U‐Jobi 20
1WABUYA wapendula u‐Tsofare um‐Nahama, wati:
2Ngako oko izicingo zam ziyandipendulisa, nangenxa yokunxama kwam okukum. 3Ukukalimela okundihlazisayo ndikuvile; ngako umoya wengqondo yam wondipendulela.
4Oku akukwazi na, kwa kudala nje, kuseloko kwabekwayo umntu pezu kwomhlaba, 5ukuba ukuvuyelela kwabakohlakeleyo kufutshane, nokuba ukugcoba kwomginwa kokwepanyazo? 6Nakuba ukupakama kwake kunyukela ezulwini, nentloko yake ifikelela emafini; 7uya kububa noko njengelake ilindle kude kube ngunapakade: abo bambonileyo boti: Upina? 8Uya kubaleka njengepupa, angafunyanwa ke; waeya kugxotwa njengomboniso wobusuku. 9Iliso elamkangelayo aliyi kupinda ukumkangela; nendawo yake yona ayiyi kubuya imbone. 10Abantwana bake bonxenxezela amahlwempu; ewe ezake izandla ziya kubuyisa ubutyebi bake. 11Amatambo ake azele sisono sobufana bake, esiya kulala pantsi naye elutulini.
12Nakuba inkohlakalo imnandi emlonyeni wake, ayifihle ngapantsi kwolwimi lwake, 13ayilondoloze, angayiyeki nokuyiyeka, koko ayibambe isepakati kwekuhlangubo lake, 14ukutya kwake kwoguqulelwa ematunjini ake, kwoba yinyongo yamaṙamba embilini wake. 15Ubutyebi ubuginyile, kanti wobuya abuhlanze; utixo wobukupa esiswini sake. 16Ubuhlungu bamaṙamba uya kubumungunya; ulwimi lwenyushu luya kumbulala. 17Akayi kubonela imijelo, — imisinga yemilanjana yobusi namasi. 18Inzuzo yake woyibuyisa, angayiginyi; kwobuyekezwa ngokwobutyebi bake, angagcobi ke. 19Ngokuba encinezele walahla amahlwempu, indlu ayipangileyo akayi kuyaka. 20Ngokuba ebengakwazi ukwonwaba embilini wake, akayi kusindisa nto yokunqwenela kwake. 21Bekungeko naliva ekutyeni kwake; ngako oko abuyi kuqina ubutamsanqa bake. 22Ekuzaleni kwobuninzi bake woba seluxinezelweni; izandla zabalusizi bonke zoza pezu kwake. 23Kwobako into yokuzalisa isisu sake; u‐Tixo uya kutuma pezu kwake ubushushu bomsindo wake, abunise pezu kwake ekudleni kwake. 24Uya kusaba isikali sesincete; siya kumbadluza isipeta sexina. 25Utolo luyar̔olwa, luyapuma emzimbeni, neṙele elibengezelayo enyongweni yake; uyemka, izituso zipezu kwake. 26Ubumnyama bonke bubekelelwa izinto zake ezibekelweyo; uya kumgqiba umlilo ongavutelwanga; woza elishweni lowo useleyo ententeni yake. 27Izulu liya kutyila inkohlakalo yake, nomhlaba wopakama ngakuye. 28Indyebo zendlu yake ziya kumka, — zikukuliswa emhleni womsindo wake. 29Oku kusisabelwa somutu okohlakeleyo sivela kutixo, nelifa lokumiselwa kwake ngutixo.
Bible Society of South Africa 1902