U‐Jobi 8
1WAZA wapendula u‐Biledadi um‐Shuha, wati:
2Kwoda kube ninina uya kuteta ezizinto, ati amazwi omlomo wako abe ngumoya onamandla? 3Utixo wopambukisa ugwebo na? kanjalo usomandla wopambukisa ubulungisa na? 4Ukuba abantwana bako bonile ngakuye, waza wabagxota ngako ukugqita kwabo: 5ukuba ubufuna ngokutalo kutixo, wataṙuzisa kuye usomandla; 6ukuba ubungongcwengekileyo nolungisayo; ngenyaniso kaloku ebeya kuvuka ngenxa yako, atamsanqelekise ikaya lokulunga kwako. 7Nakuba ukuqala kwako bekukuncinane, okwasemva kwako bekuya kuba kukulu kunene.
8Kodwa kaubuze isizukulwana sapambili, uzibekise ekufuniselweni kwoyise baso: 9(ngokuba singabezolo tina, singazi nje; ngokuba isisitunzi imihla yetu emhlabeni:) 10abayi kukufundisa bona na, bakutetele, bapumise entliziyweni yabo amazwi? — okuti:
11Ingcongolo ingazipakamisa na lungeko udaka? umkanzi ungakula na engeko amanzi? 12Nxa usenabo ubuhlaza bawo, ungekasikwa, uyapangela inca zonke ngokubuna. 13Zikwa njalo indlela zabo bonke abamlibalayo utixo; netemba lomginwa lona liya kububa: 14okukangela kuya kunqanyulwa, nokutembela kwake kwoba yindlu yesigcawo. 15Uya kwayama kwindlu yake, kanti ayiyi kuma; uya kubambelela kuyo, kanti ayiyi kuhlala iqinile. 16Ucumile ebusweni belanga, nehlumelo lake liyapumela pezu kwesitiya sake. 17Pezu kwemfumba ingcambo zake zijijene; indawo yamatye uyayibona. 18Nxa atshatyalaliswayo endaweni yake, yoza imkanyele, isiti: Andikubonanga. 19Bona ke, olu luvuyo lwendlela yake; bati abanye bahlume elutulini.
20Bona ke, utixo akayi kumlahla ofezekileyo; akayi kubamba abenzi bokubi ngesandla kanjalo. 21Nxa asazalisa ikuhlangubo lako ngohleko, nomlomo wako ngomemezo lwomgcobo, 22abatiyi bako baya kwambatiswa idano: kanti intente yabakohlakeleyo ayiyi kuba iseko.
Bible Society of South Africa 1902