Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Kwoba nzima kuyo i‐Nebo, ngokuba icitakalisiwe; i‐Kiriyatayime idanisiwe, ibanjiwe; i‐Misigabe idanisiwe, imatisiwe. 2Ukuqa̔yisa kwe‐Mowabi ngayo i‐Heshebone akuseko; baqingile ilishwa ngakuyo, besiti: Yizani, siye siyinqamle ingabi sisizwe; nawe, Madimene! uya kubujiswa; isiṙele sokulandela. 3Ilizwi lesikalo livela e‐Horonayime, ucitakalo notshabalalo olukulu. 4I‐Mowabi itshabalele; abancinane bayo bavakalisile isikalo. 5Ngokuba eqineni lase‐Luhiti ukulila kunyuka pezu kwokulila; ngokuba etambekeni lase‐Horonayime intshaba zisiva isikalo sotshabalalo. 6Sabani, sindisani ubomi benu, nibe njengomti weharohere entlango. 7Ngokuba ngenxa yokutemba kwako emisebenzini yako nasezindyetyeni zako, uya kubanjwa nawe: no‐Kemoshe yena uya kumka aye ekutinjweni, abaperisite bake nenkosana zake kwa kunye. 8Kanjalo umfaci uya kuza ezixekweni zonke, side singasindi nasinye isixeko: umhlambo nawo woti tshabalala, netafa liya kucitakaliswa, njengokuba etshilo uyehova. 9Nikani amapiko kuyo i‐Mowabi, ize ibaleke imke ke, nezixeko zayo zibe yingcitakalo, kungabiko ohlala kuzo. 10Makaqalekiswe lowo owenza umsebenzi kayehova ngenkohliso: makaqalekiswe nalowo obambayo isiṙele sake egazini.
11U‐Mowabi ube wonwabile kwa sebutsheni bake, upumlile ezintlengeni zake; akatululwanga kwifatye ngefatye, akayanga ekutinjweni kanjako; ngako oko isongo sake simi kuye, nevumba lake aliguqukanga. 12Ngako oko, bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, nxa ndiya kutuma kuye abapenuli, abaya kumpenula, nefatye zake baya kuzenza zé, namagubu abo bowaqoba. 13Waye u‐Mowabi eya kudanela u‐Kemoshe, njengokuba indlu ka‐Sirayeli ibidanela i‐Betele, itemba labo.
14Ungati nina ukuti: Singamagoṙa tina, namadoda amandla ekulweni? 15U‐Mowabi ucitiwe, nezixeko zake zinyukile ngomsi: abanyulwa kwamadodana ake behlele ekubulaweni; utsho ukumkani, ogama li nguyehova wemikosi. 16Ingozi ka‐Mowabi ikufupi ukuza, nelishwa lake liyanxama kakulu. 17Mncwineleni, nina nonke abamgqongayo, nani nonke abalaziyo igama lake; yitini: Injanina ukwapuka intonga enamandla, uswazi oluhle! 18Yihla ebungcwaliseni, uhlale pantsi enxanweni, wena mhlalikazi, ntombi yase‐Dibone! ngokuba umciti ka‐Mowabi eya kunyuka ngakuwe; uya kuzonakalisa inqaba zako. 19Yima endleleni, uqolosele, wena mhlalakazi wase‐Harohere! Buza indoda esabileyo, nomfazi osindileyo, uti: Yinto nina ehlileyo? 20U‐Mowabi udanisiwe, ngokuba etiwe shwaqe; lila, ukale; xelani e‐Arenone, ukuba u‐Mowabi ucitiwe. 21Kufikile umgwebo napezu kwelizwe elibutafa; pezu kwe‐Holone, napezu kwe‐Yahetsa, napezu kwe‐Mefahate, 22napezu kwe‐Dibone, napezu kwe‐Nebo, napezu kwe‐Bete‐dibelatayime, 23napezu kwe‐Kiriyatayime, napezu kwe‐Bete‐gamule, napezu kwe‐Bete‐mehone, 24napezu kwe‐Keriyote, napezu kwe‐Botsera, napezu kwazo zonke izixeko zelizwe le‐Mowabi, ezikude nezikufupi. 25Upondo luka‐Mowabi lunqunyulwe, nengalo yake yapukile, utsho uyehova. 