1ILIZWI likayehova elezayo ku‐Jeremiya ngabo abaheyideni: 2Ngayo i‐Jipete, ngayo impi ka‐Faro Neko ukumkani we‐Jipete, ebingasemlanjeni wom‐Ferate e‐Karakemishe, owati u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone wayibeta ngowesine umnyaka ka‐Yoyakime unyana Ka‐Josiya ukumkani wo‐Juda.
3Lungisani ikakana nekaka, nisondele ekulweni. 4Bopani amahashe, nijiwule, nina bakweli! zimiseni nineminqwazi; gudisani izikali, yambatani ihempe zentsimbi. 5Yinina lento ndibabona betusiwe, benqandiwe ngomva? Kwa amagoṙa abo acitiwe, ewe ayenza intsabo kupela, akabeki ngomva; isoyikiso singamacala onke, utsho uyehova. 6Onamendu akayi kwesaba, noligoṙa akayi kusinda; ngasenode, ecaleni lomlambo wom‐Ferate, baya kuku̔beka, baya kuwa. 7Ngubanina lo enyuka njengomlambo, omanzi azamazama njengemisinga? 8I‐Jipete iyanyuka njengomlambo, namanzi ayazamazama njengemisinga; iti: Ndiya kunyuka, ndiya kugubungela umhlaba; ndiya kutshabalalisa izixeko, nabahlala kuzo. 9Jiwulani emahasheni, maziti dlongodlongo inqwelo, namagoṙa makapume ke: ama‐Tiyopiya nama‐Pute epete ikakana, nama‐Ludi epete isipeta esityeda. 10Ngokuba umhla lo ngo?-? wenkosi, kayehova wemikosi, umhla wempindezelo apindezelwe ezintshabeni zake, nxa iṙele liya kudla, lihlute, linxiliswe ngegazi lazo; ngokuba inkosi, uyehova wemikosi, inombingo elizweni lasenode ngasemlanjeni wom‐Ferate.
11Nyuka uye e‐Gileyadi, utabate itsori, ntombi ipela yase‐Jipete! Ufumana uwandisa amayeza; akuko impiliso kuwe. 12Izizwe zivile ihlazo lako, nesikalo sako sizalisile umhlaba; ngokuba igoṙa liku̔bekile ngakulo igoṙa, awile ndawonye omabini.
13Ilizwi owaliteta uyehova ku‐Jeremiya umprofite, ngokuza kuka‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ukubeta ilizwe le‐Jipete:
14Shumayelani e‐Jipete, nivakalise e‐Migidole; ewe, vakalisani e‐Nofe nase‐Tahapanesi; niti: Zimise, uzilungiselele, ngokuba iṙele lisidla ngento ekungqongayo. 15Yinina lento amaṙoti ako akukulisiwe? Akema, ngokuba uyehova ewapenule. 16Uyandisa abaku̔bekayo, ewe, bayantliteka omnye ngakuye omnye; bati: Sukani, masibuyele ebantwini bakowetu, naselizweni lokuzalwa kwetu, ngenxa yesiṙele esibandezelayo. 17Badanduluka kona, besiti: u‐Faro, ukumkani we‐Jipete, uyintshabalalo; ixesha elimiselweyo ulidlulisile. 18Ndihleli nje, utsho ukumkani, ogama li nguyehova wemikosi, ngenyaniso, njengokuba i‐Tabore ipakati kwentaba, ne‐Karamele ingaselwandle, uyeza! 19Zenzele impahla zokufuduka, wena ntombi umiyo e‐Jipete! ngokuba i‐Nofe yoba yinto yokucitakaliswa, neyokufacwa, ingenabemi. 20I‐Jipete ilitokazi elihle kakulu; intshabalaliso ivela enode ingenile kuyo. 21Kwa abaqeshwa abapakati kwayo banjengamatole atyetyisiweyo; koko kwa bona bajikile, besabile kunye, abemanga: ngokuba umhla wembujiswa yabo ize pezu kwabo, ixesha lokwohlwaywa kwabo. 22Ilizwi layo liya kupuma njengelenyoka; ngokuba beya kuhamba ngobuṙoti, beze ngakuyo namazembe, njengabagauli bemiti. 23Baya kuhlahla ihlati layo, utsho uyehova, nangona lingapandekiyo; ngokuba bebaninzi pezu kwenkumbi, ewe, abanakubalwa. 24Intombi yase‐Jipete idanisiwe, inikelwe esandleni sabantu basenode. 25Uti uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli: Bona ke, ndiya kwohlwaya u‐Amoni wase‐No, no‐Faro, ne‐Jipete, notixo bayo, nokumkani bayo, kwa u‐Faro, nabo batemba kuye. 26Ndandiya kubanikela esandleni sabo babufunayo ubomi babo, kwa sesandleni sika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, nasesandleni sezicaka zake: kodwa emva kwoko iya kumiwa njengasemihleni yakudala, utsho uyehova.
27Kodwa wena, ungoyiki, sicaka sam Yakobi! ungetuswa kanjalo, Sirayeli! ngokuba, bona ke, ndiya kukusindisa kwa kude, nenzalo yako elizweni lokutinjelwa kwabo; waeya kubuya u‐Yakobi, abe nokupumla, onwabe, kungeko oya kumnkwantyisa. 28Ungoyiki, sicaka sam Yakobi! utsho uyehova, ngokuba ndinawe mna; nangona ndikwenza ukugqitywa kuzo zonke izizwe apo ndikugxotele kona, andiyi kwenzela wena ukugqitywa noko; kodwa ndiya kukwohlwaya ngokufanelekileyo, ndingagqibeli ukukuyeka ungabi natyala.