1Kwaye kute kwa ngalomnyaka, ekuqaleni kwobukumkani buka‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda, ngowesine umnyaka, ngenyanga yesihlanu, wateta kum u‐Hananiya unyana ka‐Hazure umprofite, owase‐Gibeyone, endlwini kayehoya, pambi kwamehlo abaperisite nabo bonke abantu, esiti: 2Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, esiti: Ndiyapule iyokwe yokumkani we‐Babilone. 3Kungekapeli iminyaka mibini ndiya kubuyisela kulendawo zonke impahla zendlu kayehova, owati u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone wazisusa kulendawo, wazisa e‐Babilone. 4Naye u‐Yekoniya unyana ka‐Yoyakime ukumkani wo‐Juda, nabo bonke abatinjwa bakwa‐Juda abaya e‐Babilone, ndobabuyisela kulendawo, utsho uyehova: ngokuba ndiya kuyapula iyokwe yokumkani we‐Babilone.
5Wandula u‐Jeremiya umprofite wati ku‐Hananiya umprofite, pambi kwamehlo abaperisite, napambi kwamehlo abantu bonke abebemi endlwini kayehova, 6ewe, wati u‐Jeremiya umprofite: Amene, makenje njalo uyehova! makafeze uyehova amazwi ako uwaprofiteshileyo, ngokubuyisa impahla zendlu kayehova, nabo bonke abatinjwa, e‐Babilone, beze kulendawo! 7Kodwa yiva ke elilizwi endilitetayo ezindlebeni zako, nasezindlebeni zabantu bonke: 8Abaprofite abebepambili kum napambili kuwe kudala, baprofitesha nabo ngakuwo amazwe amaninzi, nangakubo ubukumkani obukulu, ngemfazwe, nangelishwa, nangesifo esibubisayo. 9Umprofite oprofiteshayo ngoxolo, lakuza kubako ilizwi lomprofite, uyaziwa umprofite lowo, ngokuba uyehova emtumile ngenyaniso.
10Waza u‐Hananiya umprofite wayisusa iyokwe entanyeni ka‐Jeremiya umprofite, wayapula. 11Wayeteta u‐Hananiya pambi kwamehlo abantu bonke, esiti: Utsho uyehova ukuti: Ngokunjalo ndiya kuyapula iyokwe ka‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, kungekapeli iminyaka mibini, kwa sentanyeni yazo zonke izizwe. Wasuka u‐Jeremiya umprofite wahamba ngendlela yake.
12Koko ilizwi likayehova leza ku‐Jeremiya, emveni kwokuba u‐Hananiya umprofite ebeyapule iyokwe entanyeni ka‐Jeremiya umprofite, lisiti: 13Hamba utete ku‐Hananiya, usiti: Utsho uyehova ukuti: Iyokwe zemiti uzapule, kodwa uya kuzenza esikundleni sazo iyokwe zesincete. 14Ngokuba esitsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Iyokwe yesincete ndiyifakile entanyeni yezizizwe zonke, zize zimkonze u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone; zaziya kumkonza ke: kanjako namaṙamncwa asendle ndiwanikile kuye.
15Waza u‐Jeremiya umprofite wati ku‐Hananiya umprofite: Yiva ke, Hananiya! uyehova akakutumanga: kodwa wena uyatembisa ababantu ebuxokini. 16Ngako oko utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kukundulula ebusweni bomhlaba, lomnyaka uya kufa, ngokuba utetile impambuko ngakuye uyehova. 17Waza u‐Hananiya umprofite wafa ngalomnyaka, ngenyanga yesixe̔nxe.