1KWAYE kute, xeshekweni bekuviwe ngu‐Adoni‐tsedeki ukumkani we‐Yerusaleme, okokuba u‐Yoshuwa seletimbile i‐Hahai, nokuba uyilahlele ekutshatyalalisweni; enzele njalo nje i‐Hahai nokumkani wayo, njengokuba ebenzele i‐Jeriko nokumkani wayo; nokokuba abemi base‐Gibeyone benzile uxolo no‐Sirayeli, nokuba bako pakati kwabo; 2bandula boyika kakulu, ngokuba i‐Gibeyone ibisisixeko esikulu, njengesinye sezixeko zobukumkani, nangokuba ibinkulu pezu kwe‐Hahai, nokuba onke amadoda ayo ebengamagoṙa. 3Ngako watuma u‐Adoni‐tsedeki ukumkani we‐Yerusaleme, ku‐Hohame ukumkani we‐Hebrone, naku‐Pirame ukumkani we‐Yaremute, naku‐Yafiya ukumkani we‐Lakishe, naku‐Debire ukumkani we‐Heglone, esiti: 4Nyukani nize kum, nindincede, ukuba sibete i‐Gibeyone; ngokuba ilwenzile uxolo no‐Yoshuwa nosapo luka‐Sirayeli. 5Ngako bahlanganisana okumkani baba‐Amori bebahlanu, ukumkani we‐Yerusaleme, ukumkani we‐Hebrone, ukumkani we‐Yaremute, ukumkani we‐Lakishe, nokumkani we‐Heglone, kwa bona nayo yonke imikosi yabo, benyuka ke, baya bayiṙaula i‐Gibeyone, balwa ngakuyo.
6Aza amadoda ase‐Gibeyone atuma ku‐Yoshuwa emnqubeni e‐Gilegale, esiti: Ungabambi isandla sako ezicakeni zako; kauleza ukunyukela kuti, usisindise, usincede: ngokuba bebutelene ngakuti bonke okumkani baba‐Amori abahleliyo ezintabeni. 7Wandula wenyuka u‐Yoshuwa e‐Gilegale, yena nabo bonke abantu bokulwa kunye naye, kwa onke amagoṙa abuṙoti. 8Wayesiti uyehova ku‐Yoshuwa: Ungaboyiki, ngokuba ndibanikile esandleni sako; akuyi kuma namnye kubo pambi kwako. 9Waya u‐Yoshuwa wabazuma, enyukile nje e‐Gilegale ubusuku bonke. 10Waza uyehova wabapitizelisa pambi kwo‐Sirayeli, abababulala ngesibulalo esikulu ngase‐Gibeyone, babasukela ngendlela yeqina lase‐Bete‐horone, bababeta kude kwase‐Hazeka, nakude kwase‐Makeda. 11Kwaza kwati, ekusabeni kwabo ebusweni bo‐Sirayeli, besetambekeni lase‐Bete‐horone, wandula uyehova waposa pezu kwabo amatye amakulu ezulwini, kwada kwase‐Hazeka, bada bafa: babebaninzi abo bafileyo ngezico̔to, pezu kwabo babuleweyo lusapo luka‐Sirayeli ngesiṙele.
12Oko wateta u‐Yoshuwa kuyehova, ngomhla uyehova wabanikela aba‐Amori ebusweni bosapo luka‐Sirayeli, wati pambi kwamehlo abo o‐Sirayeli: Langa, uti nqumama pezu kwe‐Gibeyone; nawe, nyanga, pezu kwomhlambo wase‐Ajalone! 13Laza lenqumama ilanga, yahlala nenyanga, bada abantu bazipindezelela kwintshaba zabo. Akuba̔lwanga na oku encwadini ka‐Yashere? Kwa njalo ilanga lati nqumama ngasekuhlanganeni kwezulu, linganxamanga ukutshona nje wanga ngumhla upela. 14Awabiko onjengawo umhla lowo, napambi kwawo nasemva kwawo, ukuba wapulapula uyehova ilizwi lomntu: ngokuba uyehova ebelwela o‐Sirayeli. 15Waza u‐Yoshuwa wabuyela emnqubeni e‐Gilegale, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye.
16Kodwa okumkani abo bobahlanu besaba, baya bazimela emqolombeni e‐Makeda. 17Kwaza kwaxelwa ku‐Yoshuwa, kusitwa: Bafunyenwe okumkani abo bobahlanu, bezimele emqolombeni e‐Makeda. 18Wayesiti u‐Yoshuwa: Qengqani amatye amakulu ngasemlonyeni womqolomba, niwamise amadoda ngakuwo ukuba abalinde: 19kanti ningahlali nina, ziputumeni intshaba zenu, nibabete abasemva bazo: ningazivumeli ukuba zingene ezixekweni zazo; ngokuba uyehova, utixo wenu, ezinikele esandleni senu.
20Kwaza kwati, nxa asel’ egqibile u‐Yoshuwa, nosapo luka‐Sirayeli, ukuzibulala ngesibulalo esikulu kunene, zada zagqityelwa; nokuba abaseleyo, abebesele kuzo, bebengenile ezixekweni ezinqatyisiweyo; 21bandula bonke abantu babuyela emnqubeni ku‐Yoshuwa, e‐Makeda, ngoxolo: bekungeko namntu owabaza ulwimi lwake ngakulo usapo luka‐Sirayeli.
