, ningenzi namnye umsebenzi; koko niya kuwenza ngcwele umhla wesabata, njengokuba bendiyalela oyihlo benu. 23Kodwa abavanga, abatobanga indlebe kanjalo; koko benze lukuni intamo yabo, ukuze bangeva, nokuze bangayamkeli imfundiso.
24Kwakuya kuti, nxa niya kukutala ukundipulapula, utsho uyehova, ningangenisi namuye umtwalo ngamasango esisixeko ngomhla wesabata, nize niwenze ngcwele umhla wesabata, ningenzi ngawo namnye umsebenzi; 25baya kwandula bangene ngamasango esisixeko okumkani, nenkosana, behleli pezu kweterone ka‐Davide, bekwele ezinqwelweni nasemahasheni, bona nenkosana zabo, amadoda akwa‐Juda nabemi base‐Yerusaleme; sasiya kuti esisixeko sihlale kude kube ngunapakade. 26Babeya kuvela ezixekweni zakwa‐Juda, nasezindaweni zangase‐Yerusaleme, naselizweni lakwa‐Benjamine, nasetafeni, nasezintabeni, nasesuyide, bezisa amadini okutshiswa, nemibingo, neminikelo yokudla, nentlakamhlope, kunye nabazisayo iminikelo yokubulela, endlwini kayehova.
27Kodwa nxa ningayi kundipulapula, ukuba niwenze ngcwele umhla wesabata, nokuba ningatwali namnye umtwalo, koko niya kungena ngamasango e‐Yerusaleme ngomhla wesabata; ndiya kwandula ndipembe umlilo emasangweni ayo, oya kuzidla ingxande zase‐Yerusaleme, ungacinywa.