1Kwaza kwati, akuba u‐Jeremiya egqibile ukuteta kubo bonke abantu onke amazwi kayehova, utixo wabo, lawo uyehova, utixo wabo, ubemtumile nawo kubo, kwa onke lamazwi; 2wandula wateta u‐Hazariya unyana ka‐Hoshaya, no‐Johanane unyana ka‐Kareha, nawo onke amadoda ar̔atshileyo, esiti ku‐Jeremiya: Uyateta ngobuxoki; uyehova, utixo wetu, akakutumanga ukuti: Aniyi kuya e‐Jipete ukupambukela kona; 3koko u‐Baruke unyana ka‐Neriya ekuvusile ngakuti, ukuze sinikelwe esandleni sama‐Kaledine, ukuba asifise, umhlaumbi asifudusele e‐Babilone. 4Kwa njalo u‐Johanane unyana ka‐Kareha, nazo zonke inkosi zezimpi, nabo bonke abantu, bebengapulapuli ilizwi likayehova, lokuba bahlale elizweni lakwa‐Juda. 5Kodwa u‐Johanane unyana ka‐Kareha, nazo zonke inkosi zezimpi, batabata sonke isisalela so‐Juda, abebebuyile kuzo zonke izizwe, apo bebegxotelwe kona, ukuza kuhlala elizweni lakwa‐Juda; 6amadoda, nabafazi, nentsapo, nentombi zokumkani, nabo bonke abantu u‐Nebuzaradane inkosi yomlisela abebashiyile naye u‐Gedaliya, unyana ka‐Ahikame, unyana ka‐Shafane, no‐Jeremiya umprofite, no‐Baruke unyana ka‐Neriya. 7Kwa njalo baya elizweni le‐Jipete; ngokuba bebengapulapuli ilizwi likayehova: bada bafika e‐Tahapanesi.
8LANDULA ilizwi likayehova leza ku‐Jeremiya e‐Tahapanesi, lisiti: 9Tabata esandleni sako amatye amakulu, uwaselele eludakeni endaweni yokugqwagqwa izitene, engasemnyango wendlu ka‐Faro e‐Tahapanesi, pambi kwamehlo ama‐Juda, 10uti kuwo:
Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kutuma ndimtabate u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, isicaka sam, ndiyibeke iterone yake pezu kwalamatye endiwaseleleyo; waeya kulolula ilengalenga elihle lake pezu kwawo. 11Waeya kuza abete ilizwe le‐Jipete: abo bamiselwe ukufa, wobanikela ekufeni; nabo bamiselwe ukutinjwa, ekutinjweni; nabo bamiselwe isiṙele, esiṙeleni. 12Ndandiya kupemba umlilo ezindlwini zotixo base‐Jipete; waeya kubatshisa, wobatimba kanjalo; uya kwambata ilizwe le‐Jipete, njengokuba umalusi esambata ingubo yake, apume kona ngoxolo. 13Nentsika zamatye zendlu yelanga, eselizweni le‐Jipete, uya kuziqekeza; nezindlu zotixo base‐Jipete uya kuzitshisa ngomlilo.