1WAVUKA kusasa u‐Yoshuwa ngomnye umhla; baza banduluka e‐Shitime, baya e‐Yoredane, yena nalo lonke usapo luka‐Sirayeli; balalisa kona, bengekaweli.
2Kwaye kute, ekupeleni kwemihla mitatu, andula amagosa acanda pakati kwomnquba, 3ayalela abantu ngokuti: Nxa nibonayo ityeya yocebano lukayehova, utixo wenu, nabaperisite abangaba‐Levi beyitwele, niya kwandula ninduluke endaweni yenu, niyilandele. 4Kwobako kodwa umgama pakati kwenu nayo, ube ungati ngamawaka mabini ekubite ngomlinganiso; ningasondeli kuyo, ukuze niyazi indlela eniya kuhamba ngayo: ngokuba ningadlulanga ngalendlela ixesha lapambili.
5Wayesiti u‐Yoshuwa ebantwini: Zingcwaliseni! ngokuba ngomso uyehova eya kuyenza imimangaliso pakati kwenu.
6Kanjalo wateta u‐Yoshuwa kubaperisite, esiti: Funqulani ityeya yocebano, niwele pambi kwabantu. Baza bayifunqula ityeya yocebano, bahamba pambi kwabantu.
7Wayesiti uyehova ku‐Yoshuwa: Kwa namhla nje ndiya kuqala ukukwenza mkulu emehlweni o‐Sirayeli bonke, ukuze bakwazi ukuba ndiya kubako nawe, njengokuba ndibe ndiko no‐Mosesi. 8Ngako uya kubayalela abaperisite, abatwele ityeya yocebano, ngokuti: Xeshekweni nifika eludinini lwamanzi ayo i‐Yoredane, niya kuti nqumama e‐Yoredane.
9Waza u‐Yoshuwa wati kulo usapo luka‐Sirayeli: Sondelani apa, nive amazwi ake uyehova, utixo wenu. 10Wayesiti u‐Yoshuwa: Kungoku eniya kwazi ukuba utixo ohleliyo upakati kwenu, nokuba uya kugqibela ukugqogqa pambi kwenu aba‐Kanane, nama‐Hete; nama‐Hivi, nama‐Perizi, nama‐Giregashe, naba‐Amori, nama‐Yebusi. 11Bona ke, ityeya yocebano, e yenkosi yomhlaba wonke, iyawela pambi kwenu e‐Yoredane. 12Ngako kaloku zicapuleleni amadoda abe lishumi linamabini kuzo izizwe zo‐Sirayeli, ibe yindoda inye ngesizwe ngesizwe. 13Kwakuya kuti, kwakupumla imizantsi yenyawo zabaperisite abatwele ityeya kayehova, inkosi yomhlaba wonke, emanzini e‐Yoredane, seleya kunqanyulwa amanzi ase‐Yoredane, amanzi ehlayo entla; aeya kuma emfumbeni nye.
14Kwaza kwati, bakunduluka abantu ezintenteni zabo ukuya kuwela i‐Yoredane, nabaperisite beyitwele ityeya yocebano pambi kwabantu; 15naxeshekweni abo batwalayo ityeya base befike e‐Yoredane, nenyawo zabaperisite abatwalayo ityeya zibe zintywilisiwe eludinini lwamanzi; (ngokuba i‐Yoredane izalele pezu kwazo zonke indonga zayo kwa yonke imihla yokuvuna;) 16andula ema amanzi ehlayo entla, apakama emfumbeni nye, kwa kude kakulu ne‐Adame, isixeko esingasecaleni le‐Tsaretane; ati ke lawo abehlela ngakulo ulwandle lwasetafeni, ulwandle olutyuwa, agqityelwa ukunqanyulwa: baza abantu bawela malungana ne‐Jeriko. 17Koko abaperisite, abebetwala ityeya yocebano lukayehova, baqinisa ukuma pezu kwowomileyo umhlaba pakati kwe‐Yoredane; baza o‐Sirayeli bonke bawela pezu kwowomileyo umhlaba, bada bagqiba bonke abantu ukuwela i‐Yoredane.