22Waza wati u‐Yoshuwa: Nqikani umlomo womqolomba, nindikupele okumkani abo bobahlanu emqolombeni. 23Benje njalo ke, bamkupela okumkani abo bobahlanu emqolombeni: ukumkani we‐Yerusaleme, ukumkani we‐Hebrone, ukumkani we‐Yaremute, ukumkani we‐Lakishe, nokumkani we‐Heglone. 24Kwaza kwati, bakuba bekupele ku‐Yoshuwa okumkani abo, wandula u‐Yoshuwa wabiza onke amadoda akwa‐Sirayeli, wati kubapati bamadoda okulwa, abebehambile naye: Sondelani, nibeke inyawo zenu pezu kwentamo zokumkani aba. Basondela ke, bazibeka inyawo zabo pezu kwentamo zabo. 25Waye u‐Yoshuwa esiti kubo: Ningoyiki, ningatuswa nokutuswa; yomelelani, nikalipe: ngokuba kungokunjalo aya kwenza uyehova kuzo zonke intshaba zenu, eniya kulwa nazo.
26Wati u‐Yoshuwa emva kwoko, wababeta, wabafisa, waza wabaxo̔ma pezu kwemiti yamihlanu; baye bexo̔meka pezu kwemiti leyo kwada kwahlwa. 27Kwaye kute ngexesha lokutshona kwelanga, waxela u‐Yoshuwa ukuba mabatulwe emitini; baza babaposa emqolombeni, apo babezimele kona, bawabeka amatye amakulu emlonyeni womqolomba, akoyo kwa namhla nje.
28Waye u‐Yoshuwa kwa ngalomini wayitimba i‐Makeda, wayibeta ngohlangoti lweṙele; nokumkani wayo wamlahlela ekutshatyalalisweni, bona, nayo yonke imipefumlo ebikuyo: akashiya namnye oseleyo: wenza nakukumkani we‐Makeda, njengokuba ebenze kukumkani we‐Jeriko.
29Wasuka u‐Yoshuwa, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye, wagqita e‐Makeda waya e‐Libena, walwa ngase‐Libena. 30Waza uyehova wayinikela nayo, nokumkani wayo, esandleni so‐Sirayeli; wayibeta ngohlangoti lweṙele, nayo yonke imipefumlo ebikuyo; akashiya kuyo namnye oseleyo; wenza nakukumkani wayo, njengokuba ebenze kukumkani we‐Jeriko.
31Wasuka u‐Yoshuwa, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye, wagqita e‐Libena waya e‐Lakishe, wayiṙaula, walwa ngakuyo. 32Waza uyehova wanikela i‐Lakishe esandleni so‐Sirayeli; wayitimba ngemini yesibini, wayibeta ngohlangoti lweṙele, nayo yonke imipefumlo ebikuyo, njengako konke abekwenzele i‐Libena.
33Oko wenyuka u‐Horame, ukumkani we‐Gezere, ukuza kunceda i‐Lakishe; kodwa u‐Yoshuwa wabeta yena nabantu bake, ada akamshiyela namnye oseleyo.
34Wasuka u‐Yoshuwa, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye, wagqita e‐Lakishe waya e‐Heglone; baza bayiṙaula, balwa ngakuyo. 35Bayitimba ke kwa ngalomini, bayibeta ngohlangoti lweṙele; nayo yonke imipefumlo ebikuyo wayilahlela ekutshatyalalisweni ngemini leyo, njengako konke abekwenzele i‐Lakishe.
36Wasuka u‐Yoshuwa, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye, wenyuka e‐Heglone waya e‐Hebrone; baza balwa ngakuyo. 37Bayitimba ke, bayibeta ngohlangoti lweṙele, nokumkani wayo, nazo zonke izixeko zayo, nayo yonke imipefumlo ebikuyo; akashiya namnye oseleyo, njengako konke abekwenzele i‐Heglone; wayilahlela ekutshatyalalisweni, nayo yonke imipefumlo ebikuyo.
38Waza wabuya u‐Yoshuwa, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye, waya e‐Debire, walwa ngakuyo. 39Wayitimba ke, nokumkani wayo, nazo zonke izixeko zayo; baza bababeta ngohlangoti lweṙele, bayilahlela ekutshatyalalisweni yonke imipefumlo ebikuyo: akashiya namnye oseleyo; njengokuba ebenze kuyo i‐Hebrone, wenje njalo kuyo i‐Debire nakukumkani wayo, nanjengokuba ebenze kuyo i‐Libena nakukumkani wayo.
40Kwa njalo u‐Yoshuwa wabeta lonke ilizwe lasezintabeni, nelasesuyide, nelezihlambo, nelemifula, nabo bonke okumkani babo; akashiya namnye oseleyo; kwa bonke abapefumlayo wabalahlela ekutshatyalalisweni, njengokuba wabeyalela uyehova, utixo wo‐Sirayeli. 41Waye u‐Yoshuwa wababeta kuqaliwe e‐Kadeshebaneha kude kwafikwa e‐Gaza, nalo lonke ilizwe lase‐Goshene, nakude kwase‐Gibeyone. 42Bonke okumkani aba, nelizwe labo, wabatimba u‐Yoshuwa ngexesha linye: ngokuba uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ebebalwela o‐Sirayeli. 43Waza u‐Yoshuwa wabuyela emnqubeni e‐Gilegale, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye.