1KWAYE kute, kwakuba ntsuku ninzi emva kwokuba uyehova ebebapumzile o‐Sirayeli kuzo zonke intshaba zabo ezingqongayo, nxa u‐Yoshuwa wabemdala, ekolisile ukuba nemihla; 2wandula u‐Yoshuwa wabiza bonke o‐Sirayeli, abadala babo, nentloko zabo, nabagwebi babo, namagosa abo, wati kubo: Mna, sendimdala, ndikolisile ukuba nemihla; 3nani, nikubonile konke akwenzileyo uyehova, utixo wenu, kuzo zonke ezintlanga ngenxa yenu: ngokuba uyehova, utixo wenu, nguye onilweleyo. 4Kangelani, sendinabele ngeqashiso ezintlanga eziseleyo, zibe lilifa ezizweni zenu, kutabata e‐Yoredane, nazo zonke intlanga endizinqamlileyo, kude kube selwandle olukulu ngasekutshoneni kwelanga.
5Noyehova, utixo wenu, yena uya kuzisantsulisa ebusweni benu, azigqogqe kwa pambi kwenu; naniya kufuya ilizwe lazo, njengokuba etshilo uyehova, utixo wenu, kuni. 6Ize nomelele kakulu, ukuba nikugcine nikwenze konke okuba̔liweyo encwadini yomteto ka‐Mosesi, ukuze ningapambuki kuyo nangasekunene nangasekohlo; 7ukuze ningangeni kwezintlanga, ezi ziseleyo nani: kanjako igama lotixo bazo ningalikankanyi, ningafungisi ngabo, ningabakonzi, ningatobi nokutoba pambi kwabo; 8kodwa namatelani kuyehova, utixo wenu, njengokuba nenzile kwada kwanamhla nje. 9Ngokuba uyehova egqogqile pambi kwenu intlanga ezinkulu nezinamandla; kodwa nina, akemanga namnye umntu ebusweni benu kwada kwanamhla nje. 10Indoda ibe nye kuni iya kusukela iwaka: ngokuba uyehova, utixo wenu, nguye onilwelayo, njengokuba etshilo kuni. 11Zilumkeleni kunene ngoko, ukuba nimtande uyehova, utixo wenu.
12Ngokuba nxa nika nibuye, nize ninamatele kwisisalela sezintlanga, ezi ziseleyo nani, nitshatiselane nazo, ningene kuzo, nazo zingene kuni; 13qinisani ukwazi ukuba uyehova, utixo wenu, akasayi kupinda ukuzigqogqa ezintlanga pambi kwenu; kodwa ziya kuba zizisinga nemigibe kuni, nentswazi emacaleni enu, nezihlaba emehlweni enu, nide nibube kwelilizwe lilungileyo, enilipiweyo nguyehova, utixo wenu.
14Kanjalo bona ke, ndihamba namhla ngendlela yomhlaba wonke; naniya kwazi ngayo yonke intliziyo yenu, nangawo wonke umpefumlo wenu, ukuba akutshitshanga nanye into kuzo zonke izinto ezilungileyo, azitetileyo uyehova, utixo wenu, ngani; zonke zize kubako kuni, akutshitshanga nto kuzo noko inye. 15Ngako kuya kuti, njengokuba kuze pezu kwenu zonke izinto ezilungileyo, abeziteta uyehova, utixo wenu, kuni; kwa njalo uyehova uya kuzisa pezu kwenu zonke izinto ezimbi, ade anitshabalalise kwelilizwe lilungileyo, enilipiweyo nguyehova, utixo wenu, 16nxa nigqitayo ucebano lukayehova, utixo wenu, aniyaleleyo ngalo, niye nikonze otixo bambi, nitobe pambi kwabo; kanjako yovuta ngakuni ingqumbo kayehova, naniya kububa kamsinyane kwelolizwe lilungileyo enilipiweyo nguye.