26Mnxiliseni; ngokuba ezenze mkulu ngakuye uyehova; aze u‐Mowabi aqikileke emhlanzweni wake, abe yinto yokugculelwa kwa yena. 27Ngokuba ebengeyinto yokugculelwa kuwe na u‐Sirayeli? ebefunyanwa pakati kwamasela na? ngokuba nxa ubusukuba uteta ngaye, wahlunguzela intloko. 28Shiyani izixeko, nihlale eweni, nina bemi bakwa‐Mowabi! nize nibe njengehobe, eliyenza indlu yalo emacaleni omlomo womqolomba. 29Sivile ir̔atshi lika‐Mowabi, (uner̔atshi kakulu,) uqanqalazo lwake, ner̔atshi lake, nokuzidla kwake, nobupakamo bentliziyo yake. 30Ndiyazi mna ukukukumala kwake, utsho uyehova, ukuba kokungendawo; ilwimi zake zikwenzile okungendawo. 31Ngako okondiya kulila pezu kwe‐Mowabi, ewe, ndoyikalela i‐Mowabi yonke; amadoda ase‐Kire‐harese intliziyoyam yowancwinela. 32Ngokulila kwabase‐Yahezere ndiya kulilela wena, mti weveyine wase‐Sibama! amahlumelo ako agqitela elwandle, afikelela elwandle lwase‐Yahezere: pezu kweziqa̔mo zehlobo zako napezu kwokuvunwa kwemiti yeveyine yako umfaci uwile. 33Kususiwe uvuyo nomgcobo entsimini ecu̔mileyo, kwa selizweni le‐Mowabi; ngokuba ndipelisile iveyine ezincinezelweni; akuyi kubako oxovulayo ngomemezo: umemezo lwabo aluyi kuba lulo umemezo. 34Ngenxa yesikalo se‐Heshebone kwada kwase‐Elehale, kwada kwase‐Yahetsa, baku̔pile ilizwi labo, kwa se‐Tsohare kwada kwase‐Horonayime, njengetokazi eliminyaka mitatu: ngokuba amanzi ase‐Nimra eyingcitakalo nawo. 35Ndandiya kupelisa e‐Mowabi, utsho uyehova, lowo onikela pezu kwendawo epakamileyo, nalowo oqu̔misela otixo bake. 36Ngako oko intliziyo yam yohlokomela i‐Mowabi njengemilozi, ewe, intliziyo yam yohlokomela amadoda ase‐Kire‐harese njengemilozi, ngenxa yokuba ubuninzi abuqwebileyo bububile. 37Okunene intloko zonke zibunqai, nazo zonke indevu ziguyiwe; pezu kwezandla zonke kuko iziqapulo, napezu kwezinqe intlakantlaka. 38Pezu kwezindlu zonke zase‐Mowabi, nakuzo zonke izitarate zayo, kuko isijwili; ngokuba ndiqekezile i‐Mowabi njengesitya ekungeko inyamekelo kuso, utsho uyehova. 39Bayalila ngokuti: Injanina ukutiwa shwaqe! Unjanina u‐Mowabi ukunika umhlana ngokudana! Kwa njalo u‐Mowabi woba yinto yokugculelwa nesituso kubo bonke abamngqongayo. 40Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Bona ke, uya kubaleka njengokozi, atwabulule amapiko ake pezu kwe‐Mowabi. 41I‐Keriyote ibanjiwe, nenqaba zitinjiwe; yoti intliziyo yamagoṙa akwa‐Mowabi ngomhla lowo ibe njengentliziyo yomfazi osenimbeni. 42Ngokuba u‐Mowabi eya kutshatyalaliswa angabi ngabantu, ngokokuba ezenze mkulu ngakuye uyehova. 43Isoyikiso, nesihogo, nomgibe, zipezu kwako, wena umiyo kwa‐Mowabi! utsho uyehova. 44Lowo usabayo isoyikiso, uya kweyela esihogweni; nalowo unyukayo esihogweni, uya kubanjiswa emgibeni: ngokuba ndiya kuzisa pezu kwayo i‐Mowabi umnyaka wokwohlwaywa kwabo, utsho uyehova. 45Abasabileyo bema bengenamandla emtunzini we‐Heshebone; koko kupumile umlilo e‐Heshebone, nelangatye kwa pakati kwe‐Sihone, odlileyo amacala ase‐Mowabi, nokakai lwonyana bempitimpiti. 46Kwoba nzima kuwe, Mowabi! abantu baka‐Kemoshe batshabalele; ngokuba onyana bako besuselwe ekutinjweni, nentombi zako ekutinjweni. 47Kodwa ndiya kubuyisa ukutinjwa kwe‐Mowabi emihleni yokupela, utsho uyehova.